UBOMI NGAM

UBOMI NGAM UBOM NGAM IS TRUE PERSONAL ON GOING STORY. THIS STORY REVEALS THE SYSTEM LOOPHOLES THAT LEFT THE LAW BENEFICIARIES AS LAW VICTIMS.

15/10/2021

Ndiyazi ukuba zininzi ingxwelerha zomthetho ezinye zafa kuba,umthetho ngumthetho ayikho into onoyenza ungenamali okanye ungenguye usaziwayo.
Sithini sikhalazele abantu aba-abusa umthetho kuba benako ukuwu-Abusa.Ngenxa bengenziwa kwanto abo banjlo.She dropped out of school as I told them on my statement that she have a school problem and our disagreement was the school I punished her to not going to school,that drived her to found a way to be free from my chains.Which was to used the weak Justice System.High Ranked Officer I know what kind of case may be represented in court of law.

15/10/2021

Each and every court date I stand alone and several posponements was made and I stand like Stupid and they finally said she was out of their hand which I signed and give my child to them as more safer place than home.The system fail to and never taken responsible for what we agreed on.I never given a chance to explain and stand the case.
And was left like that she never hold responsible for Izifungo zakhe ngobuxoki.Zingaphi ivictims zomthetho woMzantsi oyindawo yodlala.Still I am free but do that makes me free from stigma,labels.What other parents teaches about me.The r**e cases news,advertising.Akubuhlungu utyholwa ngento oyichasileyo kubangathi uthukwe ngomama wakho.It is against my belief and abantwana bam,ndibazi bendim,ndibakhulise ndibatshintsha noxa bemanzi.Ndikholelwa kuba akakho umzali onoba nenkanuko zomntana wakhe ebhadlile.

15/10/2021

Mandiqhubeke
Ndiyingxwelerha ngenxa yeJustice ehluk*meza amalungelo,wokuhlala kwethu.Yonke into edibene nokudlwengula ndiya-relate ngokunga ndayenza.The Social Workers and Police Services damaged our family relationship with unvestigated aligation.Akukubi uhlukunyezwa ngabazali abasaziyo isimo sabantwana.The Social Workers knows exactly what is happening to my kid as she tried and attempts to accused by Physical Abuse,I explained and they might have a records.The 2nd attempts was this,that makes me this kind of person.She is up and down out of guilt.I she was sleeping everywhere the people who knows me came to me and asked me to forgive her,she joined the paras.I called her back and she apologised for her behaviour and made some excuses.Of she was angry with me for what happened to her mother's family and my family misunderstanding on her mother's death.
I explained and she came back for a week and she disappears over the night which she never came back as she knows she have to explain.
On court case she ran the to Gugulethu by Social Workers.

20/09/2020

Amanxeba Obu Ubom
Ndiyazi ukuphola kweduma lwase midlalweni yentonga,lusempilweni yethu inxeba lokuphangwa,kuye kunyamezeleke ukulazi intsusa iinxeba,nokuhlaselwa zintshaba kunomlandu.Nobangiswano linomlandu ayanyangeka,ndiyazi ukuba kunjani ukuswela umlenze.

Sithembela ,sikholelwa kubungcono bangomso.

Ndingazi imfano nokuswela imehlo,ukuva,nengqiqo,nobulwelwe bempilo ukuba buyichaphazela kanjani,imo yemvakalelo yangaphakathi.

Ithemba, nokholo,nobunini bobom obungekho kuthi, busenza ukuba sibenethemba langomso

Amanxeba Angaphakathi.
Elokwaliwa;Sinamava wothando ukuba luyafika ludlule kusale ink*mbulo.
Ukushiywa ngumlingane ndiyazana nako,akuxoleleki xa umazi ukuba wayengathandi ukushiya,kodwa kwenzeka ukuba obakhe ubom budlule.

Ithemba,ukholo lwengomso lusenza siqhubeke.

Okubuhlungu kakhulu, kukufa,ubethwa,ungcuthekiswe,ugwetywe,wanyeliswe,wenziwe into engento,utshabhiswe,lingathethwa ityala lakho,ungasazi isono sakho,nokungcungcutheka kwakho kungabikho bani ukuthathela ngqalelo.

Kodwa ithemba nokholo lethu likwingomso.

01/08/2020

Samapolisa ndafika ndaxela lomyalezo,ndisithi ndizomangalela uSocial Service ngothembisa uk*mgcina umntana wam aze amlahle.Akavuma umaskhululo ukundivulela ityala,watsalela Iziko lwentlalo ntle eli ndizolimangalela,ebuza umntana ukuba ifikile na ingxelo yolahleko lakhe,lwavuma ukuba umkhondo ufumaneka esikolweni,ukuba uhlala khona kungekho mvume kubo zalamalungiselelo,nam njengomntu omkhululele ezandleni zabo sinemvume nomama lo uzoxela ulahleka ingesiso isikolo.Zange ndilivulelwe ityala ndaxelelwa,ukuba uyaziwa apho akhoyo akalahlekanga.

Ndayikhankanya into yokuba asivani ngenxa yesikolo enkundleni,yimpixano yethu leyo.
Okokuqala ebomini bakhe,lo unyaka watshona umntanam,esikolweni kwinkululeko yakhe azikhethele yona ngokunga bendimbulala,2020 Akaqalanga esikolweni phofu akaqali ephantsi kwesandla somthetho.
Ndiligqibe sele ndisiya ndendwa ematyaleni,onontlalo bamthatha bamsa eGugulethu ngoba mna ingumntana wam nje ndinexanduva lok*mazi apho akhoyo,uInkundla zamatyala zona azimazi apho akhoyo,ndayotyikitya ukuba uzobonelelwa ngurhulumente ebhatalelwa kulomama ahlala naye,andazi kwanto xa kunguku ukuba ithini into yabo.Lichithiwe ityala nge27 kule iphelayo inyanga,ndiyingxwelerha yalonto ingenamkhondo yomthetho,ndidinga iimpendulo kuba,umthetho undishiya ndingekalazi ityala lam.Ndifuna uluzi.

Ndiqala apho ke ngoku.Liyintoni ityala lam.Nale ndizoza nayo kuni.
Nikhumbule le into ke kuyo yonke lento.Andibanjiswanga Ngumntana ndibanjwe ngumthetho ngenxa yova.Umntana ethetha nomntana ngefown ukusuka apho iya ezinkundleni,kutyholwa umnto ongenagalelo kwintotho yokuziphendulela,akukho namrhiba wokubandakanyeka komtyholwa,kulentetho yesibini.Kuthethwa ngaye engeva,engazi.Ndiyahletywa sesibini ukuhletywa kwam kundenza ichaphaza elikhulu,ukwaziswa kwam le ntlebendwane yesisibini kubasezinkundleni zamatyala.Mawundikhulule umthetho liyintoni ityala lam

31/07/2020

Ndiyaqhubeka.
Wabe sele eyibona ukuba yintoni le ingunobangela wokuba abe phaya,wabe sendikhulula mna kweliyelenqe phofu akayi kubaqeshi bakhe onontlalo ukuba ayoxela isimo somntana de walahleka umntana phaya kuye.Akamfumana ndawo kuba esazi umalumekazi wayomkhangela phaya,wabe esithi ebefuna thina ngesimo somntana asixelele,phofu ke thina umthetho usibeke bucala,nomama lo ubakhulisayo,waxuthwa ilungelo lobuzali,kuba engenguye umzali wegazi,edibene nabo ingamantsho ashiywe ngumama wabo ebuncinaneni,ndamcela ukuba azondincedisa ukhulisa aba bantwana savumelana,bakhulela kulo mama ngaphandle komthetho,wangaphandle ingumthetho wekhaya nezivumelwano zamakhaya,yasengelwa phantsi yonke lonto,yanga asenzangamthetho thina,yanga wophule umthetho ngophelela k*mthetho wamakhaya egunyazisa umthetho wasentshona ngokunga kuphela komthetho omele ukulandelwa kuba iligunya lakhe.Esithi kwakufanele ukuba uba(adopt)ile ukuze abenelungelo elipheleleyo,esusa ubumama,k*mntwana ngenxa yesimo esingesiso.Yaqala impixano phakathi kwekhaya,ngenxa yengxelo engeyiyo.Ndazama uk*mbonisa umonakalo ubungadingeki awubangeleyo umgwebi ethetha ityala,elingekho tyaleni lo(Adobt)a.
Mandikulandise nale ingxoxo ukuba ivela phi iphuncuke ngelaxesha sikwisigaba sotyikityo lwendawo.Xa ndibuza ukuba esiya isigaba sokuqala kwakutheni singahambi ngale indlela,kuba ukuba kwenziwa kanje xa kususwa umntana endaweni esisiwa kwenye,le yokuqa lulaphulo lomthetho emapoliseni kuba athimbe umntana wethu ngaphandle kwemvume yabazali,wala umgwebi esithi mna bendingenalo ilungelo lobuzali ndingummangalelwa,ndaxuthelwa ilungelo ngokutyholwa,ndithi ke mna nanku umntu ke xa mna ndingenalungelo ngokutyholwa,kulapho ke kuvela lemeko ingasentla.(Awunasidima umthetho wasemzantsi k*m,tu ngoku).
Andikho apho.Ndikwimeko zomntana kwimeko eziphantsi komthetho.Umalumekazi andibize ndiye andixelele lento.Ndothuswe kulahlekelwa ngumntana wam emthethweni,njengomzali oxhalabileyo ndiyeyoreporta lento ndiyivayo ngomntana wam kwisikhululo

27/07/2020

Ndiyaqhubeka.
Ndafika sele ehambe phambili uThixo zange,kwisicelo sentlawulo yokuthenjwa ukuba ndilixoxele ngaphandle kwamasango entolongo ityala eli ndibekwa lona,ndafika umtshutshisi nomantyi bevumelana ukuba mandixoxe ndingaphandle nentombi ke le yam yalibaleka ikhaya emveni kweyelenqe ayavuma ukuphinda idibane nento ezoyenza isazela ngesenzo eso,ayafuna ubuyela kokwayo apho mna ndandinobekwa ndaweni yimbi.Ndabe ndibuyela endlini.Ndakuphuma zange kundincede,ngenxa yesanyeliso esingaka,abanye bendibona ngendlela endiyiyo nesityholo esi zilungelane kuba kunzima,ukuyicacisa nokuba ndimanyonywana ndilombethe uhlazo.Zange ndafuna kwanto enondenza ndibesesidlangalaleni apho abanye bazondingqala benovelwano,abanye bandoyike bayithethe emvakwam.Kwabe phofu isesinye sesizathu sokuba ndikhutshwe kukuba ndizoqhubekeka ukondla usapho,zange ndaphuma ndiyokhangela,ndakhetha uhlala ngendlu.Kwintetho zonke zazigqibela ngombuzo wesizekabani"ebengenwe yintoni lo mntana ukuba axoke ngento engaka?"Akukho bani onako uk*mphendulela,nam ndime apho ndiqhubeke ndicinga ingxabano zokugqibela.Laqhubeka ityala limiswa ngezizathwana ezingephi,zonke.

Kwisigaba sokuqala kwalungiswa indawo azohlaliswa kuzo ndixelelwa ke ngoku ndingaphandle kwesi sigaba sesibini sosuswa kwakhe kwadede wethu efunelwe indawo yogcinwa ndatyikitya ke apho lomaphepha,ndabe ndiqala ikwenza izivomelwano zobuzali ngaye,kona konke okungaphambili kwaba nezothuso konke sendigqibezela esekuqaliwe,ngomntana wam okunye okungaphambili zange ndifakwe,kuba ndandingomzali kodwa uMtyholwa ongenalungelo labuzali.
Kwagqitywa nomntana ngam,ngaphandle kwam wazalwa ngumthetho wamazi ukundodlula umthetho umntana wam,ndaxuthwa ilungelo lobuzali ndathwaliswa ubutyala,ngemeko zobuzali.

Suku siyosiyotyikitya umzali omtsha,nathi bazali boqobo zange kubekho mbuliswano nabuzwano lwampilo nakwazana,umntana esizele ngomva,umva yedwa uphethe yena,Umama wakhe wacela ubona iziphumo,wamnika emanyonywana sajonga isigaba sokuqala njengesiqhelo sabonisa ukusilela phofu,nesizathu esi besisilwela singasalanga kuba zazinintsi iintsuku angayanga ngazo esikolweni.Saya ematyaleni okokuqala ndingaphandle lamiswa,apho babengekho bobani umama nomntana.Okwesibini labe lidluliselwe kwinkundla eziphakamileyo.Saxhamleka ezantsi ,saleqisa ngenyawo emveni kokuba sibuzile.
Zange sambona umntana sabona umama,sabe sisachaselene, sathi xa siphinda okwesithathu wasondela umama komnye umama eyoxela ubunjani bentombi yakhe,ndibona umsila uye wacacisa ubumbulu

10/06/2020

Emveni kokuba sityile sabizwa thina besifakwe ngezolo ukuba kuthathwe inkcukacha zetyala.Wandixelela umcuphi inkcukacha ezinikwe ngummangali ngam,kubonakala phofu ubuntshingi-ntshingi nobungwanyalala bobuso ukuba ingathi andililo nelungelo layo nalonkcaza izityholo zindifanele kuba ndiyindoda,iyandifanela kuba amadoda ayayenza lento.Ndathi nkamalala ndokuva lenkcaza.Wandibuza ukuba ndizokwenza i(statement) na.Ndavuma ndabe ndingazi nokuba ndiqale phi na uyiphendula lento.Ndathi andinalwazi ngezityholo ezi futhi andikhumbuli kwandawo ebendikhe ndahamba nommangali ndisiya kuyo,apho ibinokweka khona le into kona ukwenzeka kwimeko zendawo ekuthiwa yenzeke kuyo akululanga ukuba ingenzeka kwa-into enjalo,ngoba kukho abantu abanako ukusiva isenzo eso.

Sathathwa sagelelwa ngasemva eveni ngoMvulo sisinga kwinkundla zamatyala.Intliziyo yam ibetha kancinci bubuhlungu.Safika sadityaniswa eziseleni zolinda amatyala sadityaniswa namanye amabanjwa azoxoxa.Wena ke uyaziyo imeko yamabanjwa xa ebona abantu abafikayo (Sangena ke, sema ngasemnyango silindele ukwamkelwa kwilizwe laboni ngokwendlela yakhona.
Yonke indawo ebomini inemithetho yakhona, nezaphuli mthetho zinomthetho wakhona.Akukho apho ungekho khona uhayi.Xa ungawenzi umthetho wezaphuli mthetho uyohlwaywa.
,unocwangco ke futhi).Salinda kwagqitywa bakhululwa abakhululwayo onompelaveki,nabanye ke abanendlela zabo,(kuba kona emzansi ayikho indawo engavuziyo.Imali ivula amasango).Naleyo andizuyithetha apha.Sasala ke nabanye sayovalelwa iveki yonke.Inyambezi yaye izingubo ebusuku,nasemini ndandihlala ndizigqumile zisiwa inyembezi,ndathi kuba ndisaziwa ngamanye amadindala ukuba ndingumkhonzi ndayofakwa kwisisele samababanjwa akholwayo,isisele secawa.Yayimnyama intliziyo yam nakuThixo ndinombuzo ukuba uvumelani ukuba lihlazeke igama lakhe,nokuba ndibekwe ibala elinje yimbewu yam imfano yam,mna uqobo ndivukelwe ligazi lam,ngesanyeliso esi nje.Ndadingakwazi nothetha ndokubona odade wethu nezihlobo,"nentatheli ke"niyandiva mosi aba banga banovelwano befuna ukuthi bendimbone ngokwam.
Yaphela iveki ndayobingelela uMgwebi,ngomhla 11 March 2019.Kwafika unobhala kaMgwebi ukuba ndinombiza njalo,walibiza igama lam,walixela ityala lam,wabuza isizathu somntana ukuba angade andityhole kanje zange ndibenazo Iimpendulo zombuzo kuba nam ndandizifuna,ndaxela inkcuku zethu nam ndikhangela unobangela ndingatsho ukuba ilapho intliziyo yomntana,ndandingazi nokuba icwangcwiswe kanjani lemeko ngumnini wayo.

14/02/2020

Mandiqhubeke nentombi yam engenyani.
Kulothile ndifike bengekho abantu zitshixelwe incwadi zam neUniform yam.Ndamndulula emveni kwesohlwayo ukuba ayolanda ezomphahla nezoncwadi.Yahamba eyam yabuya indiphathele incwadi zetshomi yakhe.Ndamxelela ukuba agoduse ezincwadi abuye nezakhe.Wanduluka isithuba sehr.wabuya nazo ezakhe .Waqhubekeka uyokutsho ngelwesihlanu we01 kaMarch 2019.Akabuyanga esikolweni ngoLwesihlanu akalala endlini ndaye ndacinga ukuba uk*makazi okanye omalume bakhe eGugulethu.Ndoja inyama late ngoLwesihlanu kwisimokolo somngane okokuqala emveni kogxothwa emsebenzini.Ukuzama into yokuba kutyiwe endlini.Salala engekho endlini.Ngentsasa ndavuka ndiyokwenza istock senyama eBoxa.Ndibuyile.Ndithe ndithe ndisahlengahlengiza ubungakanani ndinika amaxabiso ndijonge inkcitho nepokotho zabantu endithengisa kubo ukwenza amaxabiso afikelelekayo nam ndibenengeniso.Ingqondo yonke yam ilapha kulento ndiyenzayo.Ndithe ndisaqondele enyameni apho ndothuswe ngabantu abangenayo.Eyona nto indothusayo ngamapolisa,yasuka kwaoko ingqondo yetyaba kwintombi yam engabuyanga esikolweni ngezolo.Ndothuka ndashiya andizange nditsho noba mabangene nam ndacingachophanga kwiseti,usuka kwam entla.Bandibuza ukuba ndim na (bebiza)igama lam bathi xa bebiza ukuba ndiyamazi na(mntana wam lo ungekhoyo)zange ndilinde yaba ndim obuzayo ukuba uphi umntana wam,kange abuye esikolweni izolo.Bandixelela ukuba abazelanga lonto,umntana yena useProject Two uSafe kuMtshana wam(Kwixibilili).
Kusathe xibilili njalo bayothula ebebeka apha.Igqiyazana lentombazana elalintetho isexhosa ndibona ukuba liqinayo,nemvakalelo ephezulu.Size kuwe malunga nodlwengula uMntana wakho.Sothuka sonke endlini.Inkoskazi yam nam lo kakade.Mna."Yho nini ke ngoku kuba mna bendizithengisela inyama phezolo nje"?Ipolisa." asinampendulo zakho ngoku,masihambeni uzoyiva phambili enye".Unkoskazi."hamba wethu sube ubuza". (Andizange ndidane).Ndakhulula ibhanti ndayishiya ngokomyalelo wamapolisa .Kwa uk*ma kwemoto yamapolisa kutsala amehlo abahlali,uphuma endlini ulandelwa ngamapolisa,ukungena ngasemva evenini,igama lithi" ubanjiwe."Solithwele ihlazo.Ndafika kwisikhululo samapolisa ndabhaliswa kuluhlu labalapho.Ndayovalelwa esiseleni.Zavalwa iingcango,02:03:2019.Xa kuziswa ukutya kusasa upolisa,elalikuzisile landikhankanya labe lisithi "nabefundisi nakanti bayazenza na ezinto hayi kuzogwetywa"kwahlekwa ke lelogqiyazana lalingxa walo namanye amabanjwa ndalibuza ukuba uyandigweba na?zange liyiphendule leyo ndandiyibuza.

08/02/2020

Ndamkhongoza njengesiqhelo wala nesandla ndazikhethela indawo zobetha,ezikhusela ngengalo,ndibe ndibetha ingalo leyo ayizisayo kuba iyiyo efumanekayo.Wavuka umntana wam kuba wayo cela uhoyo esikolweni ngogodla ingalo leyo,yathatha ixanduva ititshala kazi,ngoba ibona isikhohlakali somzali andazi awaqala ngayo noba k*msa esibhedlele na kodwa akazange ndibone ngxwelerha mna apha endlini de ndeva ngomama wakhe ukuba bekufike onontlalo malunga nesimangalo sakhe sePhysical Abuse,wacacisa ke umama wakhe elandela uphando loNontlalo abo.Bafikile nak*m ndaxela indlela yentlalo yalapha endlini,indlela esenza ngayo izinto,ukugcina imvisiswano apha endlini ndamxela ukuba ngummangali osinika umngeni ukwedlula bonke abanye abantu abalapha endlini,ayikho into yokuba kohlwaywe mntu engophulanga miqathango yendlela yocwangco lwekhaya esivumelana ngalo.Kuba siyahlala silikhaya xa kukho into engahambi ngandlela sikhangele isisombululo semeko leyo.Sibeke imiqathango yomelana nalomeko yeloxesha.Utyimbiselwa umnwe owophula okukuqala axelelwe nokuba kulindeleke ntoni xa enophinda isohlwayo singene apho.Kulemeko yayo intombi le yofuna ukholisa abahlobo iye ibenethemba lokusiphepha isohlwayo ngobuxoki,ilibale ukuba ubuxoki buyavuza,ibiye ke iphumelele amatyeli kobo buxoki bayo ibusebenzise nangobubaxa kuba busalunga ilibale ukuba ubuxoki bona buyavuza.
Ndiqaphele ukuba kukho intsuku eziliqela ekungayiwayo ngazo esikolweni xa ndibuza zikhona impendulo ezifana nezi:Kaloku ngezantsuku sigqiba ngazo ubhala iyenziwa iregister uyotsho kwisuku ezivalwe ngazon mna ke ndigqibe nje andaya .Ndabanika yonke ke longxelo oNontlalo . Ndabanika neReport yakhe.Baphuma bevile bathi basaqhuba ngophando,baya esikolweni sakhe bayothelekisa indlela le ibhalwe apha.Abazange baphinde babuya.Ndasala ndisajonge enkalweni njengammangalelwa,ndaqwalasela nak*mmangali andabona kwanto iza k*m njengamzali womntana,efana nengcebiso ngalemeko yalomntana njengamntu uxelileyo imeko yakhe yonke.Nakuye zange ndibone kuncediswa kulemeko ukwenzela afundi,eve naye azi ukuba ithetha ntoni iAbuse yaye lithini elakhe ixanduva ukungayincedisi.
Ndithe ndisalindile ninjalo ndaqaphela ukuba usaqhubeka nomkhwa wongayi esikolweni ndithi xa ndibonile ukuba kangaye ndimohlwaye.Kwezinye intsuku besichola incwadi zishiywe apha emveni kwendlu.Nge21.kaFeb.2019 .ndiqaphela ukuba ubuya ngexesha lokuphuma kwesikolo kodwa akanxibanga Uniform ndimbize ndimbuze ukuba uvelaphi athi ushiywe yitranspot ziphi incwadi zakho bendizishiye kolothile

24/01/2020

Ukusukela ngoko zange ndiphinde ndibenethemba k*mthetho woMzantsi Afrika.Andiyazi ukuba laphelela phi nelo ityala.Ndinezivubeko zokhulisa umntana owahluk*mezeka kwimeko yodlwengulo.Ekutyisana amagqwetha ngayo,nabetshutshisi ngayo.Intlupheko sisibetho kuba alithethwa ngenceba ityala lwehlwempu.Liyadliwa nofele ihlwempu.Akakho kwanto ephucukileyo.Ukuba ndingasisityebi ngemini ngoku intliziyo yam isenje.Ndingathenga ubom babantu abandihluk*mezileyo ebomini ngemali,intliziyo yam ikrakra ngendlela izisweli ezihlukunyezwa ngayo,inkululeko yeyabantu abantu abanepokotho ezifumileyo.

NdisengoBomi Ngam.
Umntana lo ukwintanga yoxela abazali bakhe negama lakhe ukuba amgoduse.UShuta wamthatha umntana ngakowabo edlala.Koba ngongcwalazi baqala baphunguza bamfuna kwindawo adlala kuzo.Bamfumana kuye ezandleni zakhe.Kuyacaca ukuba bamfumana engekamenzinto.
Ndakhulisa ingxwelerha engazange ilandelelwe ekunyangweni ingqondo yohluk*mezeka,ISystem iyazi imeko yakhe ukuba umntana walimala engqondweni.I felt failed by and the system.Nangoku ingase ndingazi ixanduva lonontlalo ukuba liyintoni xa beyazi imeko yomntana ukuba ithini,nomfuno zakhe ekuncediseni elo khaya ekululekeni ingqondo engxwelerhekileyo.Akwabe bendinoba nazo impendulo zabantu abaziyo nabaqashelwe imeko zomphakathi,to guide to help in order to cope nemeko zizinye ichallenges esingenalo ulwazi eloneleyo ngazo,nendlela zokhawulelana nazo.
Zininzi izinto ezingekho normal ngomntana wam.Ukuxoka,to cover the wrong.Yena akanaso isibindi somelana nezinto azenzayo kuba uyenza okuwrong(o) angafuni umelana nepurnishment ayibaleke ngobuxoki.Uyathanda ukwenziswa izinto kuba efuna ukwamkeleka angafuni uk*mela akwenzileyo ngothatha ipunishment ufuna ulungelwa kwindawo zonke.

Ndaqaphela ukuba unotshintsho emveni kokuba enefowni eyithengelwa nguMalume wakhe,ngoba mna naye savumelana ngokuba ingamphazamisa ifowni ndamxelela ukuba ndingamthengela iPhone xa esenza uGrade 12.Ndazama ukuba mandibenayo iPC ukwenzela akwazi ukwenze izinto zesikolo neLaptop nabanika indlela Yongena.
Wandibona njengomntu ongenabango kuloPhone yakhe,ngokuba athi xa ndiyithathile kuye ayikhangele ayithathe ndimohlwaye.Imvakwemizamo yomkhupha kwiSocial network ngoba ndizitshixe ngofaka iPassword eyaziwa ndim,enze imigudu yotshintsha iSimcard afake entsha,ndingazi ukuba wayesenza njani,ndandiye ndimqaphele ukuba ubuyele kwiAccounts zakhe.Ndayithatha ndayifihla wagqogqa wayifumana,ndamohlwaya ndababuqinisa ingalo,Nento le yesohlwayo ndathatha intonga.

30/12/2019

Ubom abukhethi cala,yaye abunasizi.
Ndabakhulisa abantwana ngoncedwa nangabantwana basekhaya,nangona ke kwakunyanzeleka ndilithathe ixanduva lam xa befikelwa kukoyisakala,abancedi bam abo,kwesisibini kuba omnye wathathwa ngumntakwethu ngemvume yam,naye.wathatha ixanduva,ekusileleni kwam lonke.1998 ndibagcinisa kudade wethu endimolekelayo.Ndibuya emsebenzi ndisacinga uyobalanda nangona kuba kwakungekho kwanto endixheshayo kuba bek*mntu endimethembayo.Galakangqa umchana wam kuthiwa khawuleza ufike pha endlini ngokothuka ndingabuzi ndileqise.Ndifike xa ndisithi naba abantwana bam baphelele.Ndichophe ndimamele.Yeyi (endibiza ngegama )umeza ubone lomntana ehamba ngohlotyana apha wamthatha wamzisa apha endlini ukuba simjonge xa simjonga siqaphela ukuba ipainty le yakhe inobudoda.Ndothuka nimjongile umonzakalo,ewe asibonanga kwanto thina.Mna: uthi ngubani omenze lonto uthi nguShuta niyamazi ushuta lowo ke nina ewe uShuta lo esitsho embalula ndinyune.Ndiqinisekise indlu apha emntaneni ayichaze indlu nemeko yayo ndinduluke ndilande umtshana kaShuta lo ndifike ndixele lento yenzekileyo ndifuna siye uyokuva kushuta.Xa sifika imbonakalo yekrokrisayo ndimbuze lento uyiphike ebonakaliso uloyiko ndiqonde ukuba umsindo mandiwubambe ndimcele sihambe naye ukuya emntaneni singene ndibuze emntaneni ukuba ngulo na athi ewe angaphiki kuyaphi ngoku.Ndimthathe umntana ndimse emapoliseni kuthathwe ke iStatement sithathwe sisiwe esibhedlele ugqirha enze imfanelo zonke kulindwe uNontlalontle naye enze elakhe.Sibuye sihlale akabanjwa umntu.Kwenyaka k*m ngenxa yomthetho namapolisa angawenziyo umsebenzi wawo.Ndaya kwisikhululo samapolisa ndiyobuza kuthekani.Kwakhona bekhupha ivan beyomlanda nam.Kucaca ukuba ukuba ndandingayanga kwakungazubakho lantshuk*mo.Wathathwa ndaquqa nangoku zange ndizive iziphumo zetyala.Wakhutshwa ngebail waxoxa engaphandle logama axoxa engaphandle kwalahleka umntana futhi kulendawo yakhe wafunyanwa kwakhe.Ebusuku umntana onengqondo naye yolazi ikowabo,nexesha lobuya.

28/11/2019

Masiqhubeke ke.Ndiphuma kweso simnyama,qhubeka nebanga lesibhozo.
Ndaqhobeka nencwadi zam.Ndiphumelela ibanga lesibhozo ndaqhubeka nebanga lethoba eHarry Gwala uvulwa kwayo ikhokelwa ngumfo kaQonde indoda yoMxhosa,iThandazwe.Wambona nje ukuba yimfundo eseMxhoseni,yayingesiso isifundiswa,apho umntu anxitywe yimfundo de azilibale ukuba ungubani.
Ndaqhobeka,ndohlulwa libanga leshumi,ndisohlulwa zincwadi ezimbini ukungawenzi amanqaku empumemelelo.
Ndangena etorhweni 1998.Ndakhuthazeka kwicandelo lonogada,ndikhuthazwa,yindoda nayanenkuthazo kwinto eyenzayo,uMlondolozi Sonto,uDlangamandla.Ndasebenza ndisebenzela leCompany wayeyisebenzela uSichaba,apho ndandenze khona kwenezifundo ezo zokugada.
Njengaye wonke umfana ndadibana negqiyazana kwelempangelo.Elokuqala saqhubeka lamkeleka ekhaya,kuba laliyazi impilo yelokishi umama aqhelene nayo kuba ebesele engenwe bubulungu.Xa ekhona waye angene endlini enkulu abuze impilo ancokole nomama amenzele namaqebengwana.Ndaxakwa yinja ungavuthwa ngenxa yondilinda,kuba ndandingenako ukuhlwelwa,engazi.Sohlukana ndadibana neHlubikazi.Zange libe liyamkeleka apha ekhaya ngokungafani nalo wokuqala kuba yena wayebahlonela abantu abadala ngesijolo,waye eyilentlobo ichwechwayo xa itaka.Ndathandana naye wabe esanyonyoba xa esiza k*m,nto leyo yayisenza ukuba abonwe njengomntu onolunya,ongabulisiyo,ebantwini abadala.Sathandana ke yada yakhulelwa le ntombi yamahlubi ingathandwa injalo.Yayiphangala nam ndabe nam ndiphangela.Waqaphela uMamkhebesi (umama)ukuba ithathile lentombi inolunya,wandiyalela ukuba mandiyibhinqise kuba akuzujikeleza ntombi imithiyo kowakhe umzi.Ndamnxibisa ke eneneni.Ndathanga igusha watyiswa utsiki.Walibelekela apha ekhaya izibulo lam.Umafungwashe wam,ndamamkela ngegama elinguSiyasanga.Lalinemfihlo iHlubikazi eli ekungazini nokuba yaye ilithuba lokuthetha,ngenxa yempangelo.Andizange ndazi ukuba ushiye abantwana ababini ekhaya.Ndanabantwana abathathu kuye,wasutywa kukufa ngenxa yesigulo sesaquphe.

16/10/2019

Ayefika amapolisa andibuze k*m,ndiwangcambazise,emveni koba ndiwalahlile ngomkhondo,ukuba ndisandulukuphuma kandixele apho ndiyakhona ndibuze ukuba ukhona na umyalezo.Bandixelele ukuba mandizise emapoliseni malunga necase yaseWellington,ndithi ndamxelela. Zange ndiphume ndihambe nokuba ndiyaphi ndandixela kodwa ixesha elininzi ndandibakhona.Zange kuqatshelwe kwanto ngolu usuku ndifunelwa lona yilonto exelelwa ukuphazama amapolisa xa endifuna.Nam ndabe ndiqonda ukuba andinoze ndizise.
Amapolisa makenze umsebenzi wawo.Ngelishwa umtshana ubanjwa kwenye indawo kwangaleHousa-Housa(House Breaking) ngesijita sangoko.Xa ephuma ngeFree bail ufika selindwe yimoto yamapolisa yaseWellington kuthiwa ngena ngapha mhlekazi kaloku,naseWellington yilento.Ngathi xa ebuya eyixela lento usisi omdala kwerhwiphu kodwa ndadla cwaka.Wahlala ngaphakathi kusithiwa kukhangelwa mna njengomtyholwa,wesibini etyaleni,kodwa andibalekanga ndikhona akazi amapolisa uzondilanda.Wagcinwa kwiziko lwabantwana,eKhuthele ndandingafuni nosondela kodwa apho wayekhona.Saxabana nosisi omdala,novakalelo lomntana wakhe obanjezelwe ndim ukuba angaxoxi ndim,wayondixela emapoliseni ndacholwa yimoto yamapolisa ndisimka kwakhe ndisiya kwasisi lo ndafika ndahlala kuye wandikhomba usisi wam.
Andichola ke kwabizwa amapolisa yaseWellington ukuba azondilanda andilanda ke.Ndangena evekini kuleveki ndangena ngayo waqhwesha uMtshana wam watsiba amacingo entolongo.Ndahlala nam,ndacinga ukuba ukuba andilithatheli k*m elityala ndizohlala ndingagwetywa apha.Ndamkhupha ndixela inyani yokuba ndim umphembeleli wayo yonke lameko.Kuba ndingomdala kuye yena wahamba nam kuba ndandifuna uyoyenza lonto.Ndagwetyelwa ngaphandle.Ndandibuwugqiba unyaka ndingaxoxi.Ndaphindela esikolweni ,nangona nale yaba yilibazisa k*m. Zange ndikholwe ukuba ndikhululelwa ezandleni zikasisi wam.naye ndandihamba ndibheka kungathi kuzothiwa buya kuphazanyiwe.Ndayodibana naye endlini ndiyabona ukuba naye yamshiya intetho.
Ndaqhubeka nebanga lesibhozo eButsheni

16/10/2019

Siyaqhubeka.Kodwa ke kwayena xa ebalisa akazange abuxhamle Ubuntwana kwanyanzeleka ukuba azane nempilo yophangela esemncane.Ngenxa yoshiywa ngabazali yena emncinci kuba eliphelo.Nabanye ke abantakwethu babengenamfundo iyephi.Zange ayixabise kwalomfundo kwakungekho kwamntu uthethayo ngeminqweno yemfundo ephezulu,nam ndiyabona into eyayindenza umdla ngababantu babekhuthazeka ndim,otishala nabanye abaphuma k*makhaya akhanyiselweyo endandikhuphisana nabo ezifundweni.

Ndafika apha ndifikela k*mtshana senguLighta uMjita.Ndahlala ndazithulele kodwa ink*mbulo ezenza iintiyo zavuka.Kuba uMtshana wam lo wayenyuswe yingulo inguye lo senamajita akoLine abohlukeneyo ndamxelela ngesimo sentlalo yomlungu kaMama kuba kwakungase ndingakhala xa ndicinga imeko yokuba zange andibone njengalo wakhe umntana amAdoptileyo mna,wakhetha ukuba lo umntana makakhuliswe ngumama endaweni yam mna ndiyophila lemeko ndiyibalisa apha ngezantsi.
Ndabathatha ndabasa injongo ikuyoqhekeza kuba ndisazi ukuba intsuku zeholide uzichitha eStrant kwenye yezindlu zakhe.Safika ngorhatya sazama ukhupha iglasi siyisakhala sangena ngesikhuphamsi.Gxada estovini avalelwa ngaphakathi amacango ndayovulela umtshana noSvishi,sangena aqhawula sakhangela ukuba asinofumana noba yeSafe na.Asayifumana sathatha ezikufutshane.Saxhakazela namabox sibetha ngezimnyama indlela ezi.USvishi uhlala apha eMbekweni thina sisuka eKhayelitsha siziqhekeza ngobusuku eWellington sihambe ngenyawo ukuya nobuya usuka apha eMbekweni.Wabanda umtshana ukuba sivuke nazo ngetrain yokuqala.Sazishiya koloSvish naye wazishiya nje.Yena xa ephangela kusasa utata ohlala noMama wakhe uyangena esuka empangelweni.
Wothuswa ngumabonakude wombala nompu wentaka wabiza amapolisa.Wafika uVuyane selindwe ngamapolisa,amthatha amvalela wazikhupha ngathi,esithi zize nathi sazishiya phaya kuye.Kwafuniswa ngathi sixhonywa ezipalini sixelelwe ukuba singabarhanelwa.Zange ikholeleke lento kodade mna andinoyenza lonto ndabe ndiyigqibile uyenza.

16/10/2019

Ikafu yona andifuni niyithetha into yayo kuba naxakudlalwa omandlwana sasingade siyitye nangona sasiye siyipheke nje.

Le meko yandenza ndarhuqa inyawo esikolweni.Kodwa zange kwabalula kuba ndandilandwa xa ndingayanga esikolweni. Kwakuye kuthunyelwe amakhwenkwana andilande.Waye waliqaphela utitsha ntloko olutshintsho,wandilanda kwigumbi lokufundela,wandiboleka k*mfundisi ntsapho, ngelithi ucela ndimphathise iincwadi uwelela kwelinye igumbi,Ndahamba naye wandibuza ukuba yintoni le ndiyenzayo,yokuba ndithi ndikrelekrele kangaka ndidlale ngexesha lam.Zange ndikwazi uzibamba,ndamxelela yonke imeko yokuhlala kwam.Wabonakala enovelwano kodwa ndabe ndimxelela ukuba andikwazi uqhubeka nesikolo kwimeko enjalo.Wayefuna yena undinceda kodwa yayisendihluk*meza le meko yongahoyeki ekhaya.
Ndindisenza ibangalesine(std.4.)Bafika ke odadewethu ngoDecemba noMama,sendisiyekile isikolo.Ndathathwa ngowesithathu apha ukusuka apha k*m,owayendele eZingqayi eGcuwa.Ngenjongo yoyofunda ngaphaya kuye eGcuwa.Ndafika ke apho ndaqhubeka nebanga lwesine komnye unyaka.Ndafunda lonyaka mnye apho ke waphela nowakhe umtshato.Uphelela kweliKapa kuba wenyuka endishiya phaya eze kutata wakwakhe.Mna xa ndibuya ndilandwa nguSbari lowo kodwa engatsho nto safika ke apha xa sizokwahlukana,wandixelela iyantlukwano yabo.Nesizathu zeyantlukwano leyo,ndava ndivile.Ndafika apha ndathathwa ngomnye owolekelwa ngulo Ndayofunda eSoyisile Site B.eKhayelitsha ibanga lesihlanu.Ndaphuma apho ndayokwenza ibanga lesithandathu eMalizo ebizwa nge Matthew Goniwe kulemihla kwabe kuqalwa ukwaziswa izifundo zirhwebo kuthi into leya yenza uninzi lwenthu lujike nebanga nakomnye unyaka.Kwakungcono nangona ubungcono obungephi kuba sasingatyi njengezinye izindlu ezinotata,umama uyaphangela uhlala emsebenzini kodwa yayingathi uphangelela esakhe isisu kuba kwakunzima ephangela enjalo,xa uzofuna imali uyikhupha ethetha ukuba udiniwe kukondla amathole othikoloshe angakhuliyo.phofu akukho kwanto ebaliswa ngaba bandibalekelayo ngaye.

13/10/2019

Sigqibela ngamajoin abaleka isikolo beleqa ukuba ziziqala goli.(Amangenela ebukhwenkweni obudala),kuba ukungenela ebukhwenkweni kwakuye kufuneke ukuba ube uyile etorhweni.Ngokuya kwakho ubuye uselise amakhwenkwe uyanyuselwa.Nangona nje kwak*mnqantsa kuba kwakufanele ubonakale kwindawo zamakhwenkwe into leyo yayisenza ukuba isikolo sisilele nokuba kwenzekile ukuba ubelingela ngentonga.

Nditsho ke bafika nabo apha kweliKapa balibala ngathi sibala sinjalo zange sibone mahluko.Nalo wayendele kwasibonda yamnyanzela imeko ukuba abuye naye kowakhe umzi kodwa yena indoda yamshiya yasutywa kukufa.Nokubuyakwakhe kwenza umahluko wethutyana,sahlala naye ithutyana elinge ngakanani naye,wenyuka esiza kweliKapa yena ke sasingalindelanga kwanto kuye kuba wayengashiyanga kwanto yakhe ngemva.Sasala noMtshana,koma endlini silale kungekho ukutya singenalo nethemba lokuba kuzovelaphi kuthe cwaka,kunani khona ileta kuba sasinodla nayo kuba isuka kubantu abahluthayo bona njengoba thina sasilala ngamanzi kuba wona engabhatalelwa.
Sabuyela kwikafu(le besiyibekele ihagu zabamelwane)siphinde sijonge amasalela ukuba akunokuwa makhozwana na nalamakhozo aqhekekileyo(for amantshontsho enkukhu).Ndandikonqena uhamba ndisitya kule mizi ndandikhetha ukukhangela amalima ndiyazi ukuba ndizotya kuba ndisebenzile ndizihluthise nangalomqombothi ke.Ndihluthe ndithi mpu uze entloko kuphume ingoma xa ndiyitsho abenehlombe namanye amakhwenke kuphakanywe kuxhentswe,kubemnandi kuba lalinyuka uphango ndandiye ndizizingele indawo ezinjalo.Kwaye kwakho intsukwana endingayi ngazo esikolweni ndikhethe uvuka ndiye elimeni kunokuya esikolweni ndilambile.NoMtshana wam waye athi mve umama kaMabona ngendaba lalibuvimba ke iMfengukazi eli,lisifundisa phofu ukuba ayikho into eza lula ungayisebenzelanga kuba kwakufanele ukuba wenze into azakuphakele nguyena ke wayesazi sonke isimo sasekhaya kuba sasimelene kakhulu naye.

Mandiginye amathe,

Address

T. S. 1523. Angel Street. Silvertown. Mbekweni
Cape Town
7655

Opening Hours

Saturday 09:00 - 17:00
Sunday 09:00 - 17:00

Telephone

+27638740362

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when UBOMI NGAM posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Contact The Business

Send a message to UBOMI NGAM:

Share

Category


Other Publishers in Cape Town

Show All