22/08/2023
Uthando yintoni na?
uthando yintoni na?
ndigxiza intliziyo ngaphakathi,
ndophukile ngaphakathi,de intliziyo
le yazingceba ezininzi okwekomityi
eyophukileyo.Ingaba ndoneni
kwezothando?, ingaba ndiqalekisiwe
kwezothando!
abantu babulalana ngenxa yoluthando
andazi ukuthi yinto yayivelaphi nale.
Bantu bashiya amakhaya ngenxa yakho thando, ndingomnye wababulalwa luthando, bafika bathembisa ngokundithanda baphinda bandishiya ndikhedamile, ingaba ndoneni?
Ndingumdiliya ndimanxeba-nxeba, sengathi umphefumlo ushiya inyama ngenxa yakho thando. Yintoni uthando?, ngoba lento iluthando,iphetha ibulalisa abantu. Amehlo abomvu ziinyembezi,ilizwi liphelile kukhala,ndide ndehla esiqwini ngenxa yothando.
Yintoni uthando na?
abantu banengcina zozibulala ngenxa yakho, ndidandathekile emoyeni,ndigxiza-gxiza intliziyo,ndinengcinga zothatha obam ubomi. ndidiniwe kulala ngeenyembeziyo yonke imihla, hamba nto ndini engumkhohlakalisi! hamba nto ndini egqiba isizwe! hambaaa!
by: anovuyo bakaqani