22/06/2024
Kubantu bonke base Dunoon, neziphaluka. Ingaba nike neva ngombutho wolutsha, nabantwana ogama lawo kuthiwa yi Buntu bethu organisation. Lombutho u registered phantsi kwe department of Social development. Lombutho awudibananga nezopolitiko, wona kuthiwa yi NPO non profit organisation kanti usebenzisana ne NGO's non governmental organisations.
Injongo zalombutho kukujongana nengxaki zonke zolutsha nabantwana, ingxaki ezifana nokusetyenziswa kweziyobisi nokuselwa kotywala lulutsha nabantwana, ukuhlukumezeka kwabo nangeyiphi indlela. Futhi kukuncedisa abo basafundayo ngezifundo zabo emva kosuku xa besemakhaya (home works and assignments), kwanokuncedisa kumakhaya angathathi ntweni.
Njengoko lombutho usemtsha sisenayo imiceli mngeni emininzi, sisadinga okuninzi, ingakumbi ulutsha ukuze luzovolontiya ukwazi siqhubeke phambili nokusebenza.
Ukuba unomdla okanye umbuzo, nceda qhakamshelana nathi kwezi nombolo zingezantsi uthethe nabobantu babhalwe apho
Miss S. Mbewana:076 1960881
Miss N. Sitsheke:073 0220538
Miss Z. Mephi:076 7040414
Kanti ungasebenzisa le email [email protected]
Enkosi kakhulu
Ozithobileyo
Mrs N. Williams
# EverLastingJoy