Le nto ndayincanca ebeleni

Le nto ndayincanca ebeleni Injongo zale page kufundisa nokwakha umzi kaNtu

10/03/2021

Ithambo lenyoka lihlab'limzondayo.

Send a message to learn more

10/10/2020

Send a message to learn more

29/09/2020

VULEKA MHLABA NDINGENE!!🔥🔥





Ndizakuwubhala ngomso ningaphoswa!!❤🙏

10/09/2020

Bhotani mawethu andiyekanga ubhala imibongo qha ntonje kuxakeka zizifundo zam ndanithembisa kungekudala ndizakuni phathela imibongo emnandi Camagu.🔥🔥



27/03/2020






Kaloku ndagqiba kwelithi makhe ndiphinde ezayizolo ndizonwabise ndizivele ukuba ulonwabo olungapheliyo lunjani na
Kodwa ndafumanisa nalapho lonto Ngamampunge
Ukungafumani lonwabo ndathi bubuyatha ndacinga okwalomzuzwana ndigutyungelwa ziintlupheko makhe ndizilahlele etywaleni ndiziphathe okwesidakwa lo gama ndisakhangela ukonwaba.

Ndatsib'phungelandahamba nomsinga wamantombi ndabe ndithenjiswa ngezulu nomhlaba de andazibona nobuyatha kaloku ukonwaba Ngamampunge
Ndenza ubudenge ndabona ukonwaba kuya khetheka kunokuhlupheka njengokuba ukukhanya kungcono kunobumnyama ndazibona ndisisikhulu kunabo bonke abantu konke ukuza ngendlela zam ikuko okundenza ngcono.

Ndathi ndakuwetyisa lombono wokonwaba wonke umsebenzi wezandla zam waphelela moyeni okwezi thukuthuku zenja ziphelele boyeni ndatsho ndathi ukonwaba Ngamampunge.

27/03/2020

'(isiyobisi)



Siyobisi esifika sigqwethe ihambo yomntu
Kambe asisenalo ulutsha olunekamva eliqaqambileyo
Ufika ugqwethi ngqondo umntu awumlalisi umenza isithunzela umhambisa ubusuku bonke
Namhlanje asikhuselekanga umntu umenza acinge obubi asisalali emakhaya sizula esithubeni ngawe siyobisi.

Mbulali wengcinga izinto ezicingwa xa wena ukhona ngezingakhiyo zezi tshabalalisayo
Menzi wobubi abaninzi ubathumelise ngapha kwezitixo zentolongo balala bebaliwe beshiya ngemva kuzizikhalo iintliziyo zabaninzi zingxongophele zinkenenkene
Othe wakufumana into entle akayiboneleli ntweni ingcinga zakhe iba kukubhangisa ndisuka ndive into embi xa ndiziva ngabaninzi ubabulalisile.

Ndikhule nontanga endandiziqenya ngabo ndibona izinto ezintle kubo kodwa namhla kofika wena ndithi ndakubajonga ndifike besenza izinto ezimasikizi ngawe siyobisi
Ukuba ubuzibona ngokungenzi kakuhle kwakho ngendikhuzeka babe ndinguwe ngoba ilizwe likaphalo ulinqunqela egoqweni
Ndikufundisa ngala manyundululu wakho ukuze uhlukane bathi siyobisi.Camagu!!!

26/03/2020

Makhelwane ndicel'undiphe kulonto unayo okok'ba ndigxothe lendlala😭🙏!

Indlala inamanyala
Indlala ligwala ndicela undiphe nje okwento eya phantsi kwempumlo okok'ba ndigxothe lendlala makhelwane
Ezontsekela uzungazilahli phandle uzundibize ndizokuzi tshabalalisa ngoba isandi samathumbu akhalayo k*m axeli ndlala
Ndicel'undiphe kulonto unayo okok'ba ndigxothe lendlala makhelwane😭🙏.

Makhelwane ndicel' kulonto unayo okok'ba ndigxothe lendlala😭🙏
Ikati ilel'eziko apha kolomzi iikhabhathi zikhala ibhungane
Silixhoba lendlala iimbiza zihlala amaphela kuvakala isandi sengwiqi xa siva kwamakhelwane kugoqoziswa iimbiza sinethemba okok'ba ingathi singabizwa ndicel' undiphe kulonto unayo okok'ba ndigxothe lendlala makhelwane😭🙏.

Makhelwane ndicel' undiphe kulonto unayo okok'ba ndigxothe lendlala😭🙏
Usizi nendlala ezinto zibhalwe ebusweni aphe khaya
Kamakhelwane batyibilika ebhotolweni inene bawelwe ngumqa esandleni kunani ucuntsu akafani nocwaka okok'ba bathi sithumelise emathunjeni kutsho kudambiseke ezintlungu zendlala kuphele isandi salamathumbu akhalayo aphe khaya
Makhelwane ndicel' undiphe kulonto unayo okok'ba ndigxothe lendlala😭🙏.



25/03/2020

?

Ngxatsho malume andizanga ngozovusa minyele kodwa ndize ngozonabisa lomba ungandiphathi kakuhle
Akho kwalizwi mna endikwaziyo ukulithetha nawe usuke ubelugcwabevu ngumsindo kang'ba ungandibamba nasesikhumbeni malume ingaba Ndakwenza ntoni?

Bendithi uyakundinika imfudumalo yothando kodwa kuwe mna ndilutshaba ndiphila ubom bentaka mvanje kuwe mna ndinuka njenge mzondo ngoba kuwe mna ndiyinzondo uyandigcugcuthekisa undiphilisa ubom bekhoboka
Malume Ndakwenza ntoni?

Akho kwanto mna endiyenzayo wena onokuyincoma usuke undibulele ngez'thuko
Intliziyo yam iligaqa azange ndachiphiza inyembezi zovuyo soloko ndichiphiza ezobuhlungu
Ukuba andifanelekanga ukuhlala kwelikhaya ndikhuphe ngaphandle sewundibeke ngasemnyango kakade
Malume Ndakwenza nton?

Malume Ndakwenza ntoni?
Amagama owaphosa k*m anjenge tolo eliloliweyo andivisa ubuhlungu mihla namalanga nditya izithuko zakho ikamva lam libulawa nguwe malume
Malume Ndakwenza ntoni?



25/03/2020

Ngxe! Zidwesha nani zidwangube lombongo uthi Malume ndakwenza ntoni ndizawubhala ngomso kusekho nje ingxakana.♥🙏

25/03/2020

?


25/03/2020

!

Ndandizigwagwisa ndisithi ndifumene uthando kanti ndifumene isihogo sothando
Bendikhohliswa kuthiwe andisoze ndashiywa kodwa namhla uthando luye lwaphelela emoyeni ndisadunyelwe.

Bendiba Ndiyathandwa
Ndisithi ndifumene olona thando oluqilima kodwa namhlanje leyo into yintsomi endiyibalisayo

Ndathanda ingcuka eyambathe ufele legusha yandishiya ndididekile ndiphakathi kweBhayi neTinarha ndilahlekile

Bendiba Ndiyathandwa
Ndiz'bona Ubuntu ndikwi lizwe elibaleka ubusi namasi kodwa namhlanje ndashiywa kwilizwe likaFaro
Ndiyangcungcutheka uthando ndilikhangela nasezikoneni
Bendiba Ndiyathandwa.



24/03/2020





Usukaphi na wena lento ungamameli kangaka?
Mdambisi wentlungu kodwa uhamba nomphefumlo
Imbeko awiyifundiswanga na kowenu udume ngamanyala wodwa na?
Ekhayeni ungena njenge sela uphume ushiye izijwili ngemva kuthe geqe omnye emvakomnye.

Elakho izembe ligawula komdala nomncinci kambe ezinye imveku ezincinci uzithathe zincinci zingeka kwazi nokhasa
Abanye ubalandele nasezi Dyunivesithi wathath' ubom babo kwaphela ngekamva labo
Ufika ngentloko abikhe umntu athi yinto yomzuzwana Lena kanti kufike wena kufa.

Umbathe idyokhwe yobukhoboka
Uthwele izidanga zokubulala ngoba wena awuthembisi mntu ingomso uyatshabalalisa qha
Ezakho izingqi zitsho kuvakale kusheke kubetha uvalo amehlo alaqaze asheke umva ndedwa encamathele ngoba sakwazi wena awuthi ngomso eyakho indima uyigqiba namhlanje.

Kufandini umna andinabo ubudlelwane kunye nawe zazi izisulu zakho ndiyakukhahlela ngembi
Ukuba unempiko bhabhela kude k*m ngoba andiyiyo lentlobo uyaziyo hambela kude k*m.

24/03/2020

!



Ngeba ndithi ndisemathandweni qha ntonje ndoyika ukufela emanyaleni
Ndinoloyiko ngoba uthando lwakhe lwandithwaxa ndaphelelwa nalukholo konje mna ndinedyudyu!.

Ndinedyudyu!
Iingcinga ziyabetha bethana ngoba ndandisithi ndikwi Paradesi kodwa ndikweyona Hadesi endingena kwazi ukulikhankanya igama layo namhlanje ndinedyudyu!.

Ndinedyudyu!
Ngeba ndalifuna uthando ndonqena ujikelwa kwalilo ndityhole ngelithi kakade andithandwa
Uvalo endinalo umna nothando silutsaba xa ndihlangene mna nalo kuyonakala emphefumlweni nasenyameni
Ndinedyudyu lok'phinda uthando ndixoleleni!Camagu.

24/03/2020

!



24/03/2020

Ndicela siphathisane kule Page yam ukuze ndiniphathele imibongo emnandi.♥🙏

12/03/2020

ungandali sthandwa Sam!

Sthandwa Sam uyayazi ukuthi wena ulithemba lam ekekho omnye umonwabisi wentliziyo yam xa ithemba k*m lingekho nguwe olibuyisayo Mntuwam.

Ze ungandali sthandwa Sam!
Ze ubaxelele abenzi bobubi xa befuna ukundithathela wena uthi sendithathiwe ngumfana wakwaDlamini
Ndicel'undithande ndizive ndindiza emafini olwakho lundichuk*mise entliziyweni.

Ze ungandali sthandwa Sam!
Baninzi endinoba nika oluthando kwam kodwa xa ndilujonga lwanele wena sthandwa Sam
Ndiphefumla uthando lwakho ndibhuda ngegama lakho ezindleleni zam ndiva izwi lakho ndicela uzungandali sthandwa Sam!


12/03/2020

Sondelani mzi wakowethu! ndiningcamlise kulamazwi am' adidiyelwe ngobulomko.

Address

Port Alfred

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Le nto ndayincanca ebeleni posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Share

Category


Other Port Alfred media companies

Show All