INGxelo Community News

INGxelo Community News Indaba zabantu ebantwini

07/12/2021

INGxelo Community News
ABAHLALI BASE NEW REST YIIMINYAKA BEHLALA EBUMNYAMENI.

Umntu oqgithayo ngendlela angafunga athi i New Rest yindawo efikayo e Port Alfred, kodwa yiiminyaka yabakhona.

Kudala ngoko abahlali becela, benqwenela impilo efana kunye nezinye iindawo. Iiminyaka abahlali bephila phantsi kweemeko ezingalunganga kwiimpilo zabo, apho kungekho mbane, amanzi, kwakunye neezindlu zangasese.

Imeko ekukumila kunje siye siyiphose ku Masipala apho inguye okhupha iinkonzo ebantwini, kuba seyililithuba elide imeko yase New Rest ingayi phambili.

Ukanti phambili kokuba kuyiwe kulwenyulo looMasipala ibikhona i project ibiqhuba malunga nokuphucula intlalo nokuzisa iinkonzo eluntwini.

Kwingxelo ezayo sizakuzama ukuzisa olunye uphando olutsha malunga noqhubekeko lwe project.

02/12/2021

INGxelo Community News
UGWETYWE IMINYAKA EYI 25 U ALUTHA PASILE OBULELE U NOSICELO.

U Alutha Pasile namhlanje inkundla igwebe u Alutha iminyaka eyi 25 ebhadla ejele, kunye uye wanikwa iminyaka elishumi ukubaleka umthetho.

UMantyi ngexesha lokuwiswa kwesigwebo uye wathi umbulali khange abonakalise kuzisola nokudana kwisenzo asenzileyo sokunqunqa u Nosicelo Mtebeni, kwaye Kwa ixesha enze ngalo isehlo esi lixesha apho ibiyinyanga yamanina.

Ukanti utata ka Nosicelo uthi udanile lityala sisigwebo kodwa uyasamnkela, eveza ukuba ukusweleka kuka Nosicelo kuye kwamenza wangumntu wentliziyo.

Eveza ukuba basuka kude e Matatiela Kanti bazela ityala kunye nesigwebo esincinci esingaxolisiyo.

29/11/2021

INGxelo Community News

KUHLATYWE UMFANA WABHUBHA E SIX

Ukanti ngomqgibelo ezintsukwini ebusuku kwinginqgi yase six ngase New Rest, apho umfana owaziwa ngokuba ngu Luntu George uhlatywelwe ngaphandle kwi Tarven.

Kuthe kanti umhlanelwa umasele ngamadla kuba kuye kwavakala ukuba uye walandulela eli. Umhlanelwa uye wabaleka emveni kokuba enze esisehlo, kwaye abahlali base New Rest balugcwabevu ngumsindo Kuba kucacile ukuba umfi lona ebengumfana olungileyo.

Siyacela nakubani na othe wanolwazi ngombulali azise INGxelo Community News okanye amapolisa akufitshane nawe.

20/11/2021

INGxelo Community News
IZIBULELE INTWAZANA KWISIKOLO SASE BHISHO HIGH E BHISHO

Sisajonge iiziphumo kubantwana abachophele iimviwo nako sisiva isikhalo kwikhaya lakulo Lathitha e Bhisho.

Ukanti esisihlo sehle xeshikweni u Lathitha ebefunda kwisikolo i Bhisho High, apho kukho amarhe okuba bafundi abathile baye bahkekisa ngenkolo yakhe. Kuthe kanti umfundi lo ebenobizo lokuthwasa, kulapho ke yonke lento iqale khona. Singayazi into yokuba ootishala kwiizikolo abaziqwalaseli iizinto ezikumila kunje, Kuba kucacile lento yokuhlukunyezwa kwakhe ngezenkolo yenzeke kumasango esikolo eso. Isebe lezemfundo lizakukhupha ooNontlalontle ukuba bayokunceda ngentuthuzelo kubafundi nesimilo ngenxa yomothuko.

Umama wakhe ebeligxadidi ziinyembezi nokungakholeleki kokuzibulala koosana lwakhe, apho ebesithi bebejonge lukhulu ku Lathitha.

Umfundi kuyavakala ukuba uzityise ityhefu kwaye ushiye namazwi phambili kokuba azithathe umphefumlo.

10/11/2021

INGxelo Community News
2021/11/10

KWENZEKANI KWEZEMIDLALO NENKCUBEKO KU NDLAMBE.

INGxelo izisa elinqaku eluntwini lwase Port Alfred ingakumbi abathandi kunye nabxhasi bebhola ekhatywayo kunye ne Nkcubeko apha ku Ndlambe.
Iimeko esizibonayo nesijongene nazo kukuba kwicala lezemidlalo kunye ne Nkcubeko akhomntu ukhoyo okanye ojongene nophuhliso kwezi ndizikhankanyileyo. Ukujonga ulutsha lwethu lunzulu kwiiziyobisi kunye neziyolo ezitshabalalisa ikamva labo ngenxa yokungakhathali kweenkokheli zethu.

Imali uRhulumente uyayikhupha ifike kuMasipala naye uMasipala ayikhuphe ukuba ifikelele kwizandla ezizokhulisa nokuzisa utshintsho ekuncedeni ukwakha abantwana kusetyenziswa ezemidlalo kunye ne Nkcubeko ukweluleka umntana.

INGxelo Community News05/11/2021UGWETYWE UBOMI ETILONGWENI OWAYESAKUBA LIPOLISAKAZIEmveni kwexesha ityala lika lowasekub...
05/11/2021

INGxelo Community News
05/11/2021

UGWETYWE UBOMI ETILONGWENI OWAYESAKUBA LIPOLISAKAZI

Emveni kwexesha ityala lika lowasekuba lipolisakazi notyholwa ngokubulala amalungu osapho.
Ityala eli belisoloko liqhuba ukususela oko wabanjwa umhlanelwa ngonyaka ka 2018, ukanti lifikelele esiphelweni namhlanje. Owaziwa ngokuba ngu Rose uvele phambili kwenkundla emveni kokuba ityala belimisiwe ukuqwalasela imiba ethile phambili kokuba kuthathwe iiziqgibo zesigwebo. Namhlanje umsolwa ebekhangeleka enyembezana kuba usapho lwakhe belibiziwe kwinkundla ukuyofumana uxolo kunye nokunqgina umthetho edlala indima yawo.
U Jaji uye wamnika ubomi bakhe bonke ngapha kwezitshixo ethothoza kwezimnyama ade agugele khona, ukwanikwe iminyaka emihlanu ngokoyisa ingalo yomthetho kunye neminyaka elishumi ngobuqhophololo nobusela bemali.

Ngaske esi isigwebo ibe sisigwebo esikuba sisifundo kubantu abangababulali kweli lizwe siphila kulo.

01/11/2021

INGxelo Community News
Ulwenyulo loMasipala 2021

Indaba ezivela kwi IEC zezokuba iqela elilawulayo lilo elinqenqeza phambili kulandele iqela le DA, kuze iqela le EFF.

INGxelo Community News2021/11/01Siyi INGxelo Community News siyaxolisa kakhulu ngokunyamalala singanazisanga. Siye sapha...
01/11/2021

INGxelo Community News
2021/11/01

Siyi INGxelo Community News siyaxolisa kakhulu ngokunyamalala singanazisanga. Siye saphazamiseka kulapho khona siye sema kancinci ukuninika iindaba ezingundoqo zasekuhlaleni. Lixesha lobunzima apho i Covid 19 isphethe maxongo, Koko ke masizikhuseleni kulobhubhane.

Sibuyile ke silelikhasi lwendaba apho siqiniseke khona ukuba asiphindi sinyamalale singanazisanga. Sizisa iindaba zokuhlala kunye nezimidlalo, hlalani ke nijongile.

Address

Mpangele
Port Alfred

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when INGxelo Community News posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Contact The Business

Send a message to INGxelo Community News:

Share

Nearby media companies


Other Media/News Companies in Port Alfred

Show All