News update!!
Ziyaqhuba sithetha nje iimfundiso ezimalunga nokuqwalaselwa kwamalungelo wabantu emabandleni wobuKrestu. Ezimfundiso ziqhutywa ngoonontlalo-ntle base Songe Social Change kwiholo letyalike eyi The New Orphanage Widows Apostolic Church in Zion kwilali yase Mqwangqweni no.2 e Ngqeleni Kwa ward 14. Isithethi esiseqongeni njengangoku ngu mnumzana u Sinikelo Goqweni ongumququzeleli weenkqubo esijongene nokuqwalasela amalungelo oluntu.
Iyaqhuba sithetha nje indibano ka zwelonke i National Indaba yombutho wabahlali u ISANCO kwiholo lesikolo i Christ the King e Polar park kwidolophu yase Mthatha. Ngokwengxelo lendibano injongo yayo yeyokuchazela amalungu alombutho kunye noluntu ngokulungela kwalombutho ukuya kulonyulo. Kwaye lombutho ukuthethe esidlangalaleni ukuba bonke abazozijula ijacu besebenzela lombutho ukuba ufumane abavoti abazongena u door to door bazobhatalwa ngulombutho akukhomntu uzosebenza njengevolontiya elingafumani nesenti kulombutho.
Kulomsitho wenkciyo oqhubekayo sithethanje kwilali yase Mqhekezweni kukhona neqhumrhu elinikezela Ngeenkonzo zokuzivavanyela intsholongwane ye HIV/AIDS
Kuchazwa uhlobo lweentsimbi ezinxityiswe abantwana benkciyo ngelithi bazinxibe ngokwezizwe nangokwamakomkhulu abaphuma kuwo.
Kukhuthazwa iintombi zenkciyo ngendlela yokuziphatha ekuhlaleni.
Kukhuthazwa iintombi zenkciyo ukuba maziloko zikwiindawo yokuthandaza ezicaweni apho kufundiswa khona indlela yokuzigcina kwabantu abatsha.
Liyaqhuba itheko labantwana benkciyo kwilali yase Mqhekezweni sithetha nje. Elitheko lizinyaswe ligqiza loonontlalontle base Songe Social Change. Ngokwengxelo ilali yase Mqhekezweni idume ngeziganeko ezibi eziquka ukudlwengulwa kwamaxhegwazana kunye namantombazana amancinci kwaye kwande nezinga lokukhulelwa kwamantombazana amancinci/teenage pregnancy.
Iqhuba kusuku lwanamhlanje ngentsimbi yeshumi elinesibini (12:00) inkonzo yesikhumbuzo yongasekhoyo u Cllr. William Ngozi. Le nkonzo izoqhutyelwa kwiholo i-O.R Tambo elizinze e Southerwood kwidolophu yase Mthatha. Ngaphambili le nkonzo yesikhumbuzo ibichazwe ngelithi izoqhuba ngentsimbi yeshumi kwakusuku lwanamhlanje nanjengoko kubonakaliswe kanjalo kumfanekiso kodwa ikhaya laphinde lathethana nabaququzeleli bevana kwelokuba mayiqhube ngentsimbi yeshumi elinesibini.
Phumla ngoxolo Nyathi, ugqatso ulufezile.
Kusolwa iintambo zombane ezibengunobangela wokutsha kweevenkile eziliqela kubusuku esivuka kubo kwidolophu yase Mthatha. Ngumonakalo ongaphaya kokuqonda odaleke kwiivenkile eziliqela nekungakhange kukhutshwe nenye into kuzo kwaye ngabantu abaninzi ekulindeleke baphelelwe yimisebenzi ngenxa yalomlilo.