08/11/2024
PRESS RELEASE: 08 Novemba 2024. Incwadi entsha.
INCWADI: Iliso lineenyembezi
UMBHALI: Nkuthalo David Tyutulo I
UMHLELI: Mzolly Mavimbela
UMPAPASHI: NKUTHALO Media - Nkuthalo Publishers
UMNYAKA: 2024
IXABISO: R200 ikopi, R260 ngoPaxi, R330 ngoAramex
BLURB: Inqwelo ilandelwa luthuli lwayo, umntu uvuna akulimileyo, konke kunexesha lako. Ubuncwane bothando buyakwazi ukujika bube yincindi yekhala akube umntu ethabatha izigqibo ngentliziyo. UNomsa ongomnye wabalinganiswa abaziintloko kweli bali ukuba ebengabunjwanga ngumbhali ebeya kukungqina oko. Ibali lezithandani ezathi zathwaxwa bubomi, zohlukana. Kuthe emva kweminyaka zaphinda zavuselelana, kodwa ngoku inenekazi lona sele linesibini sabantwana. Abo bantwana bafela isono sikanina ngenxa yeempazamo zakhe.
Inkxaso yakho iya kuthetha lukhulu kumbhali