𝐔𝐍𝐆𝐀𝐏𝐇𝐎𝐒𝐖𝐀 𝐋𝐄𝐋𝐈𝐍𝐐𝐀𝐊𝐔
Nanjengoko siwuqwela siwuqubuda unyaka ka 2024,abantu bavakalise iminqweno yabo ka 2025.
Ithini eyakho iminqweno yonyaka ozayo?
#iindabazethu | #newsonwethu | #MzansiWethu
kubanjwe abombi mgodi abangekho mthethweni abalishumi elinesine ngale ntsasa eShaft number Ten kumgodi iStifontein.
Omnye olweliqela libanjiweyo uthi uninzi lwezidumbu zabo baye baswelekela kule migodi ziphoswa emigodini enzulu ziinkokheli zakule migodi ukwenzela ingaphinde ibonwe. Ukwathi imalunga neshumi elinesithandathu imizimba esele iphantsi komhlaba.
#iindabazethu | #newsonwethu | #MzansiWethu
Imozulu yanamhlanje | 28 December 2024
#iindabazethu | #newsonwethu | #MzansiWethu
Umalume ka Bongeka Makhathini uthi usaxhelekile yindlela umtshana wakhe abulawe ngayo,uthi ukubulawa komtshana wakhe linxeba eliza kuhlala ngonaphakade. UBongeka Makhathini nonyana wakhe oneminyaka emithathu ubudala babulawe liqabane lakhe, uMlondi Cele, nothe emva koko wazibulala.
#iindabazethu | #newsonwethu | #MzansiWethu
𝑼𝑵𝑮𝑨𝑷𝑯𝑶𝑺𝑾𝑨 𝑳𝑬𝑳𝑰𝑵𝑸𝑨𝑲𝑼
Umbutho wabahlali iSave South Africa Civic Movement uthi uxhalabile hleze linyuke inani labantu abosuleleka zizifo zokwabelana ngesondo ngelixesha leholide.
Oku kuza emva kwengxelo exhomisa amehlo yee-Condoms zomgunyathi nezithengiswa kwi-Spaza shops.
#iindabazethu | #newsonwethu | #MzansiWethu
𝑼𝑵𝑮𝑨𝑷𝑯𝑶𝑺𝑾𝑨 𝑳𝑬𝑳𝑰𝑵𝑸𝑨𝑲𝑼
Ukuqhambuka kwesifo sotyatyazo kulonyaka uphelileyo eHammanskraal kumntla we-Pitoli kuzisa imiba ephathelene namanzi kunye nogutyulo phantsi kwe ngqwalasela ebukhali. Esisifo sotyatyazo sabulala ubuncinane abantu abangamashumi amane, nto leyo ebangela ukuba urhulumente angenelele ukuza nesisombululo kwingxaki yamanzi kulommandla.
#iindabazethu | #newsonwethu | #MzansiWethu
Imozulu yanamhlanje | 24 December 2024
#iindabazethu | #newsonwethu | #MzansiWethu
Inkonzo kaxakeka kwiphondo lase-Gauteng ithi lonyukile inani labantu abafuna uncedo susela oko ziqalile iintsuku zeziyunguma. Ukususela ngomhla wokuqala ku-December ukuzothi ga namhlanje, ziziganeko ezingaphaya kwe-FOURTY EIGHT THOUSAND, neziye zashicelelwa kweliziko, ukanti bangaphaya kwe-Sixteen Thousand abantu baseRhawutini abatsalela abenkonzo zikaxakeka ngelifuna uncedo.
#iindabazethu | #NewsonWethu | #MzansiWethu
Zithe bhazalala izithuthi ezindleleni namhlanje nanjengoko abantu besiya kwiindawo ezahlukeneyo, ukuyokubhiyozela usuku lwe krismesi neentsapho kunye nabahlobo babo.Abaqhubi bayabongozwa ukuba banyamezelane ezindleleni, baqhube ngononophelo.
#iindabazethu | #NewsonWethu | #MzansiWethu
𝐔𝐍𝐆𝐀𝐏𝐇𝐎𝐒𝐖𝐀 𝐋𝐄𝐋𝐈𝐍𝐐𝐀𝐊𝐔
𝐍𝐚𝐦𝐡𝐥𝐚𝐧𝐣𝐞 𝐬𝐢𝐳𝐚𝐤𝐮𝐪𝐡𝐮𝐛𝐚 𝐧𝐞𝐬𝐢𝐪𝐞𝐧𝐝𝐮 𝐬𝐨𝐤𝐮𝐪𝐚𝐥𝐚 𝐤𝐰𝐞𝐳𝐢𝐧𝐞 𝐧𝐚𝐥𝐚𝐩𝐡𝐨 𝐬𝐢𝐣𝐨𝐧𝐠𝐚 𝐢𝐳𝐢𝐠𝐚𝐧𝐞𝐤𝐨 𝐳𝐨𝐤𝐮𝐠𝐞𝐭𝐲𝐞𝐧𝐠𝐰𝐚 𝐤𝐰𝐚𝐛𝐚𝐧𝐭𝐮 𝐞𝐌𝐩𝐮𝐦𝐚 𝐊𝐨𝐥𝐨𝐧𝐢 𝐤𝐮𝐥𝐨𝐧𝐲𝐚𝐤𝐚
#iindabazethu | #newsonwethu | #MzansiWethu
Usekela mongameli weli uPaul Mashatile ubongoze abemi boMzantsi Afrika ukuba balonwabele elixesha leziyunguma ngononophelo ,bangaseli ze baqhube. u-Mashatile ukuthethe oku kumyalezo wakhe weKrismesi. Ukwabongoze abaqhubi ukuba bathobele iimithetho yezendlela.
#iindabazethu | #newsonwethu | #MzansiWethu
Bangamashumi amabini abakhwetha esele beswelekile kwiphondo laseMpuma Koloni ukuzakuthi ga ngoku sukela laathi lavulwa ngokusesikweni ixesha lolwaluko lasehlotyeni. Oku kuvakaliswe ngumphathiswa ojongene nemicimbi yemveli ephondweni umnumzana Zolile Williams ngethuba ekhupha ingxelo yethutyana yexesha lolwaluko lasehlotyeni. Ukanti uNkosi Mwelo Nonkonyana uphakamisa ukuba likhe linqunyanyiswe isithuba seminyaka emibini ulwaluko kushukuxwe amaqhinga amatsha okukhawulelana nokubhubha kwabakhwetha kweli.
#iindabazethu | #newsonwethu | #mzansiwethu