27/04/2021
USHWANKATHELO LWEMBALI YESIZWE SAMAGCINA [NGOKUBHALWA YINKOSI U YIMILE NGQELE AHHH ZWELOBUSI]
Kungakho ukubhideka xa kubaliswa imbali yamaGcina ngenxa yokuba abanye benika imbali ngokubaliselwa ziinkonde ngeenjongo ezahlukeneyo. Kukho ukubalisa ngembali yemizi yakwaGcina, kuphinde kubekho ukubalisa ngembali yesiduko sakwaGcina. Eyam imbali igxile kwimbali yamaGcina njengesizwe. Ndike ndafunda iphepha ebelijikeleziswa kusithiwa yimvelaphi yamaGcina. Xa ndifunda le mvelaphi, ndiye ndagqiba ukuba umntu owayeyibalisa akenzanga mahluko phakathi kwemvelaphi neentsomi. Ndingaliphuhlisa ndithi yintsomi le ibhaliweyo kuba ayihlangani nembali yesizwe, iphinde yahluke nakwimbali yomnombo wakwaGcina ngokwesiduko samaGcina.
AmaGina aqala ukubizwa ngeli gama phaya kwiminyaka yama850 enkosi uYesu Kristu (AD). Ikumkani yamaMpondomise uMalangana wazala uNjanye kwindlu enkulu, waza wazala uMini (Mina) ekunene. UMini lo kwafuneka azifunele umhlaba owahlukeneyo kulowo uphantsi kwendlu enkulu ngokwesiko lakomkhulu lokumiwa kwemihlaba phantsi kwesiko lesithembu. Xa ukunene kudedela indlu enkulu, isizwe siye siqhawuke phakathi, abanye bashiyeke nendlu enkulu, abanye bafuduke nokunene. UMini wakhokela le mfuduko yendlu yasekunene yamaMpondomise, eshiya uNjanye ongunyana wendlu enkulu yamaMpondomise.
Kuvakala ukuba uMini walandulela eli kungekafikwa apho kwakusingiselwe khona, wabe unyana wakhe uGcina eselula. UGcina lo wabanjelwa nguYirha uyisekazi (umninawa kaMini). Wafikelela kwixabisiso lokuthatha iintambo uGcina kuYirha isizwe sisesendleleni, waza uGcina wayintloko yesizwe samaMpondomise asekunene. Esi sizwe sathiywa igama ngokwentloko yaso uGcina, kwathiwa ngamaGcina. Wayesengumntu uGcina ngelo xesha engekabi sisiduko. Iziduko ezikhoyo kwisizwe awayesikhokele uGcina ngokweziduko zale mihla, singakhankanya amaNgwevu, amaNgcengane, ooBhukhwana, AmaMpinga, ooPhahla, AmaCwerha, AmaQadi, AmaYirha, AmaGcina, AmaQam namaNgxabane. Kwakukho amaMpondo namaXesibe kwesi sizwe samaGcina.
UGcina wemisa inxuwa lakomkhulu phezu komlambo iBlack Kei, elawula isizwe samaMpondomise asekunene nesasibizwa ukuba ngamaGcina. Imida yale mihlaba yaba ngumlambo iNqweba (Sundays River) entshona, ibe liGqili (Oranje or Senqu) ngasentla (north), ibe liTsomo ngasempuma (east), ize ibe liNciba (Great Kei) ngezantsi (south). Ikomkhulu lamaGcina lazinza phezu kweBlack Kei izizukulwana ezihlanu ukusuka kuGcina laza lafuduswa laya kuma eNkondlo kumhlaba waseNgcobo ngexesha isizwe sasiphantsi kwenkosi enkulu uBhili. Isizathu sokufuduswa kwekomkhulu yayikukuhlaselwa kwesizwe yingqakaqha, isenzeka le nyikityha yokufa nakubamelwane abangamaQiya. Ngamanye amagama, ikomkhulu lazinza phezu kweBlack Kei phantsi kolawulo luka Gcina, uMbulawa, uKhotha, uXhamela noGadlume, laza ikomkhulu lamiswa eNkondlo ngexesha isizwe sasikhokelwe nguBhili. Lema ikomkhulu eNkondlo ngexesha lika Bhili nonyana wakhe uPhatho.
Unyana kaPhatho uTyhopo walindulula ikomkhulu walimisa kuNquzibomvu (Sterkstroom), waphinda walincothula nalapho walimilisela phezu komlambo iKhundulu eXonxa. Isizwe samaGcina saqhubeka ukuzinza ngoxolo emhlabeni waso, saza kuphazamiseka ngokufika kweMfecane. Imfazwe yokuqala yeMfecane yayikhokelwe nguMadzikane wamaBhaca (amaZelem namaWushe). Loo mfazwe yaba ngomnyaka we1823, apho amaBhaca ayehlanganelwe ngamaGcina, amaMpondomise namaHala. Kwakumenywe namaTshawe kule mfazwe kodwa afika sele oyisiwe amaBhaca naye uMadzikane ebulewe ngumfana wakwaGcina kwihlathi laseGqutyini eNgcobo.
UHintsa owayelawula isizwe samaTshawe wathimba iinkomo zamaTshatshu namaNdungwana esithi wohlwaya amaHala ngokugqiba imfazwe amaTshawe engekafiki. UNgubengcuka intloko yesizwe samaHala akazange anqande uHintsa, aza amaTshatshu namaNdungwana aya kuzibandakanya nesizwe sasekunene emaTshaweni kwaNgqika. Zazikhokelwe nguBawana noQhwesha ezi zizwana zibini, kwaNgqika kubambele uMaqoma emva kokusweleka kukaNgqika, uSandile eselula ngelo xesha. Kwasuka imfazwe phakathi kwamaTshawe asekunene phantsi kukaMaqoma kunye nekunene lamaGcina phantsi kukaGalela ngokuthi uMaqoma abhaqwe ngamaGcina ecandela amaTshatshu namaNdungwana umhlaba wamaGcina. AmaTshatshu namaNdungwana kunye namaRharhabe abethwa yimikhosi kaGalela athi sa kwimihlaba yaseRhini naseSomaseti. Loo miqodi yabasabi yanyusa umnyele kumaNgesi, atsho ahlasela ngomlilo imizi yamaTshawe awayephantsi kolawulo lukankosi Maqoma. Kwabakho imfuduso yetshova yesizwe sikaMaqoma yanikwa amaLawu kwathiwa yiKat River Settlement.
AmaTshatshu namaNdungwana kwavunyelwana ngamaNgesi namaGcina ukuba makaxhwarhe kwelakwaGcina babuyele ebaThenjini ekhayeni labo. Kwabakho ukungevani phakathi kwamaTshatshu nekunene lamaGcina phantsi kukaGalela. Wathi akusweleka uGalela, amaGcina atyhola uBawana, aza amhlasela ambulala. Wasoloko uMaphasa (unyana kaBawana) efuna impindezelo ngakumaGcina ngokubulawa kukayise. Yabakho imfazwe phakathi kwamaTshatshu namaGcina ngomnyaka we1831 phezu komlambo iKlipplaats apho amaTshatshu oyiswa khona, atsho ayinxalenye yesizwe samaGcina, kunye namaNdungwana phantsi kukaQwesha inkosi yawo.
Imfazwe yeMfecane ayizange iphele ngowe1823. Kwavumbuluka enye imfazwe ngomnyaka we1828 isuswa sisizwe samaNgwane phantsi kukaMatiwane. Zamemana izizwe nakule mfazwe; amaGcina, amaMpondomise, AmaHala namaTshawe. NamaNgesi amenywa kule mafazwe neyathi yagqitywa nkeenkanunu ezachitha imikhosi yamaNgwane kwidabi laseMbolompo phezu koMthatha.
Nangona athi axolelwa amaBhaca emva kwemfazwe kaMadzikane, uNcaphayi unyana kaMadzikane waphinda wavukela amaGcina. Xhwele lithile elinguGqobozithole labizwa ngomsebenzi kwaNcaphayi. Suke uNcaphayi abuze ngokutshaba kukaNgubengcuka inkosi enkulu yamaHala. Ixhwele lachaza ukuba ngoikwenene inkosi le ilandulele eli. Abuze uNcaphayi ukuba ngubani na indlalifa kaNgubengcuka. Aphendule uGqobozithole ukuba indlalifa nguMthokrakra. Athi uNcaphayi nguMthokrakra ongengadliwa ngubani na? Ixhwele lithi “nguwe Ncaphayi”. UMthokrakra lo wayekwikomkhulu lamaGcina phezu komlambo uKhundulu. Wawuhlaba umkhosi uNcaphayi wahlasela ikomkhulu likaTyhopo ngelithi uze kwehlutha eli gama likaMthokrakra. Wathimba abafazi nabantwana bakaTyopo inkosi enkulu yesizwe samaGcina. Yahlaselwa imkhosi yamaBhaca emva kwesi sehlo agxothwa amaBhaca aya kuthi finini phakathi kwesizwe samaMpondo eLusikisiki. Wafela apho uNcaphayi kolunye uqhushululu awalivusayo emaMpondweni.
Kwabakho imfazwe enkulu ngomnyaka we1835 phakathi kwamaTshawe namaNgesi. Imikhosi yamaTshawe yayikhokelwe ngunkosi uMaqoma, eyamaNgesi ikhokelwe nguHarry Smith. Kwakusiliwa ngemida yemihlaba. Athi amaTshawe akubona ukuba amaNgesi ayayicutha imihlaba yawo, afuna ukuhlola imihlaba yamaGcina ngeenjongo zokungena kule mihlaba. UTyhopo inkosi enkulu yamaGcina yabhaqa uHintsa edakasa kwimihlaba yamaGcina, yaza yaqhuba loo mikhosi yamaTshawe yayiweza umlambo iNciba. Ngelishwa wahlangana nemikhosi kaHarry Smith uHintsa lowo esandula kufika kwikomkhulu lakhe elaliseBika eGcuwa. Wathinjwa uHintsa ngamaNgesi kunye nomntakwabo uBhurhu nonyana wakhe uSarhili, wabulawa uHintsa ngamaNgesi.
USarhili waqhubeka ngokuzama ukuthatha imihlaba yamaGcina, kwaza ngomnyaka we1839 kwavuka imfazwe phakathi kwamaGcina namaTshawe. Ngelo xesha kwakukho kwaGcina inkosi enkulu yesizwe samaMpondomise uMyeki emva kokuhlaselwa kwamaMpondomise kwimihlaba yawo epahakathi kwemilambo uMthatha noMzimvubu. Imikhosi yamaGcina yayikhokelwe nguTyhopo noMyeki kwimfazwe noSarhili. Oyiswa amaTshawe aze axinaniseleka kwizithili zakuCentane nakuGatyana. Kwathi kanti amaTshawe la oyiswe ngamaGcina ngenxa yokungaqhelani kwamahashe awo nemipu. Awaqhelisa amahashe awo amaTshawe aphinda abuyela emfazweni namaGcina. Ngeli lixa oyiswa amaGcina, aza amaTshawe emisa ikomkhulu eHohita kumhlaba wakuCofimvaba. Yile mfazwe eyakhokelela ukuba kusoloko kugwintwa oonozakuzaku bamaGcina xa bethunywe emaTshaweni. AmaGcina ngeli xesha ayesele eneziduko ezibini, esamaGcina nesamaYirha. Kwadalwa izindlu kwalapha kwaGcina ukuba enye mayizeke kwenye. Kwakusandiswa iziduko ngamanye amagama. Izindlu ezazikhona ngelo xesha yayiyeka Njikazi ukunene kulo Xhamela, ibe nguNtsinga iqadi lendlu enkulu kuloGadlume, uBhinca ukunene kuloGadlume, uMrhula iqadi lasekunene uBhinca. Kwakukho nezinye izindlu ezifana noo Seya, Sabane, Mdungela, Mche ezathi zabandakanyeka kule nquleqhu yokuzekana kwamaGcina phantsi kweemeko zemfazwe.
Eyona mpazamo yaba nkulu kwisizwe samaGcina yaba kukucandelana imihlaba yolawulo ngokwezindlu zesiduko samaGcina, akazabela ezinye iziduko zesizwe samaGcina zamanye amaMpondomise, amaMpondo namaXesibe. AmaRhudulu anabo ubukhosi, namaMpinga kunye namaCwerha. AmaMpondo namaXesibe anabo ubukhosi, kodwa apha kwaGcina kwabonelelwa isiduko samaGcina kuphela ebukhosini. Ingxaki yokuzekana kwamaGcina kunye nokuzibona odwa ebukhosini zakhokelela ekwehleni kwamandla nobunganga bamaGcina. Nangona amaGcina elusapho lwendlu yakomkhulu, akasakwazi ukusombulula izinto zesizwe kunye nezesiduko sakwaGcina ngenxa yoku kuzekana nangenxa yempakamo yamaGcina omnye ephakamele omnye.
AmaNgesi awithatha ngemfazwe umhlaba wamaGcina ngomnyaka we1851, acandelana iifama ezingama400. Kwashiyeka isiqwentshana somhlaba owabizwa ukuba yiGlen Grey, apho lathi lashiyeka khona ikomkhulu lamaGcina. Wathinjwa nawo lo mhlaba waseGlen Grey ngomnyaka we1858, wawela phantsi kweKoloni yase Kapa. Ubukhosi bapheliswa umzi ngamnye waphantsi kwekumkani yamaNgesi phantsi kwamanxiwa awayebizwa ukuba ziiQuitrent Titles.
Xa kubuyiswa ubukhosi ngowe1927, iGlen Grey yafakwa phantsi kwelizwana iCiskei njengeRegion yokuqala. Ngowe1972 kwavotwa ngamaGcina ,malunga nokubandakanywa kweGlen Grey eTranskei. AmaGcina avota ngelikhaba ukubandakanywa kweGlen Grey eTranskei, aze afuduswa ukuba azinze eLinge, eSada, eDimbaza naseNtabethemba. NabaseHeshele bafuduswa kwa ngolu hlobo. IRegion yaseGlen Grey yafakwa phantsi kweQamata yaza eyaseHeshele yafakwa phantsi kweMaluti. Babulawa kanjalo ubukhosi nobunganga bamaGcina, bucinezelwa nguRhulumente wobandlululo. Nalo uRhulumente usahamba ezihlangwini zalowo wobandlululo ukucinezela isizwe samaGcina.