Gqeberha News Update

Gqeberha News Update News in and around NELSON MANDELA METRO daily
(1)

13/11/2021

Molweni, ndicela uxolo ngophuma emxholweni kodwa ke ndisengxakini ndicela ngokuzithoba abantu abafuna transport (contract) even if baphangela ebusuku kulungile, around Port Elizabeth. Enkosi

Lifikile eloxesha apho inkokheli zemibutho izathi bhazalala ikhankasela imibutho yayo,ngeminye yemibono esizakuyibona le...
13/09/2021

Lifikile eloxesha apho inkokheli zemibutho izathi bhazalala ikhankasela imibutho yayo,ngeminye yemibono esizakuyibona le ikwi foto kwezindawo izabe ihamba ezinkokheli

Vaccination sites  zale weekend
11/09/2021

Vaccination sites zale weekend

30/08/2021

Amapolisa alibhengezile igama lomntu wesibini nothe wasweleka kwingozi ebiquka uSodolophu wale Metro uMnu Nqaba Banga, ngokokutsho kwesithethi samapolisa sithi lo uswelekileyo libhinqa elineminyaka eyi 44 negama elingu Nonzwakazi Maho,lengozi yenzeke kwindlela engu R75,kanye kwi corner eyi St Leanord kunye ne Uitenhage Road,nalapho uhlobo lwemoto oluyi Audi lingqubene nohlobo lwemoto oluyi Mercedes Benz ngo 23:30 ebusuku,abantu ababini ebebekhwele kwi Audi baye baphulukana nemiphefumlo yabo kulengozi,ze obekhwele kwisithuthi esiyi Mercedes Benz nongu Sodolophu uye wonzakala, ngokokutsho kwamapolisa athi ayayiphanda lengoz,izolo uMnu Nqaba Banga ebesenza utyando nanjengoba ophele ngaphakathi

Kucholwe ID BOOK ka Siyanda Jutshana ku Jikeleza, ingxelo ka driver ithi uhle  e police station endala kuba ebezakhwela ...
30/08/2021

Kucholwe ID BOOK ka Siyanda Jutshana ku Jikeleza, ingxelo ka driver ithi uhle e police station endala kuba ebezakhwela Avanza eya e location,nabani na omaziyo anga fowunela le number ingu 0838814582,inzame zoba akhangelwe ku Facebook ziwe namthanyana nanjengoba egqibele kudala ungena ku Facebook

Umbutho ophetheyo kwelizwe i African National Congress (ANC)icela kwabo banofaka isandla kwingxowa yabo abayibiza ngokub...
30/08/2021

Umbutho ophetheyo kwelizwe i African National Congress (ANC)icela kwabo banofaka isandla kwingxowa yabo abayibiza ngokuba yi ANC CROWD FUNDING, ngokokutsho kweli qela lesizwe kwikhasi labo bathi abo banganazo intsiba bayacelwa uba benze njalo baphose lonto banayo

Kubonakele amajoni ezulazula kwizitalato zase Motherwell ngalentsasa,kwabo bawabonileyo bathi ebehamba nje kungekho nto ...
26/08/2021

Kubonakele amajoni ezulazula kwizitalato zase Motherwell ngalentsasa,kwabo bawabonileyo bathi ebehamba nje kungekho nto ayenzayo

Ngalentseni yanamhlanje ono Taxi base Plettenberg bay bebevale indlela engu N2 bengavalumeli nanye imoto igqithe,ingxelo...
24/08/2021

Ngalentseni yanamhlanje ono Taxi base Plettenberg bay bebevale indlela engu N2 bengavalumeli nanye imoto igqithe,ingxelo ithi bebekhalazela imali yabo ye Covid19 abangakhange bayifumane ku Rhulumente

24/08/2021

Omnye wabalandeli​ bethu usibhalele ngalentsasa ecela uncedo nakubani ongamnceda uthi ulambile akananto yokutya seyizintsuku imeko imbi kuye, kodwa uthi kuyo yonke lonto ucingela usana lwakhe oluncinici uthi ukuze libenento esuswini ulinika amanzi lincance wona,yena akanangxaki ingako uyanyamezela sicela nabani na ongahle ancede esi sibini uba anxulumane nathi thina sakumdibanisa naye,uSisi use Wesley estate ngokuhlala SIYACELA SIYABONGOZA NABANI NA ONENTO ANCEDE LOMZALI,ASIBHALELE ECALENI OKANYE KWI COMMENT BOX

24/08/2021

Amapolisa afumene indoda ibhubhile ngentseni yangomvulo
Ingxelo esuka emapoliseni ngomlomo ka Sgt Majola Nkohli ithi,amadoda amabini ebephikisana malunga nesiko lokwaluka,ingxelo ikwathi kulompikiswano kuye kwaxatyelwa indoda eneminyaka eyi 22 ze yafunyanwa ibhubhile kwisitalato sase Bheshebha e Kirkwood, amapolisa athi kubanjwe indoda eneminyaka eyi 28 ze kwafunyanwa nesixhobo eso sisetyenzisiweyo,indoda leyo izavela kwinkundla kaMantyi ngomso

Omnye wabalandeli bethu,uthi ngalentsasa yanamhlanje yena nabanye abakhweli bebekhwele Toyota Avanza neyimoto yabo ye co...
24/08/2021

Omnye wabalandeli bethu,uthi ngalentsasa yanamhlanje yena nabanye abakhweli bebekhwele Toyota Avanza neyimoto yabo ye contract,uthi bamiswe ngono Taxi kanye phambi kwe Nangoza Jebe Hall,u driver wabo we Avanza wakhupha iphepha eliqinisekisa uba lemoto ithutha contract kodwa ono taxi khange balifune endaweni yoko bathe makothule abantu kuba lowo ngumhlaba wabo, lombhali ukwathi emveni kwento epha ku 20 minutes ono Taxi abo baye babhala number plate yemoto ze bayikhulula uba ihambe,lombhali uthi njengoba bengena intsimbi ka 06:00 baye bafika late emsebenzini, UMBUZO INGABA ABAKHWELI ABATHUTHWA ZINQWELO ZE CONTRACT YIMEKO ABAJONGENE NAYO LE KWAYE INGATHINI UKUZE ILUNGISWE

Nanjengoba besichaze isiganeko solahleka kwabantwana abasixhenxe e nu29 ingxelo esiyfumeneyo ithi abantwana bafumanekile...
22/08/2021

Nanjengoba besichaze isiganeko solahleka kwabantwana abasixhenxe e nu29 ingxelo esiyfumeneyo ithi abantwana bafumanekile, ingxelo ihambisa ithi abantwana bafumaneke besuka kwi tip(waste area) ese Tinarha, uncedo lokukhangelwa kwabo luququzelwe ngabahlali kunye namapolisa ase Motherwell

Ezingenayo ngoku athe bhazalala amapolisa ase Motherwell kwihlathi elikufuphi e Nu29 kukhangelwa abantwana abalahlekiley...
22/08/2021

Ezingenayo ngoku athe bhazalala amapolisa ase Motherwell kwihlathi elikufuphi e Nu29 kukhangelwa abantwana abalahlekileyo,inani labantwana balahlekileyo kuthwa basixhenxe nabagqityelwe ubonwa izolo

20/08/2021

Ivela ngalentsasa kwinkundla kaMantyi indoda eneminyaka eyi 25 nebulele yanqunqa umzimba webhinqa elina 23,
Ingxelo esuka emapoliseni ithi ngentsasa yayizolo amapolisa ebesenza patrol amiswe ngabantu ababone umbono womzimba womntu ufakwe kwi suitcase kwi corner yesitalato i Fleet kunye ne Fitzpatrick ecaleni kwawo kukho ne plastic yenkunkuma nebifake amanye amalungu omzimba, ingxelo ikwathi amapolisa aye olathiselwa kwigumbi nalapho indoda ebiphethe le suitcase ibiphuma khona,ekufikeni kweligumbi afumene indoda eneminyaka eyi 25 nalapho aye afumana amanye amalungu omzimba, abahlala kufuphi bathi elibhinqa lifunyenwe libhubhile belincuma nalomfana kwaye bebehlala kunye apho,lendoda iye yathathwa ngamapolisa yasiwa ekuvalelweni kwamapolisa, kwaye ibhinqa eli lichazwe njengomfundi wase Fort Hare nobesenza izifundo zobugqwetha,lendoda ingxelo eyinikezele emapoliseni uthe bebexabana ngokuhlwa kwangolwesibini nalapho aye wamhlasela uthe wobona uba ubhubhile wayothenga i gloves into zokucoca kunye nesarha ephathwayo e Hardware,ongu Commissioner wamapolisa ephondweni u Lieutenant Liziwe Ntshinga uthi kulusizi uba esi siganeko senzeke kanye ngenyanga yamanina

19/08/2021

Amapolisa eli akhangela abanikazi be phone eziphathwayo (cellphone) ezabiwa okanye zaxuthwa kwi Live music performance eyayibanjwe e Dorcside e Summerstrand ngomhla we 23 April kulonyaka, ingxelo yamapolisa ithi amapolisa abamba amadoda amathandathu kunye ne cellphone eziyi 15 nezabiwa kule music performance, lamadoda ayehamba ngesithuthi sohlobo lwe Toyota Avanza ayesuka eBhayi ekwindlela eya e Port Alfred ngomhla we 24 April 2021,amapolisa acela nabani owalahlekelwa yi phone adibane nomphandi u Sgt Monde Ntethe kule number 046 675 1113

Leyingozi eyenzeke kwindlela eyi  R375 ngalentsasa ngase Coega dairy akukho Bantu babikweyo bonzakeleyo
18/08/2021

Leyingozi eyenzeke kwindlela eyi R375 ngalentsasa ngase Coega dairy akukho Bantu babikweyo bonzakeleyo

Kubahlali base Jeffrey's bay ngomso e town hall kwabo banqwenela uhlaba i vaccine ye Johnson and Johnson
17/08/2021

Kubahlali base Jeffrey's bay ngomso e town hall kwabo banqwenela uhlaba i vaccine ye Johnson and Johnson

Amapolisa eli aphanda ukubanjwa inkunzi kwemoto ethwala imali e Durban road e Kariega ngentsasa yayizoloIngxelo esuka kw...
17/08/2021

Amapolisa eli aphanda ukubanjwa inkunzi kwemoto ethwala imali e Durban road e Kariega ngentsasa yayizolo
Ingxelo esuka kwisithethi se Hawks u Yolisa Mgolodela ithi ngentsasa yayizolo ngesithuba sika 10:30 umsebenzi wenkampani ethwala imali uye waxhonyiswa ngamadoda amathandathu nabexhobe ef'amacala kudederhu lwevenkile ebizwa ngokuba kukwa Save more kwalapho e Kariega,nathe amphanga isixa semali esingange R700,000,ingxelo ikwathi lamadoda abaleke ngesithuthi se NP200,ukuzothi ga ngoku amapolisa adize uba akukabanjwa mntu ngesisiganeko kodwa wona asaphanda

Zincindwe ngentloko phantsi intshatsheli ze Black label ngethuba zidibene ne Mamelodi Sundowns ngalemvakwemini kwi penal...
15/08/2021

Zincindwe ngentloko phantsi intshatsheli ze Black label ngethuba zidibene ne Mamelodi Sundowns ngalemvakwemini kwi penalty shootout,nto leyo ethethuba lamakhwenkwe ase Naturena aphumile kwi MTN 8

Ibhinqa elina 24 yeminyaka livela kwinkundla kaMantyi e Lulekani ngobulala indoda yalo ena 36Ingxelo esuka kwi NPA ithi ...
13/08/2021

Ibhinqa elina 24 yeminyaka livela kwinkundla kaMantyi e Lulekani ngobulala indoda yalo ena 36
Ingxelo esuka kwi NPA ithi u Jasca Mhaleni uve ngempukane eziluhlaza uba indoda ancuma nayo ime nebhinqa ngakwindawo yentselo,ezindaba azingenanga kamnandi ku Jasca nanjengoba eliqise kwindawu leyo ixelwayo nalapho afike ngokwenene indoda ancuma nayo ime nebhinqa elo,uye wayihlaba nge khoba le beer wayibulala,aboncedo lokuqala bangqinile uba indoda eneminyaka eyi 36 iwunabele uqaqaqa,Eli bhinqa lijongene nezityholo zobulala

Kwindlela engu M17 Moto encinci ingqubene ne truck ethutha ilindle,abaqhubi bayacelwa baqhube ngocoselelo nanjengoba ind...
12/08/2021

Kwindlela engu M17 Moto encinci ingqubene ne truck ethutha ilindle,abaqhubi bayacelwa baqhube ngocoselelo nanjengoba indlela zimanzi

Amapolisa ase Motherwell acela ukhangeliswa u Tata u Ntozanele John Notshoba oneminyaka eyi 74 nowanyamalala ngomhla we ...
09/06/2021

Amapolisa ase Motherwell acela ukhangeliswa u Tata u Ntozanele John Notshoba oneminyaka eyi 74 nowanyamalala ngomhla we 03 June kulonyaka,wagqityela ubonwa ngentsimbi yesithandathu malanga (18:00), ingxelo ithi i family yakhe isichaze isiganeko solahleka kwakhe emapoliseni ngomhla we 07 June emva kwexesha bemkhangela bengamfumani,nabani na angahle abenolwazi apho akhoyo uTata u Notshoba uyacelwa adibane namapolisa akutshane kuye kungenjalo adibane nomphandi u LT Colonel Smidt kule number 082 441 8121

Lingene kwi World Guiness book inina elizele abantwana abalishumi kwisbhedlele sase Tembisa phezolo, amakhwenkwe ayi 7 n...
08/06/2021

Lingene kwi World Guiness book inina elizele abantwana abalishumi kwisbhedlele sase Tembisa phezolo, amakhwenkwe ayi 7 namantombazana ama 3,u Tamara Sithole ona37 yeminyaka nobena 29 weeks ethwele abantwana ubeleke ngoqhaqho (Caesarean section)

Phezolo amapolisa ase Kariega abambe indoda ebiqhuba i VW Polo,lendoda ibanjwe neziyobisi eziqikelelwa kwi R121,000,izap...
07/06/2021

Phezolo amapolisa ase Kariega abambe indoda ebiqhuba i VW Polo,lendoda ibanjwe neziyobisi eziqikelelwa kwi R121,000,izaphinda imangalelwe nokophula Imiqathango ye Disaster Management act

Zezinye zeziganeko zokutshiswa kwama tyre kwindlela eyi Addo Road ngalemvakwemini
04/06/2021

Zezinye zeziganeko zokutshiswa kwama tyre kwindlela eyi Addo Road ngalemvakwemini

Kubanjwe abaqweqwedisi bemoto e Ke Nako mall ngalemini yanamhlanje
03/06/2021

Kubanjwe abaqweqwedisi bemoto e Ke Nako mall ngalemini yanamhlanje

Intsuku zika Sassa kulenyanga ka June zimi ngoluhloboNge 03 June,kupeya abantu abadalaNge 04 June kupeya abantu abane di...
01/06/2021

Intsuku zika Sassa kulenyanga ka June zimi ngoluhlobo
Nge 03 June,kupeya abantu abadala
Nge 04 June kupeya abantu abane disability
Nge 07 June kupeya abantwana naye wonke umntu ongakhankanywanga ngentla

Eyesibini imoto eyi taxi ye Uber ewiswe ngamadoda athile ze umqhubi wayo wa rojwa cellphone,esi siganeko senzeke e Victo...
27/05/2021

Eyesibini imoto eyi taxi ye Uber ewiswe ngamadoda athile ze umqhubi wayo wa rojwa cellphone,esi siganeko senzeke e Victoria drive

Address

Port Elizabeth

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Gqeberha News Update posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Contact The Business

Send a message to Gqeberha News Update:

Videos

Share

Nearby media companies


Other Media/News Companies in Port Elizabeth

Show All