12/12/2024
Molweni bethuna ndingumfazi nditshatile nhe so nditshate kulo nyaka umyeni wam akafunwa ngumzali omzalayo umamakhe and akamfuni nyani becoz umyeni wam ungumntu omhlophe so i think lithongo eli limenza angamthandisisi so ekutshateni kwethu unditshate engasebenzi and utshate ubhuti wakhe omdala engatshatanga yena so umamakhe nobhuti womyeni wam bahleli befounelana besuma mna nomyeni wam oka fine ingxaki ila umyeni wam wanditshata engasebenzi nhe wabe enemali yomethuko meyabafazi nenkomo eyi one ayifumene ngokwelapha (ngokunyanga) so umamakhe wabe esithi yena ngeke ade amgcwalisele makazibonele yhoo bethuna wabe esithi makandiphindise futhi ekhaya okay umyeni wam waboleka inkomo k*malume wakhe wamnika becoz bayevana kakhulu umazala wabe ethetha izinto ezingcolileyo ngomyeni wam umyeni wam elala elila bethuna okay amadoda akulamzi amcenga lomama uba makakhuphe inkomo zibe mbini wade wazikhupha ekugqibeleni okay kwayiwa ekhaya ngoJune wabe eyile nalobhutiwakhe omdala bafika balobola kakuhle kwafumaniseka uba kushoda iR17000 babuzwa uba bazobuya nini ukuzisa lemali bathi ngoDecember(lemali ke kuthiwa yeyethongo since nam ndiligqirha) yheebethuna niyayiqonda uba kwakunguJune ngelaxesha kwabe kushoda inyanga eziyisix eloxesha umyeniwam akakaphangeli ekupheleni kukuJune wafumana itorho ezi Taxi.ni wazama ke ukusebenza ngamandla kuthe lapha ku October umalume lo ebeboleke kuye inkomo wagula wabhubha kwangabikho nkomo yokungcwaba kwanyanzeleka umyeni wam abuyise lenkomo wathatha kulemali ebeyisave since June yenza i 6K inkomo yabe iyi 15K waboleka imali ebantwini ukugcwalisa kulemali yade yahlangana wangcwatywa umalume so ngoNovember wabhatala lemali ebeyiboleka ebantwini ngok udecember ufikile kufuneka aye ekhaya ayobhatala lemali ayihlangani kwayona bethuna becoz lomntu unabantwana ngaphandle kufuneka abathengele ngok umama uyafouna uthi ucela imali yombutho akaphelelisanga embuthweni nam andinamali ngoba andiphangeli andipeyeli mntana andina mntana so andiyazi uba yinto esingayithini le ewe ndiyazama ukusebenza abantu nam kodwa akhonto ihlanganayo kunzima bethuna umyeniwam ude ubhityile ngoba klk unestress bantase nam ngapha andinazo nezijarumani njengomfazi omtsha kunzima bethuna siyazama kuyapatyalaka andiceli kubolekwa mali into endicelayo zi advise bethuna ndiyacela yhini uyaphela ngok udecember abantu basekhaya balindile or else bayandilanda khanicebise ndididekile kubi bethuna ngok nomyeni wam sesilala singatyanfa sizama ukusave lemali kodwa akuhlangani becoz sithathe kwakule sakhupha eyerent neyombani neyamanzi sakhupha neyabantwana uba mabathengelwe ezozinto bayothi bazinxibe nabo kunzima andifuni kuxoka