05/12/2024
Imbali ngehlabathi
Nokubambelela kuThixo
Chapter 7
Apha siqhubeka noSiya noAza uRasta esithi mabengeluki uJah akayifuni lonto nemfundo yeza namabhulu for usicinezela
Ngelixa uSiyasanga avuma lento ugqinisise kuAza ba uthini yena ngalento wavuma naye uAza kodwa esitsho ngaphakathi ba uphambene uRasta akazungoluki yena.
Baqhubelekile nyani bemana besiya kuRasta bengayiskolweni kwade kwavalwa izikolo ngoJune, wemka uSiya waya kugatyane ngelixa uAza eya emthatha kowabo bobabini bohlukene kungazokwelukwa Kuba uJah akayifuni lonto yoba sicuntsule ipiece zethu.
Bahleli ke de kwafika ixesha lovulwa kwezikolo kulaveki zivulwa ngayo khange aye edutywa uAza uye kwiveki elandelayo apho wafika wothuswa ziindaba ezinkulu. Ngalamhla afika ngayo ngeCawa uAza udibene nomnye umfo ogama linguSkhumbule afunda naye eclassini lomfo wamxelela indaba ezothusayo zoba uSiya likrwala welukile. Aqonde ngekhe uSiya ayenze lonto baphele bengavananga noskhumbule uAza amke neebeer zakhe aziselele Kuba akafuni uva lentsomi ithethwa nguskhumbule.
Inene kuse kube ngomvulo avuke aye eskolweni uAza xesifika akekho uSiya eskolweni aqonde inoba akakavuli. Liqhubeke usuku siphume iskolo wethuka uAza xezibonela umhlobakhe ezibhatyini elikrwala ngaseJust On. Wakhaleza waya kuRasta eyoxela ujudas xefika uthi uRasta hay Jah undphoxile uRas Mani ndimgxothile apha undngcolisela umoya wam.
Webe eqonda uAza ba hay Ras nam uzondzonda kungekudala Kuba ngoDec uyaya naye. Bahlala ke batshaya bemthuka uSiya ngobungcatshi, evil, sathana nezinye we2 ezimfaneleyo ngalamzuzu.
Iphelile ke iveki engayi eskolweni ukrwala wazoya kwiveki elandelayo engubhuti ongafuni uqhelwa kwephela njeeew iveki wabuyela udyhakalashe egusheni ubhuti krwala wabuyela kuAza wakhe bavana batshaya kodwa engayifuni into enoRasta esithi yinkwenkwe funeka uAza angammameli aluke wabe eqonda uAza ba hay uchane ucwethe ngetolo msiyana ukweluka kulapho ayakhona kwaye umbukele emhle phambi kwakhe.
2BC