29/01/2025
Umasipala wengingqi yaseSenqu uzokuphumeza inkqubo yebhasari
Usodolophu womasipala waseSenqu, uVelile Stokwe, uthi umasipala uza kuzalisekisa inkqubo yebhasari ebizwa ngokuba yiZibonele Shoes Preserve enjongo yayo ikukunceda abafundi abangathathi ntweni abaphumelele izakhono ezingundoqo kwaye baphumelele imatriki ngokugqwesileyo.
Lo masipala ubambe iimbasa zabafundi abaphumelele ibanga leshumi ngo2024 izolo eSterkspruit kwiholo loluntu uBhunga.
ISikolo saMabanga aPhakamileyo i-Blikana, iNyathela neNkululeko Sekondari ziye zavunywa njengabafundi abaphumelele emagqabini njengoko befumene ireyithi yokupasa eyi-100% kwisikolo ngasinye safumana iindebe nenkxaso yemali kwiinzame zabo eziqhubekayo zemfundo.
Umfundi ophume izandla kwisikolo samabanga aphakamileyo saseTlokweng ufumene ilaptop kunye nebhasari exabisa amawaka angamashumi amane eerandi, ngelixa oogxa bakhe abathathu befumene ilaptop neembasa.
Usodolophu uthi lo msitho ubungengowokuqaphela umsebenzi ogqwesileyo kuphela kodwa ukwakhuthaza izizukulwana zabafundi baseSenqu.
Usodolophu uqhubeke wathi le bhasari kukuguqula izakhono ezinqabileyo abanazo kunye nokuqinisekisa ukuba abaxhamli bayalima babuyele eluntwini.