Tru FM News and Current Affairs

  • Home
  • Tru FM News and Current Affairs

Tru FM News and Current Affairs News and current affairs from trufm. We also cover features on Health, Economy, Technology plus weather and sports updates. Hosted by ZAMA NTSHONA

- THE DAY BREAKER | 12h00-12h30(weekdays): A strictly live interview-driven show tackling topical issues and the day's headlines. The show host is ZAMA NTSHONA.

- TRUNEWS@6 |18H00-18H30 (Mon-Thurs): This is a news-driven show with prepackaged and live interviews. Hosted by GIFT NONGQOTHO.

- INTERCHANGE |06h00-06h30 (Saturdays): A lifestyle news driven programme with themed features, showbiz and

sport. Hosted by GIFT NONGQOTHO

- NEWS REVIEW | 18h00-19h00 (Sunday): Topical/ Debate live programme. We tackle burning issues, invite experts and allow the listener to call in. Input on topics are welcome - especially those with a regional flavour.

https://omny.fm/shows/trufm-current-affairs/04-09-2024-sapo-bailoutKudliwano-ndlebe no Ayabonga Kekana, usihlalo wekomit...
04/09/2024

https://omny.fm/shows/trufm-current-affairs/04-09-2024-sapo-bailout

Kudliwano-ndlebe no Ayabonga Kekana, usihlalo wekomiti ejongene nezonxibelelwano epalamente, uKhusela Diko, uthetha ngenkxalabo yabo beyile komiti ngengxelo yenkonzo yeposi yeloMzantsi Afrika ngomsebenzi wabahlanguli bayo boshishino.

Ayabonga Kekana speaks with the Portfolio Committee on Communications Chairperson, Khusela Diko on the committees' concerns with the South African Post Office’s (SAPO) presentation on the work of its two independent business rescue practitioners (BRPs).

https://omny.fm/shows/trufm-current-affairs/01-09-2024-news-review-two-potU-Ayabonga Kekana uxoxa inkqubo yokutsala kwim...
01/09/2024

https://omny.fm/shows/trufm-current-affairs/01-09-2024-news-review-two-pot

U-Ayabonga Kekana uxoxa inkqubo yokutsala kwimali yomhlalaphantsi ebizwa iTwo-Pot System nonobhala-jikelele we-SAFTU, uZwelinzima Vavi, kwakunye nomcebisi wemicimbi yezemali, uMthobeli Mankahla.

Ayabonga Kekana discusses the Two-Pot System for Retirement Fund with the General Secretary of SAFTU, Zwelinzima Vavi, and a Financial Advisor and Progressive Administrations CEO, Mthobeli Mankahla.

01/09/2024

Imiliselwa ngokusesikweni ukuqala namhlanje inkqubo yeli ezisa iinguqu kwingxowamali yomhlalaphantsi. Le nkqubo ibizwa ngokuba yi Two-Pot System ngolwasenzini.
Ingaba yintoni ofuna iindwendwe zethu zikucacisele ngayo malunga nale Two-Pot System mphulaphuli? Call us on 086 000 2375 or send a Whatsapp voicenote to 072 982 7600.

https://omny.fm/shows/trufm-current-affairs/25-08-2024-news-review-crime-ecKu News Review ngale njikalanga, u-Ayabonga u...
25/08/2024

https://omny.fm/shows/trufm-current-affairs/25-08-2024-news-review-crime-ec

Ku News Review ngale njikalanga, u-Ayabonga uhleli nosihlalo weekomiti zendlu yowiso-mthetho zephondo iMpuma Koloni uToni Duba, kwakunye nengcali kwimiba yolwaphulomthetho nopoliso uZimisele Nxafani, bexoxa ngengxaki yolwaphulomthetho ethwaxa iphondo iMpuma Koloni.

On News Review this afternoon we are discussing the high crime rate in the Eastern Cape. Ayabonga discusses this matter with EC Legislature Chair of Committees Toni Duba and the Crime and Policing Expert Zimisele Nxafani.

18/08/2024

Ku News Review namhlanje sihleli nekomishoni kamakulunganwe ngokwesini, nalapho idakanca ingxelo egxile kwimiqobo ekubeni abasetyhini bafikelele kumhlaba kumaphulo athile eli, kwakunye nengxelo egxile kunonophelo loomama abakhulelweyo kwanaba basandula kubeleka kwiphondo iMpuma Koloni.
Ucinga ukuba amalungelo oomama, ngokubhekiselele kumhlaba kwanabo bakhulelweyoz, afumana ingqwalasela ngokwaneleyo kusini na? Call us on 086 000 2375 or send a Whatsappvoicenote to 072 982 7600.

https://omny.fm/shows/trufm-current-affairs/11-08-2024-news-review-racismU-Ayabonga Kekana uncokola nophuma kwi Ahmed Ka...
11/08/2024

https://omny.fm/shows/trufm-current-affairs/11-08-2024-news-review-racism

U-Ayabonga Kekana uncokola nophuma kwi Ahmed Kathrada Foundation nokwalilungu le-Equal Education uSinenhlanhla Buthelezi, kwakunye netsha-ntliziyo lamalungelo oluntu u-Adv JB Sibanyoni, ngomba wocalucalulo ngokobuhlanga osathe rhwelele kweli loMzantsi Afrika, noko eli lizwe sele lineminyaka engamashumi amathathu lilawulwa ngurhulumente we-democracy.

Racism in South Africa 30 years into our Democracy. Ayabonga Kekana discusses this notion with Sinenhlanhla Buthelezi from the Ahmed Kathrada Foundation, who's also an Equal Education member, and Adv JB Sibanyoni, a human right activist.

11/08/2024



Ingaba yintoni ebangela emva kweminyaka engamashumi amathathu ( 30) yenkululeko, sibe sisajamelene nengxaki yocalucalulo ngokobuhlanga ( racism)?

Ungashiya uluvo lwakho kwelikhasi okanye kuWhatsapp ku-072 982 7600.

04/08/2024

Yintoni oyiphawuleyo mphulaphuli kwintetho yenkulu-baphathiswa yephondo iMpuma Koloni, u-Oscar Mabuyane, yokuvula indlu yowiso-mthetho yephondo? Call us on 086 000 2375 or send a Whatsapp voicenote to 072 982 7600.

31/07/2024

Imanyano yamapolisa, iPOPCRU, iveze ezokuba liyanda inani lamagosa esipolisa azibulalayo ngenxa yeemeko ezimaxongo asebenza phantsi kwazo, nezinefuthe elibi kwindlela asebenza ngayo. Ungaphawula uthini wena mphulaphuli ngale ngxaki azibona ejamelene nayo amapolisa? Call us on 086 000 2375 or send a Whatsapp voicenote to 072 982 7600.

30/07/2024

Kuphinde kwaqhambuka iziganeko zobuhlanga kwizikolo zeli loMzantsi Afrika, nalapho kwesa kutshanje abafundi abamnyama baye bafakwa kwi cage, kwabanjwa intengiso yasesidlangalaleni ngabanye abafundi, ze babathengisa kubafundi bebala.
Ingaba bungapheliswa njani ubuhlanga kwizikolo zeli loMzantsi Afrika? Call us on 086 000 2375 or send a Whatsapp voicenote to 072 982 7600.

https://omny.fm/shows/trufm-current-affairs/29-07-2024-zuma-expel-analysisKudliwano-ndlebe no Ayabonga Kekana, umhlaluty...
29/07/2024

https://omny.fm/shows/trufm-current-affairs/29-07-2024-zuma-expel-analysis

Kudliwano-ndlebe no Ayabonga Kekana, umhlalutyi wezopolitiko, uGqirha Mkhuseli Vimba, uhlalutya iingxelo ezithe ndi kumajelo eendaba ezingqamene nengxelo ethutyelezisiweyo ethi owayesakuba ngumongameli we-ANC, uJacob Zuma, unikwe uphum' aphele yi-ANC.

Ayabonga analyses with political analyst, Dr Mkhuseli Vimba, former President Jacob Zuma's expulsion, which has been revealed in leaked draft documents in possession of the SABC.

29/07/2024

Kuvele iingxelo zokuba ikomiti ejongene nokuziphatha kwamalungu e-ANC imnike uphum' aphele owayesakuba ngumongameli wala mbutho, uJacob Zuma kula mbutho.
Ucinga ntoni mphulaphuli ngeengxelo zesigqibo se-ANC sokugxotha kula mbutho owayesakuba ngumongameli wawo, uJacob Zuma? Call us on 086 000 2375 or send a Whatsapp voicenote to 072 982 7600.

26/07/2024

Ubalule ntoni ezindabeni kule veki mphulaphuli? Call us on 086 000 2375 or send a Whatsapp voicenote to 072 982 7600.

25/07/2024

Ubukhulu becala, abafundi abakumaziko emfundo ephakamaileyo baye basokole ukufumana inkxaso yemali, nto leyo ebangela ukuba bashiye phakathi esikolweni okanye bafune imisebenzi eza kubancedisa ukuphila. Bambi baye bondle iintsapho zabo ngenkxaso-mali abayifumanayo esikolweni.

Zeziphi iindlela abafundi abakule meko abanokuncediswa ngayo ukuqinisekisa ukuba bayaphumelela kwizifundo zabo, kungekho xinizelelo lwendlala? Call us on 086 000 2375 or send a Whatsapp voicenote to 072 982 7600.

https://omny.fm/shows/trufm-current-affairs/23-07-2024-siu-nsfasKudliwano-ndlebe no Ayabonga Kekana, isithethi secandelo...
24/07/2024

https://omny.fm/shows/trufm-current-affairs/23-07-2024-siu-nsfas

Kudliwano-ndlebe no Ayabonga Kekana, isithethi secandelo elikhethekileyo lezophando, uKaizer Kganyago, sichaza ngamanyathelo esiza kuwathabatha ngakwabo baxhamle ngokungafanele kwingxowamali exhasa izifundo zabafundi abahlelelekileyo, iNSFAS.

SIU to collect over R112 million from unqualified NSFAS beneficiaries. Ayabonga Kekana discusses this matter with SIU's Spokesperson, Kaizer Kganyago.

24/07/2024

Umbutho ojongene neenkokheli zemveli kweli, i-CONTRALESA, umemelela ukuhlolisiswa kwakho kwemithetho elawula isiko lokwaluko, kulandela ukusweleka kwabakhwetha abalishumi elinesine kweli xesha lolwaluko lasebusika. Ucinga ukuba kungamiselwa imithetho enjani eza kulawula isiko lolwaluko, ze kupheliswe ukubhubha kwabakhwetha? Call us on 086 000 2375 or send a Whatsapp voicenote to 072 982 7600.

23/07/2024

I-SIU ikwiphulo lokubuyisa imali engaphaya kwe 112-million yeerandi exhanyulwe ngabafundi ngokunga fanelekanga kwingxowa-mali yokunceda abafundi iNSFAS. Yintoni enokwenziwa ukuqinisekisa ukuba abantu abaxhamla kuNSFAS baselungelweni? Call us on 086 000 2375 or send a Whatsapp voicenote to 072 982 7600.

19/07/2024

Ubalule ntoni ezindabeni kule veki, mphulaphuli? Call us on 072 982 7600 or send a Whatsapp voicenote to 060 584 2833.

18/07/2024

Umongameli uCyril Ramaphosa uza kuvula ipalamente ngokusesikweni namhlanje, nalapho kulindeleke ukuba adakance indlela aza kuqhuba ngayo urhulumente wobumbano kule minyaka mihlanu izayo. Wena mphulaphuli unganqwenela ibe zintoni emaziqwalaselwe sisigqeba sikarhulumente we-GNU? Call us on 072 982 7600 or send a Whatsapp voicenote to 060 584 2833.

18/07/2024
https://omny.fm/shows/trufm-current-affairs/17-07-2024-siu-nmbUYolanda Kambile uncokola noLwando nomoyi ngokunikwa imvum...
17/07/2024

https://omny.fm/shows/trufm-current-affairs/17-07-2024-siu-nmb

UYolanda Kambile uncokola noLwando nomoyi ngokunikwa imvume kwecandelo elikhethekileyo lezophando, iSIU, ngumongameli uCyril Ramaphosa, yokuba iphande banzi ngezityholo zolawulo olugwenxa kumasipala ombhaxa iNelson Mandela Bay kwiMpuma Koloni.

Yolanda speaks with Lwando Nomoyi on SIU given a green light by President Cyril Ramaphosa to investigate allegations of maladministration at the Nelson Mandela Bay Municipality in the Eastern Cape.

16/07/2024

https://omny.fm/shows/trufm-current-affairs/16-07-2024-trc-educ-assistance

U-Ayabonga Kekana uchophe nosekela-mlawuli kwicandelo lophuhliso lomgaqo-siseko kwiSebe lezobulungisa nophuhliso lomgaqo-siseko, uNgwako Ramphadi, nalapho baxoxe ngenkqubo yeSebe yokuxhasa amaxhoba neentsapho ngokuthi liwahlawulele imfundo yawo phantsi kwekomishoni yenyaniso noxolelwaniso, nebizwa i TRC Education Assistance ngolwasemzini.

https://omny.fm/shows/trufm-current-affairs/15-07-2024-sassa-srd-grantKudliwano-ndlebe no Ayabonga Kekana, othethela i-S...
15/07/2024

https://omny.fm/shows/trufm-current-affairs/15-07-2024-sassa-srd-grant

Kudliwano-ndlebe no Ayabonga Kekana, othethela i-SASSA kwiMpuma Koloni, uThabisa Nondwayi, ucacisa ngenkqubo entsha yale arhente, neyenelwe ukuqinisekisa ukhuseleko lwenkqubo yokunikezelwa kwezibonelelo zezentlalontle, nebizwa i-biometric identity verification system ngolwasemzini.

Ayabonga Kekana discusses the simplified verification solution for COVID19 SRD social grant beneficiaries with SASSA Eastern Cape Spokesperson, Thabisa Nondwayi.

https://omny.fm/shows/trufm-current-affairs/12-07-2024-teen-burntKudliwano-ndlebe no Ayabonga Kekana, othethela amapolis...
12/07/2024

https://omny.fm/shows/trufm-current-affairs/12-07-2024-teen-burnt

Kudliwano-ndlebe no Ayabonga Kekana, othethela amapolisa kwiMpuma Koloni, uLt Col Siphokazi Mawisa, uchaza ngokubanjwa komtyholwa wesithathu owayamaniswa nokungcungcuthekiswa, ze kutshiswe intombazanana yaseDikeni, uKungawo Nyweba, nomzimba wakhe oye wafunwanwa kwilokishi iJoza eMakhanda.

Ayabonga Kekana speaks with the EC SAPS Spokesperson, Lt Col Siphokazi Mawisa on the arrest of the third suspect in the brutal murder case of an Alice teenager, Kungawo Nyweba.

11/07/2024

Kudliwano no Zizipho Cikozani, u-Abongile Jantjies unaba ngeziphumo zophando lweSebe lolawulo ngentsebenziswano nemicimbi yemveli kwiMpuma Koloni, ngokumayela nebala lezemidlalo elixabisa izigidi zeerandi elaba ngundaba-mlonyeni kumasipala i-Enoch Mgijima kule minyaka imbalwa idlulileyo.

https://omny.fm/shows/trufm-current-affairs/10-07-2024-mgijima-report

30/06/2024

Umongameli uCyril Ramaphosa uza kubhengeza icabinet yakhe kungekudala. Esi sibhengezo siphulaphule ngqo, ngawo lomzuzu kwisikhululo sakho i Trufm no Ayabonga Kekana

U-Ayabonga Kekana uxoxa banzi ngefuthe ukusetyenziswa gwenxa kweziyobisi okunalo kuluntu ekuhlaleni nakuqoqosho lweli no...
30/06/2024

U-Ayabonga Kekana uxoxa banzi ngefuthe ukusetyenziswa gwenxa kweziyobisi okunalo kuluntu ekuhlaleni nakuqoqosho lweli noMike Bukani weqonga labahlali base-Nelson Mandela Bay Metro, kwakunye no Sakhe Mapingwana weqonga labahlali base Buffalo City Metro.

Ayabonga Kekana discusses The Impact of drug abuse to the society and the economy with Mike Bukani of NMB resident's forum and Sakhe Mapingana of the BCM residents' forum.

30/06/2024

Namhlanje siqukumbela iveki eqwalasela ukusetyenziswa gwenxa kweziyobisi. Yintoni enokwenziwa luluntu ukusiphula neengcambu ukusetyenziwa gwenxa kweziyobisi notywala? Call us on 086 000 2275 or send a voicenote to 072 982 7600.

Address


Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Tru FM News and Current Affairs posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Contact The Business

Send a message to Tru FM News and Current Affairs:

Videos

Shortcuts

  • Address
  • Alerts
  • Contact The Business
  • Videos
  • Claim ownership or report listing
  • Want your business to be the top-listed Media Company?

Share