AMaBalli Othando By NiCk Iqhawe Labaxhosa

AMaBalli Othando By NiCk Iqhawe Labaxhosa Shot Story's

05/06/2021

•part 78.❤️

Isiqalo sempilo yam. .

Besame njalo besoyika kwathi gqi umfana onxibe kakuhle o clean futhi omhle esiza ngendlela

Mfana :: Molwen ingathi nilahlekile nje. Ndingani nceda?

Nomonde :: Ewe torho bhuti siya e Complex No.2 qha sibenengxaki nemoto ebesiyikhwele ngoku kwafuneka ukuba sehliswe apha.

Mfana :: Since ndinga ngxamanga ndingani nceda ndiniphathise

Nomonde :: Singakuvuyela kakhulu oko

Bancedisene bexwesa indlela bethwele I bag. Bathe besahamba yakhala ifown ka Nomonde

Nomonde :: Yi fown yam morc le ikhalayo. Inokuba indawoni thixo (ezimpampatha ezimpokothweni)

UNomonde uyiphendule ifown wathetha ithutyana wayifaka epokothweni. U Amahle uyoyika akathembi kwalomfana uba phathise apha

Amahle :: Ibingu bani lowo Sisi.?

Nomonde :: Ibingu lobhuti siya kuye uthi sitsho xa singase Vodacom buyer

Amahle :: kuphi apho?

Nomonde :: Ndayigqibela kudala lendawo andiqinisekanga ukuba kuphi

Mfana :: khululekani ndizoni director xa sesizofika ngakhona

U Amahle akayiqondi tuu into yalomfana

Amahle :: Sisi khojonge ku WhatsApp wakho akho massage nah.?

Nomonde :: Zojonga xasele sifikile endlini yingozi ucofa ifown phandle kurhatyele

Amahle :: khojonge torho sisi

UNomonde ukhuphe ifown epokothweni wangena ngqo ku WhatsApp ufumane I massage egqityo bhalwa ngu Amahle efundeka kanje

Amahle :: ....Sisi uyamthemba lobhuti.?
Nomonde :: ... Hay kodwa ingathi ulungile
Amahle :: ...ok ke sisi bendikubuza nje kuba umnqwazi wam awuqini ngakuye

Lomfana uqaphele ukuba zingaye apha ndlela le bajonga ifown babuye bajonge yena noko iyasolisa. Bafike ngase Vodacom buyer lobhuti baye kuye sele kudala epha. UNomonde ukhuphe I R50 ezakunika lomfana obaphathisileyo kodwa lomfana wayibonga akayithatha. Bade bafika kulendlu baya kuyo..

Lisaqhubeka.....

05/06/2021

•Part 77.❤️

Isiqalo sempilo yam...

Chu imoto ukubheka e Complex. Umqhubi uncokola no gqirha yena u Amahle awakhe amehlo uwathe ntsho efestileni ubukele imoto ezehla zinyuka. Ihambe have yamisa kwi cycle lemoto bebeyi khwele

Mqhubi :: hlalani apha ndiyebuya ngoku ndisayokuni funela imoto ezoni that ha apha iyonibeka ngqo e Complex, kuba le yam ayide ifike kwelicala niya kulo

Gqirha :: Iyoh ngoku bendicinga izosibeka

Mqhubi :: hay iphelela apha

Gqirha :: ok keh ukhawuleze ilanga liyatshona singathini ufika sekumnyama

U Mqhubi uphume efake izandla ephokothweni ethe chuu oko nyaupe boy. Ukhawuleze wabuya sele ebuya notata noko obuqina oqhuba I Bakie Umqhubi uhlikile

Mqhubi :: nantsi ke imoto ezakunibeka apho niyakhona, ndimyalezile apho niya khona kodwa ke nomane nimkhumbuza

Gqirha :: ok siyabulela bhuti. Yimalini kengoku eyakho imali.?

Mqhubi :: 50 .. 50 so yi R100

U gqirha uyikhuphile imali wayibala yaphelela wayidlulisa kuMqhubi wabo. Baphume bafaka i bag kwi Bakie bencedisa kumnikazi we Bakie kunye no mqhubi. Bangene kule Bakie babuyisa amacango yaduma ilungele uhamba..

Driver :: mna ndingu tar midlos ndiye ndithande uzazisa kubantu endiba qhubayo uku a void.e u ngquzulwano.(watsho eahuba imoto)

Gqirha :: siyavuya ukwazi.. mna ndingu Monde lo ndihamba naye ngu Amahle

Tar midlos :: ok keep nivakele. Ngumntana wakho lo.?

Nomonde :: ewe Tata nguye (ugqirha ubaleke ube ecacisa I story eside)

Tar midlos :: tshin natsho nafana ndibona nangendlebe ezi (watsho encumile)

Nomonde :: ewe tata siyafana (encumile)

Tar midlos :: ngk bendikwazisa ukuba undibize bani bendingaphazami bendingafun undibize ngo tata

Nomonde :: Aybo tata ndizothi tar midlos kuwe kengoku.?

Tar midlos :: unotata ongaka wena.?

Nomonde :: ......

Tar midlos :: futhi phumani kwalapha uyadelela sisi..

U tar midlos uyimise esithubeni imoto waze wacela imali yakhe wabakhupha nje kanjalo.. sekuqalisa urhatyela amaxesha ngo 15:07 aleqa ko 16:00. Bame apho besoyika

Lisaqhubeka....

04/06/2021

•Thokozani bogogo👏❤️

Ncela nilindele ibali u part 77 pha ngo 10.❤️🙏

Ndiyabulela ngokubakhona kwenu❤️

03/06/2021

•part 76.❤️

Isiqalo sempilo yam...

Bathe besafika nje e Sithilini seTekisi onoo Taxi bagilana ingulowo nalowo efuna ulayisha o gairha kuba ingumtu owaziwayo. Iphumile egcweleyo ilayishe oogqirha, U Amahle wayethe nca efestileni ngokungathi umnka unomphelo. U gqirha yena wayethule nje ngokungathi ucinga nzulu. U Amahle uhlise intloko waze wavula I pesana yakhe encinane entle kunene waze wakhupha ifown yakhe kunye ne earphones wamamela umculo.

Ingoma awayezikhalisa zazimcingisa ngohambo lwakhe angalazi nokuba lokuba njani, kanti leyo yimpilo yakhe entsha ekumele aziqhelanise nayo. Zehle kancinci kancinci inyembezi ezinqanda ngesandla engafuni ukuzibonakalisa indlela aziva ngayo. Ugqirha umthe krwaqu ngamehlo agcwele usizi.

Gqirha :: it's fine sanalwam bubomi (embambe eligxeni)

Amahle :: (akathethanga nelinye usuke nje wajonga kugqirha wancuma waze wamwola ngeshushu I hug)

Gqirha :: Uziva njan nje phofu?

Amahle :: (akakwazanga ucacisa indlela aziva ngayo usuke wakhupha icala elinye le earphones wamamelisa ugqirha, Bamamele bobabini I Taxi ingamanga ihamba. I Taxi ithe xa isezo fika apho ibhalelwe khona u drive (umqhubi wayo wavakala esithi)

Driver :: Dlulisani imali ngaphambili mawethu. MAKUBHATALWE MAKUBHATALWE ..!!

U gqirha ubhatalile waze wafumana ne change yakhe. I Taxi imisile kwesinye isikhululo apho imoto ziphithizela nyani, kucaca ukuba yindawo eyilokisi

Gqirha :: (Amahle vuka sehle sibambe enye imoto (evusa u Amahle oye wazunywa bubuthongo besamamele umculo)

Baphumile abantu eTaxin bathi saa kwashiyeka u gqirha no Amahle bejonga jonga imoto abazakuyiqabela. (Pip piiip pip pip). Eso sisandi semoto eyayibomvu ngokombala imdakana nje iqhutywa ngubhuti othwele ityepusi wayijongisa ngasemva.

Mqhubi :: 8ta bosisters iyaphi indlela.? (U Amahle uthe asakujonga lomfana waze wazigqibela ukuba akana mbeko)

Gqirha :: siya ngase Complex No.2 Vatala street

Mqhubi :: ngenani sambeni akumiwa kanje endleleni nokuzi bambisa ngongantweni baniphuce eninako..

03/06/2021

•part 76.❤️

Isiqalo sempilo yam...

Bathe besafika nje e Sithilini seTekisi onoo Taxi bagilana ingulowo nalowo efuna ulayisha o gairha kuba ingumtu owaziwayo. Iphumile egcweleyo ilayishe oogqirha, U Amahle wayethe nca efestileni ngokungathi umnka unomphelo. U gqirha yena wayethule nje ngokungathi ucinga nzulu. U Amahle uhlise intloko waze wavula I pesana yakhe encinane entle kunene waze wakhupha ifown yakhe kunye ne earphones wamamela umculo.

Ingoma awayezikhalisa zazimcingisa ngohambo lwakhe angalazi nokuba lokuba njani, kanti leyo yimpilo yakhe entsha ekumele aziqhelanise nayo. Zehle kancinci kancinci inyembezi ezinqanda ngesandla engafuni ukuzibonakalisa indlela aziva ngayo. Ugqirha umthe krwaqu ngamehlo agcwele usizi.

Gqirha :: it's fine sanalwam bubomi (embambe eligxeni)

Amahle :: (akathethanga nelinye usuke nje wajonga kugqirha wancuma waze wamwola ngeshushu I hug)

Gqirha :: Uziva njan nje phofu?

Amahle :: (akakwazanga ucacisa indlela aziva ngayo usuke wakhupha icala elinye le earphones wamamelisa ugqirha, Bamamele bobabini I Taxi ingamanga ihamba. I Taxi ithe xa isezo fika apho ibhalelwe khona u drive (umqhubi wayo wavakala esithi)

Driver :: Dlulisani imali ngaphambili mawethu. MAKUBHATALWE MAKUBHATALWE ..!!

U gqirha ubhatalile waze wafumana ne change yakhe. I Taxi imisile kwesinye isikhululo apho imoto ziphithizela nyani, kucaca ukuba yindawo eyilokisi

Gqirha :: (Amahle vuka sehle sibambe enye imoto (evusa u Amahle oye wazunywa bubuthongo besamamele umculo)

Baphumile abantu eTaxin bathi saa kwashiyeka u gqirha no Amahle bejonga jonga imoto abazakuyiqabela. (Pip piiip pip pip). Eso sisandi semoto eyayibomvu ngokombala imdakana nje iqhutywa ngubhuti othwele ityepusi wayijongisa ngasemva.

Mqhubi :: 8ta bosisters iyaphi indlela.? (U Amahle uthe asakujonga lomfana waze wazigqibela ukuba akana mbeko)

Gqirha :: siya ngase Complex No.2 Vatala street

Mqhubi :: ngenani sambeni akumiwa kanje endleleni nokuzi bambisa ngongantweni baniphuce eninako..

Lisaqhubeka....❤️

03/06/2021

•Part 75.❤️

Isiqalo sempilo yam...

Kudlule iminyaka emithathu kukowesine. U amahle ugqibile esinala kwaye uphumelele ngeziphumo ezincomisayo, ngoku kumele aye e University ayokugqibezela izifundo zakhe afundele lento anqwenela ukuba yiyo. Umama ka Amahle oko waye kidnapp.iwe kuthengiswa ngaye umzimba wadlwengulwa wagula wade wasweleka⚰️.U amahle ude wenza uxolo nokuba umamakhe uswelekile nangona engenabungqina buphathekayo kuba umzimba awuka fumaneki...

Amahle :: Sisi selifikile ixesha lokuba ndiyoqabela esithilini setekisi (ebhekisa kugqirha)

Gqrirha :: yima nje kancinci baby ndigaibezele esisidudwana ndisitya apha kuba lawuba lude uhambo , wena ingathi andikubonanga usitya nje.?

Amahle :: Hay Sisi noko ndisahluthi

Gqirha :: (ehleka) phof ke nono ungade ube ngohluthiyo xa ungazazi nokuba uyaphi, ndiyazi apha K*m lonto kwakunjalo mhla kwakufanela ndihambile

Ekugqibeleni u gqirha use wagaiba utya wathwala I bag encedisana no Amahle baze baqhubana baphuma bathi ncwe ukubheka e taxi Rank..

Lisaqhubeka...❤️

26/05/2021

••Molwen bathandekayo❤️🌏🖐️

20/04/2021

Isiqalo sempilo yam❤️

Part 74

U Amahle wavuka waya eskolwen njengasiqhelo uthe asokubuya wabuya kowabo kulungoselelwa le celebration..

U Amahle ungene endlin xa efika ngase kitchen wafika u gqirha enxibe i faskoti ebhaka ii cakes❤️kunye namaqebengwana

Gqirha" Mntanam sondela ngapha.. khulula ubhaka noba I uniform ungangayi khululi okwangoku ..hamba uye phezu kwebhedi yam uvule kule purse ndiyiphatha emsebenzini uvule ngaphakathi ukhuphe I packet ye balloon uvuthele uxhome ndawo yonke apha endlin nangapha kwe Yard

U Amahle uye ngomdla ekamereni ka gqirha wakhupha I balloon wavuthela wavuthela waxhoma xhoma ndlu yonke

Kuthe kusenjalo kwangqongqozwa emnyango u Amahle uye encumile wavula wathi ntla ngo Luzuko encumile

Amahle" haybo yinton Luber wasineka kangaka emnyango
Luzuko" Yindlela o welcomer ngayo I guests le.?

U gqirha ukhwaze ekwelinye icala kuba esiva kukho umntu emnyango

Gqirha" Amahleee ..nguban lo usemnyango
Amahle" ngu Luzuko
Gqirha" Mvulele angene ..mxelele aze ngapha..

U Luzuko ufike wabulisa

Luzuko" umama usesendlelen ugqithe e town usayo chola chola Into ezimbalwa
Gqirha" ok bhabha khabe uncedisa u Amahle nixhome ezi balloons🎈everywhere..

U Amahle wayesothuswa kukuba kanti u gqirha bayazana no Luzuko

Amahle" Sisi niyazana wena no (watsho ekhomba u Luzuko)
Gqirha" ewe umamakhe you chomy yam ufundisa kwesisikolo ufinda kuso ndi sure I nokuba uyamazi..ngumntana wakhe kelo ..zezi guests sizo celebrator nazo

Next part.?

08/04/2021

Isiqalo sempilo yam
73..

U Amahle oko ehleli apho phantsi ekhala ekhalela umama wakhe ..uhlale kwade kwaba ngo 6 zisiya ku 7 kwade kwabuya u gqrirha emsebenzini.. ungene u gqrirha wambona ehleli lusizi ezibambe esidleleni

Gqrirha" Hay intombi endala kangaka yakhala yade yazibhuqa phantsi ..yinton.?
Amahle" umama andimfumani akekho kwi yadi yonke andimazi uphi [esihla inyembezi chiphi chipi]
Gqrirha" hay klk awunode ube nesingqala ngenxa yoba engekho caba umamakho akazukwaz nobethwa ngumoya na ufuna asoloko esendlin..uzobuya u sisi thula sukhala [emosula inyembezi slowly]

U gqrirha wabamba u Amahle ngesandla wamphakamisa ..u gqrirha uphose I bag esofen yena no amahle baya e kitchen bayopheka isidlo ..u gqrirha wamenza u Amahle waziva e right kwangathi akhonto ayivayo..

Banqunqe izinto ezinje nge carrots..babeke imbiza zabo zafola zine esitovini baze bayohlala phantsi..

Gqrirha" ndikuphathele indaba ezimnandi nezimbi ..ndiqale ngeziphi
Amahle" [equmbile] qala ngezimbi [encumile [ulandele ngezintle
Gqrirha" ngomso kungolwesihlanu morc neh.. mna no chomY wam oyi miss esikolwen sakho sizo celebrate.r impilo yam entsha qha sizo celebrate.r apha soqala pha ngo 6 cz sizoyenzela endlin not ngaphandle

U Amahle uye wavuya bancokola kamnandi.. u sisiza ongu Amahle uphakame wayojonga I outfit azoyinxiba ngomso apha endlin kule celebration

Next part.?

07/04/2021

Isiqalo sempilo yam
72..

Kungenzene I break kwaze kwaphuma isikolo u Amahle kunye ne chomY ka ex ka Luzuko bakhaphene behamba bobabini bencokola ..u pretty i ex ka Luzuko uvele ehamba yedwa wafika wama phambi kwabo besahamba wasonga izandla wabajonga

Pretty" Haybo Elethu ntombi ndide ndikukhangele kangaka nge break kanti awutsho ukuba uzokuhamba nalono ndindwa
Elethu" hay klk sisi yima kancinci then ingath uyalibala ngumzimba wam lo ayingowethu andiku owe any explanation klk rhaa

U Amahle wayeme engaz noba anqande okanye avule kuba wayeyithanda lento yenzekayo ..bathe besaxabana kwathi gqi igquba labafana abadume ngesigezo bafike babaxhaga babasela nyan befuna kuliwe

Mfana 1" uyamyeka pretty athethe nawe oluhlobo [I chomY zalomfana xa egqibo kutsho zalandela emva kwakhe ""Yhuuu"""]
Mfana 2" mna ndithembe wena ke Elethu ndiyayazi uyalifaka inqindi

U Elethu kanti sevuthe kakade ngumsindo waqhwaba u pretty ngempama baze balwa.. bonke abantwana besikolo bagcwala Kubo bebukele ..ngengokuba u Elethu wayefakele wabethwa ngu pretty inywele zayucuka entloko wadlakadlaka ..kuthe kusenjalo kwathi gqi u Tata owayeqhuba I bakie wamisa wakhupha imvubu wehla emotweni ..bathi saa abantwana ababebukele kwashiyeka oo pretty besalwa ..no amahle wayeme qelele kuba esoyika ubethwa ngulo Tata

Tata" YeY Nina futsek niphambene [wathi njengokuba atsho lotata bayekana] yintoni le niyenzayo.? Niphambene nizofika nin emakwenu [wababamba ngesandla wababetha ngemvubu engaba sizeli bekhala.. u Elethu waphuncuka wabaleka kwabe oko kusinda kwabo kulemnvubu]

U Amahle uhambe yedwa egoduka uthe xa efika endlin wafika wakhwaza esangena emnyango "mama ..mamaaa" ungene kuwo onke amagumbi efunana noninha kodwa dololo uvela .. uhlala phantsi bhaxa u Amahle wasitsho esikrakra..

Next part.?

05/04/2021

Isiqalo sempilo yam😷
Part 71..

U mama ka amahle uthe esalele esitulweni kwangena u omnye ubhuti obuqina ongathi ngutata nje.. ungene ehamba engxolisa inyawo kwaze kothuka u mama ka amahle khwasululu ebuthongwen

Mama" (uthe xa emqalasela lomntu chin uyamazi) Ma-leven ncela undikhulule apha fast (u Ma-leven umjonge nje eme phezu kwentloko yakhe) khawuleza kuzode kungene umntu.. oyhin chomy ka bhuti
Ma-leven" [ethetha kamnandi ethambisa ulwimi ngokungathi akasosingcoli] yambona labhuti wakho unebhongo lakhe u six feet under ngk utyiwa zimbovane so please sundngxolela vah cz wakuthengisela mna uphantsi kwegama lam ngk uzosebenzela mna .. uyayaz morc aphe khaya sisebenza kanjan.?
Mama" [elila] andazii
Ma-leven" [evula i ziphu ye blukhwe] yimake ndikubonise
Mama" [ekhala ekhwaza uncedo]
Ma-leven" sikude gqith akho kwamoto okanye mntu unodlula apha so uzokhala uncame.. ndifuna ukuva ukuba umnandi na before ndikufakele i client nditye imali ngawe...😭

Kubetha intsimbi ye break kwelinye icala u Amahle uphume nje wayohlala emva kwe class emthunzini wemithi kuba ilanga lalime entloko litshisa nyan.. uhlale apho yedwa waze wakhupha isikhaftin sakhe sika tupere esasinesonka esifakwe izinto ezimnandi

Uthe esatya kwathi gqi i chomY ye ex ka Luzuko ibonakala idiniwe kwaye ilambile

Chomy" molo mntase [ebhekisa ku amahle]
Amahle" ukuba uzondigezela cela uke ume kancinci please sthandwa cz ngk andikho semdleni tuu
ChomY" haymarn s**a kulo room ayihlali bantu.. ndicela utya nawe o aunty abaphekanga namhlanje isizathu andisiva kakuhle so ndilambile
Amahle" kulungile singatya [encuma uncumo lothando] sharing is caring

U amahle ne ChomY ye ex ka Luzuko bahlale apho phantsi komthunzi wemithi be enjoy.er isonka esasinencasa simnandi

Next part.?

04/04/2021

Isiqalo sempilo yam
70

U Amahle uhlambe ubuso njengoba ese toilet Waze wahlala kancinci ecinga ngalomoya uthetha ngaphakathi kuye umxelele malunga nomhina

Uthe u Amahle esamile apho ezi toilet kwangena i chomY ye ex ka Luzuko izochama.. ingene nje yabona u Amahle yatshintsha apha ebuswen yanyepha yavele yamfutshane ukuzela

chomY" Yeeses uba bendiyazile ukuba ulapha umchamo wam ngeniwu mincile ndase ndakhetha kude kukhale I break before ndichame.. ingxak ndakonyanya mntase khaya ude uthathe indoda ka chomY ekupha kwayo Yoh hay awunasibindi une gila

U Amahle wayephole apha entloko engawoyanga nenye into eshwanqwa Yi chomY ye ex ka Luzuko kuba u Amahle wayezicingela ingxaki zakhe

Lentombazana idlulile ku Amahle idanile ngenxa yoba u Amahle evele wathula akaphenda nenye engabhakisanga nelimdaka.. u Amahle uphume ngaphandle esendlelen eya ngqo e class.in yakhe .. esendlelen njalo kwathi gqi u Luzuko engabonakali nokuba uvele ngapha

Luzuko" ha Lou sexy
Amahle" molo nawe ..and please ngaphinde undibize ngelo Gama
Luzuko" (encumile) or what uzondivimba u kiss.?
Amahle" mxm (ebumbe impumlo yakhe eyibekele phezulu ngokungathi uhamba emafini) please Luzuko khawuhambe mna ndiya e class.in ..awukhathali kweze mfundo futhi wena Kuthen wangaphandle ngexesha lesikolo awufanelanga ukuba use class.in.?
Luzuko" (ehleka) asikhathali sobabini kuba jonga siphi.? Siphandle soy2 ngexesha lesikolo
Amahle" hay ungazifanisi Nam mna ndis**a e toilet
Luzuko" hay marn ngxak lento ndingaphandle e class.in yam ngk kukho u Mr Oss uyozelisa xa efundisa aphinde akhawuleze ngobetha
Amahle" (ehleka) kengoku u..

Kwavela u titshala omkhulu ebonakala ethukuthele ejonge ku Amahle no Luzuko

Titshala omkhulu" YeeY nina Kuthen ngaphandle ngexesha lesikolo anifanelanga nisemagumbini okufunda niyafunda.. phindelani ezi class.in ngk

Kwavela kwangu tshe tshe u Luzuko waphela emehlweni u Amahle yena waqhubeka nendlela ebheka kwi class yakhe

Next part.?

03/04/2021

Isiqalo sempilo yam ❤️
69

Kusekusen u Amahle no gqirha bavukule bahlamba bahamba •u Amahle uya eskolwen nje ngesiqhelo •yena u gqirha uya emsebenzini

Endlin kushiyeke u mama ka amahle..uye wavuka pha ngo 10 emaxeshen wahlamba wake wahamba hamba ngelithi wolula amanyawo kuba kudala wahlala endlini engayi ndawo ..uphume waxwesa indlela ebhekisa ngase parkin
.uthe esahamba kwamisa imoto phambi kwakhe kwathotywa ifestile kulamoto kwavela omnye ubhuti

Bhuti" hlw sister
Mama" ewe molwen
Bhuti" ndithengisa I perfume sisi aziduri Zi cheap khawufumane nawe sisi
Mama" andina Mali nje bhuti ..ndizozithatha next time

Kwavela usisi naye awayese motweni wavela ngefestile

Sisi" inevumba elimnandi sisi khawufumane zingekapheli
Mama" enkosi nyan Sana lwam yimali into engekhoyo
Sisi" at least khave ivumba ndi sure izoyithanda (losisi wathi fa-fa kancinci apha esandlen Sika mama ka amahle)

Kusesikolweni kukho u miss we L.o sekuzobetha intsimbi yekhefu.. u Amahle uve ingathi ikhona into engalunganga ngomamakhe nokuba yintoni na kodwa ikho.. u Amahle uphakame nje kakuhle wacela uya e toilet ku miss u miss umvumele Lula

U Amahle uye phandle uthe xa ezongena kwi toilet Zama ntombi wava ngephepha limbetha emqolo ujike walichola walifunda

"Ndim u Luzuko ndilapha epasejini ndiyakubona ndicela uze ngapha sincokole"

U Amahle ungene e toilet wafika wahlala e toilet kushushu kuye engazazi ukuba enze njan..

U mama ka amahle uvuse intloko ..kanti ubotshelelwe esitulweni kumkhukhwana nje omdakala obugxokogxoko ubukhaxa khaxa bentsimbi zemoto ...u kidnapp.iwe😭😭

Next part.?

03/04/2021

Uxolweni bantase bendi busy kwezintsuku ndidlule kuzo zinto zeskolo❤❤

28/03/2021

Isiqalo sempilo yam ❤️
68..✍️

U gqirha wakhala emane efaka isandla e juice.n ngokungathi uzokubuya embambe ngesandla lomntana wakhe.. u Amahle ok eshukumisa umzimba ngathi uyatyityimba okanye uya xhentsa ..u mama ka amahle udunyelwe wavele wabethwa luvalo kuba akazi noba kwenzeka nton

Mama" Yuuuuh Yuuuuuh (ekhwaza) ncedani.! Ncedani.!
Amahle" mama uyangxola thula uye ekameren uyolala bhetere

U mama ka amahle wazama uthula kodwa zange kuvume kuba wayesothukile.. u Amahle wathi tshe ekameren yakhe wabuya ephethe impepho eyayijijelwe nge plastic emnyama iqhiniwe waze wama ecaleni kuka gqirha wahlala phantsi wayilayta waqhwaba izandla enqula izinyanya zika gqirha

Mama" iYoooh..!!

Ekudaleni u Amahle enqula izinyanya kwathi yaphu ku gqirha ingqondo zabuya zonke

Gqirha" bekusenzekani.?
Mama" ubuphambana sisi (exela igeza)
Gqirha" (ebamba u Amahle eligxen) ungandixeleli ukuba bendisenza lento ndiyicingayo
Amahle" Yeyiphi le uyicingayo.?
Gqirha" umntwana..(engeka gqibi)
Amahle" Yona lonto ..sisi uthule awutsho ukuba unomcimbi ongaka ofanele ukwenziwa
Gqirha" bendizokutsho sisi hlisa umoya qha bendisabetheka apha ezimalini kuba ndifuna lomncimbi abe mkhulu kuba ngoweSana lwam..

Bancokola malunga nalomcimbi uzakubakho kwezinyanga zizayo..

Part 69.?

26/03/2021

Isiqalo sempilo yam
67..

U Amahle uthe akugqiba utya wathatha isitya wasityu esinkini waze wayohlala ngqo ecaleni kukanina

Amahle" mama mama..
Mama" Yhii
Amahle" sisavana andithi (u Amahle ejonga umamakhe lusizi) Sendtshuba si rut morc
Mama" haybo ewe mntanam noba kungenzekani uyayazi ndohlala ndikuthanda
Amahle" (u Amahle wa hug.a u mamakhe encumile) khona into endifuna ukuxelela Yona ..the is this guy ondifunayo mhle ne yena but mna andimfuni so I ex girlfriend yakhe indithembisa ngondibetha
Mama" Yoh hay hay thixo ..ufika sewubona amakhwenkwe ufunda ni kengk eskolwen.. hay hay Mntanam ungasiphoxi sikuthembile
Amahle" ndimamele klk mama (ephinda emjonga lusizi)
Mama" khawuqale ekuqaleni ke Sana lwam bekunjan eskolwen kwaze kwenzeka njan ukuze udibane nalomfana I ex girlfriend yakhe nadibana njan .. khawundi chubela klk sanalwam ukususela ekuqaleni
Amahle" Yoh andifuni nokuyiqala ke eyase class.in (ejonga phantsi)
Mama" hay wethu suqina chin yiza nazo

U Amahle ubalisele umamakhe yonke into ibisenzeka esikolwen... Bathe besahleli njalo bebaliselana kwangena u gqirha ehambela phezulu ungene emnyango wahlala phantsi esofen

Gqirha" Yuh indlela endidinwe ngayo ngase ndingazi bona sendise bhedini ndilele (ekhulula izihlangu azinxibileyo) Amahle baby ncela undigalelele I juice ndike ndimanzise umqala wome nko

U hlehle uphakame waye e kitchen wapura I glass zambini waze waza ne juice waqala ngo gqirha wamgalelela wabuya ngo mamakhe

U gqirha usele kwakanye wayincoma ubumnandi nendlela ebenxanwe ngayo ..uthe xa ephinda ezosela okwesibini wabona usana lwakhe "u hlehle omncinci owalandulela" edada e juice.n etsarhwa Yi juice efuna uphuma

U gqirha wasitsho isikhala nengqondo zathi sebe sebe ..ekhala emane ekhomba e juice.n u Amahle unamzelelwe mzimba wonke yangathi uhanjwa bubuhosho kwangathi apha ezindlebeni zakhe kukhala igubu wanamzelelwa ethatha into engavakaliyo ekhomba ku gqirha Gama u gqirha engasiyekanga isikhalo

Part 68.?

26/03/2021

Isiqalo sempilo yam ❤️
Part 66..

Uqale woyika u Amahle ngoku esahamba no Luzuko..

Amahle" kengk uzondijikisa phi.?(ebuza kuba efuna uyobekwa kokwabo uyoyika)
Luzuko" apho uthanda khona sweetheart ndingu thixo wakho namhlanje
Amahle" uzoyindi beka ngqo ngase khaya ke

U Luzuko no amahle bahambile u Luzuko ujike xa u Amahle sekengakowabo.. u Amahle ungene e gaten wangena endlin wafika kukho umamakhe kuphela ..

Amahle" molo mamam othandwa ndim😻unjani
Mama" ndaphila mntanam Kuthen wandikhahlela kamnandi kangaka andinayo nemali nje ufanani
Amahle" Aybo mama andifun mali (watsho ezijula esofen engeka khululi nezo mpahla zeskolo .. umama ka amahle wahamba waleqisa e toilet)

Amahle" (ethetha yedwa) first day at school and my day was hectic.. I so wish ndibene chomY bhetele (u mama ka amahle uphinde wabuya)

Mama" nguban lo ubuthetha naye ngk ndizayo
Amahle" hay khange ndithethe inokuba ibiyi tv
Mama" icimile nje I tv (ehleka) uyokuthin ukundigugisa kangaka.. khulula imphahla zesikolo uhlambe ne shirt klk kuba ngomso sisikolo
Amahle" ok mama ndizokwenza njalo .. uphi u sisi (exela ugqrirha)
Mama" usemsebenzini (watsho ehlala phantsi esofen etsala I Remote elayita i tv ebukela

U Amahle udlulele kwi kamera yakhe wafika wakhulula imphahla zesikolo wanxiba ezasemakhaya Waze waya e kitchen wazilungiselela okubheka ethinjini

Part 67.?

24/03/2021

Isiqalo sempilo yam. 🤕
Part 65.. 🙏


Uthe u Amahle esaphakama enye yala mantombi yambamba eligxen yamhlalisa phantsi ngomsindo

Ntombi 1" YeeY wena ndondindwa yinton le uzama uyenza
Amahle" (u Amahle akazi noba kuthethwa ngantoni) eyiphi.?
Ntombi 1" Jonga mamela awuzothi ufika esikolwen undithathele indonda
Amahle" (elahleke nyan) indoda (uthe xa egqibo kutsho engqondweni yakhe kwathi qatha umfanekiso walamfana ebesithi ucela umkhapha uphuma kwesikolo)
Ntombi 2" YeeY sisi sithetha ngo Luzuko lo ubuhleli naye nge break kuthen wenza ingathi awumazi ngk
Amahle" Hayi asijoli mna naye si (uthe esacacisa yathi lentombi)
Ntombi 1" Zeke ndiphinde ndikubone nje ume naye
Ntombi 2" sizakulimaza Mo girl

Bamshiya ehleli yedwa esacinga ukuba enze njani kuba enyanisweni lo Luzuko kuthethwa ngaye ngolo inoba apha phandle ukhangelana naye

Uphumile e class.in u Amahle uthe xa evela ngase gate.n wabona u Luzuko elaqaza ebonakala ukuba uyamkhangela. .u Amahle wayengaz noba azimele okanye aye ngqo kuye na kuba sekesoyika nalamantombazana afike kuye emkrokrisa ngomlimaza ..uye ngqo u Amahle uthe xa edlula uLuzuko wambona waya kuye

Luzuko" besendisithi undishiyile bendizoku ncoma ukungcola
Amahle" hay bendisese class.in
Luzuko" ooh ok Yoh umhle marn kuthen Umhle kangaka nditsho nomila ingathi uyi bhotile Ye Coca.. andizazi ingilosi kodwa ndi sure uyazodlula the way umhle ngakhona

U Amahle wayechazeka echazwa ngulo mfana kodwa engazibonakalisi..bahambile u Luzuko Wade wafikelela kwigama lokuba "uyamthanda"
Ku Amahle kwakuduma amagama awayetshiwo ngala mantombazana kuye ngk ebese class.in

Amahle" ha a bhuti Xolo andikuthandi futhi unomntu klk wena
Luzuko" (ehleka) nguban umntu wam.?
Amahle" uyamazi
Luzuko" hay ukuba utsho u Pretty Yi ex yam qha akafun uhlukana Nam u busy uxelela abantu ngathi.. (ehleka) seke fikile caba kuwe wakusongela

U Amahle uthe xa ejika amehlo akhe ejonga ecaleni wabona u pretty ehamba ne chomY zakhe bebayi 6

Part 66.?

24/03/2021

Isiqalo sempilo yam ❤️
Part 64..

Uthe esahamba u Amahle kwaza umfana kuye ..ngumfana nje omhle .lomfana uze sekencumile

Mfana" hello nana
Amahle" hlw
Mfana" ncela ukukhapha ukuphuma kweskolo
Amahle" (kuba kwakutshisa u Amahle wayesonqena uthetha into ezininzi so wavuma) ok

Yakhala intsimbi (🔔) ebuyisela abantwana ezi class.in ..u Amahle waphindela e class.in njengoba nabanye babesenza njalo

U Amahle ungene kule class uthe xa efika wayohlala phantsi kwangena abantwana bale class wathi omnye

Mfundi 1" Aybo nguban ngk lo.?
Mfundi 2" andimazi chomY khona ufike Nini.?
Mfundi 1" ulahlekile chomY (bayitsho intsini)

U Amahle uziqaphele ukuba ungene kwi class e rongo uphinde waphuma wahamba ebuzisa u 10D wakhonjiswa wafika sele kuzoqalwa ubhala

Miss" us**aphi ngeli xesha.? Sewu late ufika (u miss ejonge ngqo ku Amahle.. u Amahle esoyika ejonga ngapha nangapha engamjongi emehlwen)
Amahle" Xolo miss ndiye ndaya kwi class e Rongo.. ndiyaxolisa miss
Miss" hlala phantsi

Ungene wahlala apho ebehleli khona ekusen ..kutsho omnye umfana ngelizwi eliphantsi

Mfana" ulahlekile

Bahleka abafundi behleka ukulahleka ku ka amahle.. u miss umile wabajonga baze bathula

Miss" aninasimilo Yeeh.? Anindiboni.. ndiyeza ndisayo biza u Mr Lavela azonilungisa

U Miss Lukhila uphumile eyobiza utitshala owayedume ngobetha esoyikwa .. uhambe wabuya u miss futhi ebuya naye
Futhi u Mr Lavela uze sekephethe uswazi olutyebileyo othi xa ulijongile ubone ingathi liyahlaba

Mr Lavela" Kuthen ndayolandwa kwa 12c ndilandelwa isigezo senu.?

U Mr Lavela uqale ekuqaleni wayoqhina ekugqibeleni ebetha ngoswazi umntana ongabethwanga ngu Amahle lo ebegezelwa .. uphinde waphuma u Mr Lavela washiya igumbi.. u miss Lukhila waqhubeka ngezi fundo kwade kwakhala intsimbi yokuphuma kwesikolo

U miss uqoqoshe incwadi zakhe wathatha ne purse yakhe walishiya igumbi.. kwashiyeka abafundi bodwa ..uthe u Amahle xa ephakama ezophuma agoduke kwafika amantombi amabini kuye

Part 65.?

24/03/2021

Isiqalo sempilo yam 😔
Part 63..

Waphinda wabuya u Miss ephethe emaphepha ngesandla.. ungene nje sekewadlulisa kumntu wonke

Miss" La maphepha ndininika wona ndifuna uwabona esezincwadini encanyathiselwe..

Uwanikise Wade wafika ku amahle Waze wathi

Amahle" ntombam usibhatalile i School fund.?
Amahle" (ephendula u miss) andayaz miss kodwa ndiqinisekile umama usibhatele(exela u gqirha) kuba ngk ndiza e classin ndimshiye ese office.n ethetha no principal
Miss" ok ke xa ufika endlin umbuze umamakho ukuba ubhatalile na uba uthi "ewe" uze uye e office.n uyocelwa incwadi
Amahle" Yes miss

U miss uthe asakugqiba ubanika bonke abantwana amaphepha wakugqiba wabacacisela lento ipha emaphephen

Miss" nicacelwe ne.?
Class" Yes miss
Miss" anyone onombuzo aphakamise isandla (kucace ukuba akekho ophakamisayo.. u Amahle wayenga cacelwanga kakuhle kodwa esoyika uphakamisa isandla)

Miss" ndizobhala I classwork ebhodini niyifuna yenziwe ngk..

Uthe u miss esaqalisa ubhala yakhala intsimbi ekhuphela abantwana ngaphandle kwi khefu (break)

Baphuma abantwana ingulo esiya ngapha kwaba sisiphithi phithi... U Amahle wayehleli edesikeni engazazi noba aphakame ayephi

Miss" phuma mntanam ndifuna ukutixa ndiyotya

U Amahle waphuma wama ecaleni komnyango u miss watixa wahamba.. esidaleni uhambile u Amahle ephithizela phofu ke ecotha engazazi noba uyaphi

Part 64.?

24/03/2021

Isiqalo sempilo yam 😔

22/03/2021

Isiqalo sempilo yam 🤕
Part 62..

U miss Lukhila waqhubeka ngezi fundo kuthe pha exeshen wajonga u Amahle Waze wath

Lukhila" Xolo marn ntombam ufike ndi busy khange ndibe naxesha loba sazane njengoba ubona ufike umva abanye bonke sendibazi amagama wabo kunye nefani kushota wena..

U Amahle weyesoyika uphakama azichaze ..into eyayimjongisa ngamandla wayenga nxibanga uniform yakwesisikolo wayenxibe eyisisikolo avela kuso..

U Amahle u ginye amathe Waze wazilungisa wamangenyawo wajonga ku Miss

Amahle" Molo miss kunye Nani bafundi

Uthe asakugqiba ukutsho baphela abafundi yintsini boma behleka u Amahle

Lukhila" Hay hay bafundi this is not how we do things kwesisikolo nifuna uza nabazali ngoku kuse early okanye nifuna uphindela emakhaya niyolala

Baphinde bathi cwaka abafundi u Amahle wazama ukuqinisa isibindi sakhe wath

Amahle" igama lam ndingu Amahle ifani yam ndingu Mzizi ndihlala kwakulelali
Lukhila" ndavuya ukwaz hlala phantsi ntombam ungazi hoyi ezizibhanxa ngoku ndandiqala ubabona abanye ndandithi xa ndibabuza amagama wabo bafune ukulila kodwa ngk banesibindi sohleka ento zimdaka..

U miss Lukhila uphinde waqhubeka ngezi fundo kuthe pha exeshen waphuma eleqisa e office.n eyo foto--kopa I notes ze Accounting.. mzuzwana nje ephumile u miss kwavakala omnye umfana oyayehleli ekoneni esithi "iqhwetsi" bayivusa futhi intsini abantwana be class kwahlekwa u Amahle Wade wakhala u Amahle kodwa engazibonakalisi

Part 63.?

Address

Nyange
Umtata

Telephone

+27786218584

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when AMaBalli Othando By NiCk Iqhawe Labaxhosa posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Share

Category



You may also like