Mbiza YabaNtsundu Ephilisayo

Mbiza YabaNtsundu Ephilisayo Siphilisa abantu ngamazwi, futhi siyakwacebisa abantu ngokwezibhalo.

27/05/2022

Mholweni Namhlanje Zihlobo Zam♥️🙏

04/12/2020

✍️✍️✍️

08/10/2020

Ndicela 3 Yezihloko Ndibhale Imibongo Ngoba Lena Yam Imbiza Isabila Ayikaphakwa❤✌

08/10/2020

leMbiza Iyabila Kodwa Abantu Bayangqunga🤔YePeople Hlalani Phantsi Ndiniphakele😊

28/09/2020

To get more of my poems plz like the page and every post in it🤞❤️

Ndinokudla kwendlebe Zenu🤞😊

28/09/2020

It's 60 likes Now ❤️🙏

I Appreciate The Love❤️

28/09/2020

We are sitting on 53 likes🤞❤️This Means We still go far🙏❤️Just Hit Like Button 😊

23/09/2020

LIFIKILE ELAM INGOMSO

Lifikile elaxesha belilindiwe,
Zivuthiwe ezambiza beziphekiwe,
Nakulanjakazi ibimithi ndiwukhuphile,
Umbundlwana obebekiwe.
Lidudumile izulu ladlula,
Zinile iimvula zadlula,
Ivuthuzile imimoya yadlula,
Zandishiya ndinguyelo ndikhula.

Nam kengoku lixesha loba ndigqame,
Ndikhanye ndixelis'iinkanyezi ebusuku.
Lixesha loba ndidume ndixelis'imoto,
Ekukade ilal'iimpuku.
Lixesha loba nditshise ndixelis'umlilo wedlelo,
Ngoba ngokuthandaza ndizophuma kumakhamandelo.

Amaphupha am ndizowafezekisa,
Khon'ukuze ekhaya balale bedlile.
Amaphupha am ndizowaqalekisa,
Xa kunokwenzeka ekhaya balale belambile.
Ngalombongo ndiyafunga ndithi,
Noba kumnyama entla kodwa kusasa ndiyaphumelela.
Ukuba nawe uyakholelwa kwingomso,
Uzondilandela.

Masitshintshe intlalo emakhayeni,
Sicele kuMdala emazulwini,
Ukuba asandisele imihla yokuphila,
Khon'ukuze sizofezekisa iminqweno yethu.

Written by Thulisile Bezlah Thee Realer

23/09/2020

KuleMbiza Ikhona Yonke Imibongo kaBezlah For Umnt'ontsundu Aphile Ngokufunda❤️🙏

23/09/2020

Kulena iPage Nizofumana Imibongo kaBezlah😊Ndicela Ur Support 🙏❤️

23/09/2020

Ewe Luthando!

Ooh! ndizibona ndijabulile,
Yonke into ndiyibona ilungile,
Ohh ndizibona ndichulumancile,
Ngoba Kweyam intliziyo
Uthando lugcwele.

Ndithi ndakumbona kushukume ngaphambile,
Xa ekhona ecaleni kwam iingxaki azihlali,
Luthando nemvano phakathi kwethu zihleli,
Masiyibambe kanjalo ngoba izilingo azipheli.

Undithez'amandla wakundibamb'bamba umzimba,
Igazi ligijima liyochikimis'inimba,
Ngoba uthando lakho lugcwele kuloMzimba,
Uthi wakundibiza ngegama ndive izenzo zisabela.
Mna ndithi lena into ay'nakuphela,
Mhlawumbi bazothi ngumhlola.

Ndigcine ndikugcine,
Undibambe ndik'bambe,
Ngesandla sihambe,
Kukude ebhakubha, sinyelekendwane buyis'ibhay'am,
Kuba lona ndiyamthanda ngusofa silahlane wam,
Ndifuna bathethe kodwa soze bamtshintshe lona umkhethe.
Ewe luthando luthi mandithethe.

Written by Thulisile Bezlah Thee Realer

23/09/2020

NDITHATH'UND'BEKE!!

Kwezontaba zizele luthando nolonwabo,
Ndithath'und'beke.
Kweyomifula yothando, neengoma zothando khathi ndirhabule.
Uyijikelezile ingqondo yam, ebusuku ikwanguwe phupha lam.
Undikhanyisela okuhle kodwa,
Iintshaba zilwana nam.
Mhlawumbi ayikabili imbiza,
Kudala ndiphekile nam.

Kwelahlathi lenkcuba buchopho khandibeke,
Ndigawule nam.
Kwezantsunguzi apho kumnyama nasemini,
Khathi ndikhanyise nam.
Ndibulungele ubulungisa, nokuma entla ndilwe intlukumezo.
Ndibulungele ubuqaqawuli, neengxaka-ngxakana ayizont'ezo.
Phupha lam ndithath'und'beke.

Ndim lona uthethayo hleze und'mamele,
Ndim lona ukhwazayo hleze und'vile,
Ndizabona ngotshintsho ukuba nyani suwufikile.
Ndizakwenza utshintsho ekhayeni nasekuhlaleni.
Phupha lam ndik'thembile.
Ndithath'und'beke!!!

23/09/2020

VULA ILIHLO

Mnt'omtsha mamela,
Mnt'omtsha vula iindlebe,
Kubi ngaphandle Ilizwe litshintshile,
Qaphela mnt'omtsha kubi phandle,

Uyibonile ingculaza yenzeni,
Uyibonile iTB yenzeni,
Uyibonile Corona yenzeni,
Mnt'omtsha Vul'ilihlo,

Elixesha ngokwe ncwadi engcwele sisityhilelo,
Sityhilelwa ngako konke okuhle,
Konke nokubi.
Sityhilelwa ubumnyama kuvela uku-khanya,
Mnt'omtsha vula Ilihlo.

Indlela ibuzwa kwabaphambili,
Hlala phantsi umamele ibali,
Ize yonke oyivileyo ungayilibali,
Mnt'omtsha vula Ilihlo.

23/09/2020

IDE YAFIKA NAKUM LEBHEKILE!!

Tsi Gqada!
Khathi ndithi gqaba-gqaba,
Ndixelis'amafu esibhaka-bhakeni.
Khathi ndilume nam kwelinqatha,
Kuba nonke senonele.
Khathi ndisele nam kulebhekile,
Kuba nina senityile.

Ndibona injabula,
Imincili novuyo kuluntu.
Ndibona izivubeko zemivimbo
Yentlupheko nendlala.
Ndibona uluntu lujongana ngawe Khosi amehlo,
Kuba kaloku yonke imihla siva izigqidi ngezi-gqidi,
Zamatyala apho umntu omnyama abulala omnye umntu omnyama.
Ndibona intlungu, inzima neNtsokolo.

Xa sinovana, sithandane umehluko singawenza,
Mthande umntu naye ezokuthanda,
Mhloniphe umntu naye azok'hlonipha.
Nam ndiyayidlulisa lebhekile, ndinika omnye
Ithuba loba arhabule.

Address

Ngidini A/A
Ntlaza
5114

Opening Hours

Monday 09:00 - 17:00
Tuesday 09:00 - 17:00
Wednesday 09:00 - 17:00
Thursday 09:00 - 17:00
Friday 09:00 - 17:00
Saturday 09:00 - 17:00
Sunday 09:00 - 17:00

Telephone

+27788498962

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Mbiza YabaNtsundu Ephilisayo posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Contact The Business

Send a message to Mbiza YabaNtsundu Ephilisayo:

Share

Category


You may also like