IMonti News

IMonti News Eyes and ears of the Eastern Cape community

ISOSOBOY FOSHO FOUNDATION KUNYE NE-SOMIZI FOUNDATION BABEKA UBUNTU PHAMBILI NGELIXA LEZIYUNGUMANgelixesha leziyunguma iS...
29/12/2025

ISOSOBOY FOSHO FOUNDATION KUNYE NE-SOMIZI FOUNDATION BABEKA UBUNTU PHAMBILI NGELIXA LEZIYUNGUMA

Ngelixesha leziyunguma iSosoboy Fosho Foundation isebenzisene neSomizi Foundation ukubonisa ukuba ubuntu, imfesane nentsebenziswano zisakwazi ukutshintsha ubomi. La maqela mabini aqhube amanyathelo ajolise ekubuyiseleni isidima nethemba kwiintsapho ezingathathi ntweni kwiindawo ezahlukeneyo zeMpuma Koloni.

NgoNovemba, ezi foundation zityelele iintsapho ezininzi ezingathathi ntweni eUnit P, eMdantsane, apho amagcisa ngokwawo anikele ngeepasile zokutya nezinto eziyimfuneko, aza achitha ixesha ethetha nabahlali. Ingqalelo ekhethekileyo iye yanikwa oomakhulu baseUnit P, abanikwe iipasile zokutya njengophawu lombulelo nokubahlonipha, kuba bengumqolo wemizi emininzi kwaye bephakamisa iintsapho phantsi kweemeko ezinzima.

Ethetha ngeli nyathelo, uSosoboy Fosho uthe:
“Ukubuyisela eluntwini yinxalenye yobomi bam. Le projekthi yenziwe yenzeka nangenkxaso yeAsanda Empires, endiphantsi kwayo, ekholelwa ekusebenziseni iqonga lethu ngenjongo. Aba makhulu bakhulis’ iintsapho phantsi kweemeko ezinzima kakhulu, yaye besifuna bazive bebongwa, bebonwa, kwaye bexhaswa.”

Lo moya wokunika uqhubekile nangoDisemba, emva kokuba uSosoboy Fosho ewongiwe kumsebenzi wakhe. Ngomhla we-13 Disemba, eMpumalanga, uwongwe ngamabhaso amabini abalulekileyo kwi Eminent Music Video Awards kwicandelo le Best Styled Video kunye ne Best Hip-Hop Video. La mabhaso aqinisekise igama lakhe njengomnye wamagcisa ehip-hop anempembelelo nenobuchule bokubonakalisa umyalezo ngemifanekiso.

“La mabhaso sisibusiso, kodwa nawo eza noxanduva. Impumelelo ayinantsingiselo xa ingaphakamisi abanye.”utshilo uSosoboy Fosho.

Endaweni yokuzonwabisa yedwa ukhethe ukubuyela noSomizi eMpuma Koloni ngexesha leKrisimesi, beququzelela umsitho wokunceda eMasizakhe Children’s Home. Apho banikele ngento zokudlala, babelana ngokutya nabantwana, baze bachitha ixesha besenza iinkumbulo ezingasoze zilibaleke. Eli nyathelo lenze iKrisimesi yabantwana yaba yinto ekhethekileyo, kwangaxeshanye lazalisa iintliziyo zala magcisa.

USomizi wongeze wathi:
“IKrisimesi imalunga nothando, ububele nokubonakala apho kukho imfuneko. Ukubona uncumo lwabantwana kusikhumbuza ukuba kutheni sisenza oku.”

Nangona uSosoboy Fosho ebexakeke kakhulu ngumsebenzi wakhe ngeli xesha, enezimemo nemiboniso kulo lonke ilizwe, wenze isigqibo sokuchitha usuku loNyaka omtsha nosapho lwakhe, nalapho azakubuyela kwakhona kwikhaya labantwana ukuze abaculele, eqinisekisa ukuzinikela kwakhe kuluntu, kusapho nakwinkonzo yoluntu.

Evala, uSosoboy Fosho uthe:
“Nokuba ubomi buxakeke kangakanani, ukubuyisela eluntwini kundigcina ndizinzile. Aba bantwana nezi ntsapho zisikhumbuza oko kubalulekileyo ebomini.”

Ngale misebenzi yokupha nokukhathala, iSosoboy Fosho Foundation kunye neSomizi Foundation ziyaqhubeka nokubonisa ukuba ubuntu, imfesane kunye nesenzo zisisiseko semisebenzi yazo. Umsebenzi wazo umi njengenkumbuzo enamandla yokuba ukubuyisela eluntwini akusosiganeko sexesha elithile kuphela, koko sisibizo sobomi bonke.

28/12/2025

UMKE NAMANZI OLWANDLE NGE KRISIMESI U MIHLE MBAYO (24) WASE JOJWENI / OPENSHAW NOBEHLALA NABELUNGU BASE MONTI:

Usapho lucela uncedo ukuze kufunyanwe lomfana othathwe ngamanzi olwandle Glen Garrif kufutshane ne Kwelerha ngaphandle kwe Monti.

Bekungumhla we Krisimesi nge 25/12/2025 emini ngesithuba se 11h45, kuleloxesha akhwaze ngalo ngelizwi elicela uncedo esithi HEEELLPPP, emva koko kwathi cwaka kude kube ngoku.

Ebephume nabelungu ababesetyenzelwa ngutata wakhe ngeliyokupholisa umzimba emanzini, kanti akazokuphinda abuyele endlini.

UTATA KA MIHLE AKAXOLANGA KWAYE UNEMIBUZO ngesisiganeko, uthi ababelungu mababuyise umntana wakhe.

Phofu akakholelwa ncam kwayilendawo ithetha ngokutshona konyana wakhe elwandle, uthi kukho inyawo lwemfene kulento.

Ndizakujikela kolusapho on Tuesday 30/12/2025 xa ndisuka kule funeral yomkhwetha e Ngcobo, ndakudibana nabo e Monti.

Onomkhondo awuvayo n**i numbers zekhaya

COUSIN: 0782010879
UTATA: 0739314273

Enkosi

PETROS MAJOLA
28/12/2025

ULUSANDA DUMKE UNGCWATYWE NGOKWASEBURHULUMENTENI KUCENTANE NAMHLANJEInzalelwane yaseChebe kwidolophu yakuCentane, uLusan...
28/12/2025

ULUSANDA DUMKE UNGCWATYWE NGOKWASEBURHULUMENTENI KUCENTANE NAMHLANJE

Inzalelwane yaseChebe kwidolophu yakuCentane, uLusanda Dumke, ungcwatywe ngokwaseburhulumenteni namhlanje emva kokusweleka kwakhe ngenxa yesifo esingaqhelekanga somhlaza abesilwa nalo ixesha elide.

Umngcwabo ububanjelwe kwilali yaseChebe, apho amawaka abantu—kuquka izalamane, abahlobo, amaqela ezemidlalo, kunye noluntu lwasekuhlaleni—beze kuthatha inxaxheba ekumkhumbuleni. Iinkokeli zephondo laseMpuma Koloni nazo bezikhona, zizokuthi ndlela-ntle, zigxwala emswaneni, zikwathuthuzela usapho lakwaDumke ngeli xesha linzima.

ULusanda Dumke ubengumdlali ophambili nobeliqhayiya lombhoxo woMzantsi Afrika kwicala labasetyhini, edume ngobunkokeli bakhe, ukuzinikela kwakhe emdlalweni, kunye nendima ayidlalileyo ekuphakamiseni umbhoxo wabasetyhini kweli.
Ngaphandle kwempumelelo yakhe ebaleni, uDumke ebengumseki we Lusanda Dumke Foundation, umbutho ojolise ekuncediseni nasekuphuhliseni abantu abatsha kwezemidlalo, ingakumbi abo bavela kwiindawo ezisweleyo.

Iintetho ezivakalise imbeko ziveze indlela uDumke ebesoloko ekhuthaza ngayo ulutsha, esebenzisa amava akhe ukubakhuthaza ukuba baphuphe, basebenze nzima, baze bakholelwe kumandla ezemidlalo njengendlela yokuguqula ubomi.

Ilifa likaLusanda Dumke liya kuhlala liphila—emabaleni ombhoxo, emsebenzini wesisa awawuqalayo, nasezintliziyweni zabo bamaziyo nabamthandayo.

Phumla ngoxolo, MamNgwevu.


27/12/2025

21/12/2025 Man B. Tyekana ewongwa kwi Best Cinematography yi Eminent Video Music Awards

27/12/2025

ISEBE LEZOTHUTHO LE PHONDO IMPUMA KOLONI LIGXEKE UCALU-CALULO KWIZITHUTHI ZIKA WONKE-WONKE

Isebe lezothutho kweliphondo ligxeke ucalu-calulo kwizithuthi zika wonke-wonke emva kokuthi ndii kumakhasi onxibelelwano owasetyhini nongavunyelwanga ukukhwela ngumqhubi wekhombi kuba ephila ne Vitiligo, imeko yolusu eMdantsane, eMonti.

Elisebe lithi nangona oku kubonakala ngathi sisiganeko esingaqhelekanga, linqwenela ukucacisa ngokucacileyo ukuba naluphi na uhlobo localucalulo kwizithuthi zikawonke-wonke aluvumelekanga kwaye alunandawo kuluntu lwethu. Akukho mntu ufanele kukulwela ukufikelela kwizithuthi ngenxa yemeko yezonyango, kwanenkangeleko yomzimba.

UMphathiswa wezoThutho eMpuma Koloni, uXolile Nqatha, uyigxeke kakhulu le ndlela yokuziphatha kwaye waqinisekisa kwakhona ukuzibophelela kweSebe kwisidima nokulingana kwezothutho zikawonke-wonke.

"Ucalucalulo lwalo naluphi na uhlobo kwezothutho lukawonke-wonke aluvumelekanga kwaphela kwaye alunandawo kuluntu lwethu. Akukho mntu ufanelwe kukungavunyelwa ukufikelela kwezothutho ngenxa yenkangeleko yakhe yomzimba okanye imeko yezonyango. Abantu abaphila ne-vitiligo, i-albinism okanye nayiphi na enye imeko yolusu ebonakalayo banelungelo lesidima, intlonipho kunye nenkululeko yokuhamba njengabo bonke abanye abemi, ”utshilo uNqatha.

Ingxelo zelisebe zithi liza kusebenzisana nemibutho efanelekileyo yeshishini leeteksi ukujongana nalo mba, ukuqinisa umgaqo wokungabandlululi, kunye nokuqinisa imfundo eqhubekayo kunye namanyathelo okukhuthaza ngaphakathi kushishino.

Elisebe lithi ezi ndibano ziyinxalenye yemizamo ebanzi yokukhuthaza uthutho lukawonke-wonke olukhuselekileyo, olubandakanya wonke umntu nolunesidima kubo bonke abemi baseMpuma Koloni.

ISebe lezoThutho laseMpuma Koloni libongoza bonke abaqhubi bezithuthi zikawonke-wonke ukuba bagcine isidima sobuntu ngamaxesha onke kwaye baqinisekise ukuba iinkonzo zinikezelwa ngokufanelekileyo, ngentlonipho kwaye ngaphandle kokukhetha.

UMan B. uqhubeka nokubeka  iMpuka Koloni kwizinga eliphakamileyoUsomashishini odumileyo was Monti, eMpuma Koloni uMan B....
23/12/2025

UMan B. uqhubeka nokubeka iMpuka Koloni kwizinga eliphakamileyo

Usomashishini odumileyo was Monti, eMpuma Koloni uMan B. Tyekana uqhubeka nokuzenzela igama kwezolonwabo, emva kokuwongwa ngembasa ye Best Cinematography kwividiyo engoma ethi "Thatha lento" nayenze no Dj Tira, Ornica kunye noMalume Womdantso.

Ukufumana kukaTyekana lembasa libhengezwe kumsitho we Eminent Video Music Awards nobubanjelwe eRhawutini kwiveki ephelileyo, laze lanikezelwa kuye ngokusesikweni ngeCawa eDrifters Raceway Theme Part, eMonti.

Lembasa inikezelwe kulo ka Tyekana ngumphathi we EVMA uDumisani Khanyile nobengawuvali umlomo ngegalelo lika Tyekana kwezobugcisa.
Ukufumana lembasa kuka Man B. ufika kanye emva kokukhupha umboniso bhanya-bhanya wake nobizwa ngokuba yi Rythm of the Street noboniswayo kwi Cinema eHemmingways.

Ngethuba uDumisani Khanyile ethetha kumsitho ububanjelwe eDrifters Raceway uthe uluhlu lwembasa efunyenwe ngulo ka Tyekana iyintsika ekwenzeni nawuphi na umboniso bhanya-bhanya.
"Icinematography ithwala iimvakalelo kwanentsingiselo nangaphambi kokuba amazwi okanye iingoma ziqondwe ngokupheleleyo," utshilo uKhanyile.
Ukwathe i-EVMA isekwe ngenjongo zokuphakamisa umgangatho womboniso bhanya-bhanya emculweni.

Ngethuba uTyekana echulumancile esamnkela elibhaso, uthe esi sisiqinisekiso esixelayo ukuba umsebenzi awenzayo uyabonwa.
" Oku kundibonisa ukuba iminyaka yokunyamezela nokusebenza inzima ayizange ibelilize. Ndiyathemba ukuba oku kuyakuvula amathuba amaninzi khbaculi abaseMpuma Koloni," utshilo.

Lo ka Tyekana ucebise namagcisa asekuhlaleni ukuba agcine ubungcali nentlonipho.

Ibali lika Man B liqhubeka ngokuba ngumzekelo wokuba amaphupha asekuhlaleni angakhula abeyimpumelelo xa ubani the wasebenza nzima .

21/12/2025
Izakuqhutywa ngolwesibini inkonzo yesikhumbuzo ka Lusanda Dumke, kwiholo iCity hall eMonti.
21/12/2025

Izakuqhutywa ngolwesibini inkonzo yesikhumbuzo ka Lusanda Dumke, kwiholo iCity hall eMonti.

‼️In loving memory of Lusanda Dumke

Memorial Service of our beloved Lusanda will be on Tuesday, 23rd December at City Hall, East London, BCM



MEC Sibulele Ngongo
Buffalo City Metropolitan Municipality

Zikhutshiwe lusapho iinkcukapha zokufihlwa kuka Lusanda Dumke.
17/12/2025

Zikhutshiwe lusapho iinkcukapha zokufihlwa kuka Lusanda Dumke.

17/12/2025

UMPHATHISWA WEZEMIDLALO U SIBULELE NGONGO UGQITHISE AMAZWI WOVEWANO KUSAPHO LAKWA DUMKE

UMphathiswa wezemidlalo, ulonwabo kunye nobugcisa eMpuma Koloni u Sibulele Ngongo ugqithise amazwi wovelwano ngakusapho luka Lusanda Dumke,nobengumdlali wombhoxo wabasetyhini odumileyo waseMpuma Koloni.

UDumke ibingumdlali obalaseleyo kumbhoxo weli wabasetyhini, nanjengoko ebedlalela iBlue Bulls kunye neqela lesizwe.

Lo mdlali waseMonti eMdantsane, usutywe kukufa izolo emva kokulwa nesifo somhlaza.

Umnyango wezemidlalo kwiphondo leMpuma Koloni uthe igalelo lika Dumke ekukhuleni kombhoxo wabasetyhini kunye nokuzinikela kwakhe ekugqweseni, kuya kukhunjulwa ngentlonipho.

“Oku kukulahlekelwa okubuhlungu kuluntu lwezemidlalo. ULusanda Dumke ebengaphezulu komdlali wombhoxo, ebengumdlali okhokeleyo kwaye engumzekelo kunye neqhayiya leMpuma Koloni,” utshilo uMphathiswa uNgongo.

Usuku lokungcwatywa kuka Dumke luzakubhengezwa ethubeni lusapho.

PHUMLA NGOXOLO LUSANDA DUMKE

UNXUNGUPHELE UMZANTSI AFRIKA KUKUBHUBHA KUKA LUSANDA DUMKEUnxunguphele uMzantsi Afrika ziindaba zokubhubha komdlali opha...
16/12/2025

UNXUNGUPHELE UMZANTSI AFRIKA KUKUBHUBHA KUKA LUSANDA DUMKE

Unxunguphele uMzantsi Afrika ziindaba zokubhubha komdlali ophambili kwiqela lombhoxo leli, uLusanda Dumke.
Ezindaba zidizwe liqela lakhe iBlue Bulls ngentseni yanamhlanje.
Ubeyinkokeli yeliqela ukuqala ngowama-2023.

UDumke nobeyinzalelwana yedolophu Yaku centane ubhubha eneminyaka engama-28 ubudala, kwaye sutywa kukufa emva kokulwa nesifo somhlaza.

Iqela le Blue Bulls lidlulise amazwi wovelwano ngakusapho luka Dumke. Othethela eliqela uThando Manana uthe, "uLusanda ebengeyonkokeli nje kuphela kwe liqela, ebekwakhuthaza amalungu we liqela kunye nawoMzantsi Africa."

Usuku lokubekwa kwikhaya lokugqibela kweliqhawe luzakubhengezwa lusapho.

PHUMLA NGOXOLO LUSANDA DUMKE.

Address

Mdantsane

Opening Hours

Monday 09:00 - 17:00
Tuesday 09:00 - 17:00
Wednesday 09:00 - 17:00
Thursday 09:00 - 17:00
Friday 09:00 - 17:00
Saturday 09:00 - 17:00

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when IMonti News posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Share