BUKELA: Isibini esisele sikhulile sihlaselwa yindoda exhobe ngocelembe ePlettenberg Bay, eNtshona Koloni.
β οΈ Isilumkiso kubantu abaneentliziyo ezinkenenkene, le vidiyo inobundlobongela.
π₯: Crime Watch
BUKELA | Le yividiyo ejikeleza kumakhasi onxibelelwano ebonisa ipolisa elizama ukutsiba ucingo ngethuba lisemsebenzini.
BUKELA | Inkosikazi eneminyaka eyi42 ejola nomfana oneminyaka eyi19 ngundabamlonyeni emva kokuba esi sibini siphume kwinkqubo yeMoja Love ebizwa ngokuba yiSugar Mamas.
Lo nguMivuyo Sinothando Mpoyiya obefunda eSt James S.S.S, eCofimvaba. Isebe lezemfundo limthe jize ngewonga emva kokugqwesa esiXhoseni ngaphezulu kwabo bonke abafundi beMatriki kwiphondo leMpuma Koloni kunyaka ka2024. Zivele echaza indlela aziva ngayo emva kokwenza umsebenzi omhle. NgowaseNgcobo ngokuzalwa.
BUKELA | Imoto itshayisa imoto ebizakutsalwa kuN3 eTown Hill ngasePeter Brown eKZN.
BUKELA | Abahlali baseMlungisi kuKomani besilwa ngamanzi. Akukho manzi kwidolophu yakuKomani neziphaluka kwaye le ndawo inembali yokunqongophala kwamanzi.
π₯: Ithunyelwe
UKUBA ULIPHOSILE
Abarhanelwa abahlanu babanjwe kwindlu yongasekhoyo owayesakuba nguMongameli uNelson Mandela eHoughton, eGoli, emva kokuqweqwedisa imoto eOaklands.
Abarhanelwa baquka amadoda amane kunye nebhinqa elinye. Umzukulwana katata uNelson Mandela ngomnye wabarhanelwa.
Isithethi seJMPD, uXolani Fihla, unengxelo epheleleyo. Bukela.
π₯: JMPD
π https://www.facebook.com/share/p/1GXA3Vs8vz/
BUKELA | Umsasazi weendaba wakwa'eNCA uShahan Ramkissoon uxolise kwimvumi uKelly Khumalo ngempazamo ayenzileyo ngethuba ebhengeza ukuba uswelekile endaweni kaWinnie Khumalo kusasazo lwenkqubo yakhe yeendaba iThe Lead ngoLwesibini.
UKelly uvakalise ukungonwabi kwikhasi lakhe likaInstagram, echaza le mpazamo "ngokungakhathali" kunye "nokungahloniphi".
BUKELA | Ziyanda iziganeko zokuphangwa kweevenkile ngoonqevu. Esi sehlo senzeke kwivenkile yakwaPep eGolden Highway, eMdantsane, eMonti emva kwemini ngosuku lweKrisimesi.
BUKELA | Indoda iyalela amalungu eANC ukuba aphume ekhayeni lakhe. La malungu aqhuba iphulo eKhayelitsha eKapa phambi komsitho wawo ozakube ungomhla wesibhozo kweyoMqungu.
π₯: Newzroom Afrika
BUKELA | Isigulo esingaqondakaliyo sentsholongwane eChina, esaziwa ngokuba yiHuman Metapneumovirus (HMPV), sibangela inkxalabo ngenxa yokufana kwaso neCOVID-19.
Kodwa uNjingalwazi uTulio de Oliveira uthi uMzantsi Afrika akufuneki uzixhalabise.
Iingxelo zithi urhulumente woMzantsi Afrika uyibeke esweni imeko yaseChina.
π₯: eNCA
Kuqongqothwa imigidi yokugqibela ngoku phambi kokuqala konyaka omtsha kraca, u2025. Ingaba nenzani kwezo ndawo enikuzo? Sibonise ngemifanekiso.