05/09/2023
Xa uzolala namhlanje ndicela uhambe nalamazwi athi :
Kwabase Roma 8: 18.
Iintlungu zakaloku nje azinakufaniswa nobuqaqawuli obuzayo " athi uPaulos.
" Entlalweni endikuyo ndazifundisa ukwanela, ngoba ndiyazana nentlupheko nendlala, " nimve Xa egqitha ethi " ndiyilento ndiyiyo nje kungenxa yobabalo lukaThixo "
Yivani indoda enguYobhi eyehlelwe zizinto ezininzi kodwa akas**a kuloThixo wahlala elukholweni athi " mna ndiyamazi umhlawuleli wam uhleli, noba ungayidlikidla yona inyama kodwa umphefumlo wona ayingowakho "
Eloxesha umile umfazi ngobuza uba " uphi loThixo wakho "? athi Xa ephendula " mna andilindelanga okuhle kodwa kuThixo "
Ndikhumbula umama uHana ehlaliswe kakubi ngu Penina , eyinto yokuhlekisa, umama uHana wayelala ngenyembezi imihla nezolo, kodwa kwenzeka isimanga, umama uHana wafuma umntwana ongu Samuweli, wamfumana kuhlekwa .
Vumela ukuhlekwa ukuze kufezeke iminqweno yakho. Vumela ukwehlelwa zizinto ezimbi, ukuze kuzaliseke iminqweno yakho. (cpd)