Poems by abongile

Poems by abongile It's all about me❤️✨

25/04/2024

Umbongo✍️.

Ndinguban?
Waphy?

Mandixeshe ndixhathise ndixele uxukwana, ndinixhosele isixhosa esaxhoswa ngamaxhego asixhenxe exhantini lwaka Xhosa
Mand'qaqadeke ndiqiqe ndiqhabhuke Kuba klk ndingumntano mxhosa

Ngoko ker khanindivumeleni ndiqabel'iqonga ndigqagqanise ukuzazisa ngenge ngqanga neentsiba zayo

Mna ndizalelwe kwisithala sase Katikati ndizalwa yintombi yase matshatshwini.Sizalwa sibathathu ndingowokqala Kubo

Ndiyeke ndigxabhagxabhise ndixel isdudu sexelegu,ndingumamtshatshu,utubhane,mawose,ndisisizukulwana so tshezi,omkhabela,ndibesisizukulwana emamfeneni ko Lisa, ojambase,andiphelelanga apho mna ndisisizukulwana sesizukulwana pha ko Rhadebe ,omthimkhulu,ondlebentle zombini ndithethe ngobhungane

Ndiyintombi ewahloniphayo amasiko akowayo,intombi ezaziyo izithethe nezi Thebe zakowayo❤️✍️

Nderhaaam❤️🙏
(imbongi yosiba-A.REQA)

27/02/2024

Kukude kwampumelelo ❣️🤞

Uzuqine uganikezeli❣️.
Uzuzinyamezele ziburwela 😥.
Ewe ndayazi ubomi bunzima kwaye ubomi bunamahla ndenyuka🤦🏽‍♂️.
Ubomi ngumzamo kwaye akhomntu ungena mpazamo🤞.
Impazamo zezokuba ufundento.
Sonke sinenkalazo.
Kodwa ke akho mthandazo ungena mpendulo🙏📿.
Kukude kwampumelelo 🤞❣️.
Ubofunda indlela yokuzimela❤️.
Abantu abasoze bakufune bonke🤞.
Abanye bafuna ukucimela ikhandlela.
Ubofunda indlela yokumelana nobunzima.
Ubomi yimo yeZulu buyatshintsha tsh*tsha📿🤞.
Obakho ubomi buse sandleni zakho🤞❣️.
Eya empumelelweni idlula ebunzimeni.
Kaloku naxa kuzovela ukukhanya kuqale kuvele ubumnyama 🤦🏽‍♂️🤞.
Indoda itya ubila kobunzi lwayo.
Kulomhlaba kumele usebenze kanzima.
Inxaki yinto esiphila nayo kweli🤦🏽‍♂️🚮.
Kukude kwampumelelo ❣️.
Emva kohambo olude umhambi makafumane ukuphumla❤️.
Ukuzama yenye yendlela zokuphila❣️.
Ukungazi ngumzekelo wokuphila.
Apho uhamba khona uzuhlabe ukhangele nto yakuthi❣️.

Imbongi ehlasela ngosiba lwayo 💞.
Imibongo eyakhayo kwaye ephilisayo ❣️.
Umthombo wolwazi ❤️.
Tyatyadula Siba lwam ungadinwa kubhala ❤️🗝️.

Ngu Abongile Imbongi yosiba - Xhosa poetry -

03/02/2024

Mandike ndigxabha gxabhise ndixele uxam exakwe lixesha exandeni

Elosabela nelokubizwa Abongile
elokhokho ngu Reqa intombi ezidlayo ngobuntombi bayo

Zalwa yintombi ethanda uncuma umamtshatshu tubane mawose

Isizukulwana so tshezi otenza omkhabela

isizukulwana sesizukulwana so Rhadebe omthimkhulu ndlebentle zombini ndithetha ngomafuza fulele njenge lifu lvula obhungane

ndim lowo

written by:abongilereqa

Address

Cathcart

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Poems by abongile posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Share