#CrossingTheBridgeNews
#Empumakoloni
#Nceda_mhlali
Please good people, onazo indlela zokunceda umntwana angashiya details zakhe simxhomanise nosapho lwalomntwana..
#CrossingTheBridgeNews
#South_Africa
#ezolonwabo
With u jack womfonyozo for more entertainment invyt him on WhatsApp to send you morning videos 0670506008 🤣🤣 kuthwa sis spinach esityiwe lilanga ezantsi kwebhanti..
🏃🏃🏃🏃🏃🏃🏃🏃😜
#CrossingTheBridgeNews
#eNtshonaKapa
#eEurope_koE
UJANUARY KUWE YINYANGA ENEENTSUKU EZI31 KODWA KUBO ZINYANGA EZI12 KUBA INDLALA IYINTO YEMIHLA NGEMIHLA
Esi sihloko ngumxholo webali lenina elisisish
#CrossingTheBridgeNews
#eNtshonaKapa
#ekhayelitsha_siteckob
#eli_linqaku_eliqhubekayo
SINOVUYO NYAMANKULU SEEKING FOR JUSTICE AFTER SHE ALMOST LOST HER LIFE IN THE HANDS OF JER EX- BOYFRIEND
#CrossingTheBridgeNews
#eNtshonaKapa
#Somagwaza_SeekDonation
BAMBI BATHETHA INGATHI BAPHOS'AMATHAMBO EZINJENI
Kuhlatyw'ikhwelo kuluntu lonke elikholelwa kwintetha ethi " Kuthatha ilali yonke ukukhulisa umntwana" ukuba luqwebe isidima ngokudlala indima ekukhuliseni ebantwana ngokufezekisa iminqweno yabo ngokuba weza kwilizwe lakwaNdoda .
Ngamakhwenkwe alishumi, ajongene nokusiwa entabeni ngenxa yelixa elide sele enyamezele ukuba ngamakheswa ekuhlaleni kuba engolukanga. Ubuhlwempu bubo obu bangela lombutho iSOMAGWAZA uze ngaphambili ngelithi unomnqweni wokunceda lamakhwenkwe koda bacela ukuncediswa ngezinto ezimbalwa enokuthi lowo uchukumisekayo anikele ngazo.
#CrossingTheBrigdeNews
#Ntshonakoloni
#ncendamhlali
Hi cela nindi postele e ktc bekutshile on sunday ngentsimbi yesibini (2am) ekzeni kusa bencela donations from anything mpahla, kutya nento zendlu kubantu abakwaziyo from detailed info they can watsapp 073 120 1854 kukho abantwana ababini 1 is 3 years old yi boy omnye una 4 yi boy naye u mama unxiba size 32 umakhulu naye 32 size 4 esihlangiwni anything evelayo would be appreciated kukhona anabafana abachapaelekileyo klo mlilo andikho sure nge sizes zabo
BEKU MBEJEMBEJE YI LGBTQI+
Siyiphefumla namhlanje lusuku lokuqala kwintsuku ezimbini zomnyhadala wethu wokulwa ukuhlukunyezwa kwabantu abathandana besisini esinye (LGBTQI+) nalapho sizobesifundisa uluntu ngokubonisa kwimi dlalo yeqonga kwi ndawo ezohlukeneyo. Zibonele kwimi fanekiso engezantsi.
#CrossingTheBridgeNews
#entshokoloni
INTENGISO/ADVERT
TRUTH SEEKERS!! FOLLOWERS OF CHRIST!! YOU ARE INVITED ON
"It'sNotYourFaultGospelCampaign".
Amathemba aphelile? kuba ubona unyaka uSIya ekupheleni kodwa awukabiphi ngezicwagciso zakho zobom'?
Umtshato uyabhidlika?
Imali iphuncuk'ezandleni ?
Ujikelwe zizihlobo, izalamani kwanabo ubathandayo ?
Mntaka baba Sifuna ukukhumbuza ukuthi 'IT IS NOT YOUR FAULT'.
-UJosefa weenzelwa iyelekenqe ngazalwa nabo kodwa kwagqibela Icebo lika Nkulunkulu.
- USamsoni wangxwelerhwa ngamafilisti ngenxa ka Delila Kodwa kwagqibela icebo lika Nkulunkulu.
-UKhayeni wabulala uAbheli kodwa kwavela uNkulunkulu amandla akhe avel'esaqhwithini.
Nawe uyabandakanyeka nawe unebango ebukhoneni bukaNkulunkulu, Zivuselelithemba ngokuSilandela kwikhasi uFacebook: ITSNOTYOURFAULTGOSPELCAMPAIGN.
#CrossingTheBridgeNews
#entshonakoloni
#Philippi
ZIQHUBE KAKUHLE IISESHONI EZINTSUKUMBINI EBEZINGOKUXHOBISA AMAPOLISA
ILitha Labantu limbambisene nezikhululo ezilithoba zamapolisa kwiphondo intshona koloni, belusingethe iseshoni entsukumbini phakathi komhla wesibhozo nowethoba (08th&09th) kuJune 2020. Eziseshoni bezigxile ekuqeqesheni nasekuxhobiseni abakwantsasana ngemicelimngeni abajamelana nayo mihla le kwizikhululo abasebenza kuzo.
(Nyanga Gugulethu Philippi Philippi East, Samora Machel, SiteB, Harare, Lingelthu ne Lwandle Police Station).
Umxholo wokuqala
1.Luxinizelelo oluza emveni kwesithwakumbe esithi sehlele ixhoba kungaba ngodlwengulo okanye ingozi. (Trauma)
2. Impatho gadalala ejoliswe kwisini(GBV).
Zozibini ezizihloko ziyezafumana indawo yokuhlala kumapolisa kambe afunde lukhulu, kukwathembakala ukuba ayakusebenzisa loomava ukuphucula intsebenzo yesipolisa ekuphononongeni ngenkathalo imeko yexhoba ingakumbi eliza lidinga uncedo oludinga esisakhono.
#Kwindabazecrossingthebridge
#CrossingTheBridgeNews
#empumakoloni
#Munitata_eMthata
#isiqwengana_sendaba
AVUKELE EDOLOPHINI AMANINA NGELIYOKUTHI MAYIVALELWE KWEZIMNYAMA INDODA EBULELE UNAMHLA
Adele umbethe amanina engingqi ezahlukeneyo ezingqong'uMtata ukusinga eDolophini kusasa namhlanje, ngeliyokuthi mayivalelwe kwesimnyama isisele indoda ebulele ebihambisana naye uNamhla Mtwa.
Kwiiyure ezintandathu ezidlulileyo ibingumbo nomxesibe wamanina wombutho iEFF bebanjw'endleleni ngaka khongolose naze kunikeza inkxaso kusapho luka Mtwa nendaba yakhe ibisele isemlonyeni ngendlela abhubhe ngayo ngesandla sendoda. Kuba sele isesithatheni indaba ka 'Major' uluntu luthi noko besekufanele okokuba sele ebanjiwe, kungapheli apho agwetywe kuba icala lakhe linye.
28th FREEDOM DAY
#Crossingthebridgenews
#Entshonakoloni
#28thFreedomday
#Philippi_BrownsFarm
KUBE YIMPUMELELO UKUBANJWA KWEMINYHADALA NGAMAGCISA NGELIBHIYOZELA USUKU LWENKULEKO YELI LOMZANTSI AFRIKA
Bekusindwe ngobethole kwiingingqi ezahlukeneyo ze lokishi iPhilippi namhlanje, nanjengoko olusuku ilusuku oluphawula amashumi amabini enesibhozo eminyaka uMzantsi Afrika uxhamla kumxhaxha we Nkululeko(28yrs of freedom). Noxa ibabazwa kangaka inkululeko, hayi wonke ubani ingakumbi ulutsha olu ngu mmi woMzantsi Afrika lunentsingiselo enye xakuthethwa ngayo.
Oku kuvele kwiincokwana ebezibanjwe lulutsha olu kwimibutho esuka kwimvaba ngeemvaba, nolumele amanina, amatshantliziyo kamakulinganwe ngokwesini ndawonye namagcisa. Ezincoko beziqulathe imiba yokungafumani ukhuseleko ezingingqini abahlala kuzo, inkululeko yamathuba omsebenzi ngenxa yeminyaka (Ageism), ukuhlukunyezwa kolutsha ukuba lunyobe ngalomhlaba ungezantsi ukuze luqeshwe emisebenzini (iCV enoboya).
iPhilippi Village ne Philippi Art Centre bebesingethe leminyhadala nalapho lamagcisa omculo, wemidaniso, nangabadlali beqonga engqishe ngenyawo kwaqhum'uthul'emanzini begqithisa imiyalezo ngezakhono zabo abazibonakalisileyo. Umyalezo wokuxatyiswa kwesixhobo sobugcisa ukuze kuvuleleke amathuba okuphumelela komntwana kabani ngetalente nesakhono sakhe, bekwamemelela abasemagunyeni kwisebe lezobugcisa nenkcubeko ukuba bathi gqolo, ukukhupha imali yenkxaso esengxoweni ukukhuthaza nokukhulisa elicandelo lezobugcisa.
#Crossingthebridgenews
#EntshonaKoloni
#PhilippiVillageNVC
#FLAMEGraduation
IBINGUMSITHO WOKUWONGWA KOOSOMASHISHINI ABAQINGQAYO
Izolo ibingumsitho wokuwongwa kwabo bebesenza izifundo zoshishino abazinikwa yi-Financial Literacy And Micro-Enterprise (FLAME).
Ezizifundo zijoliswe kwabo bangoo somashishini abasaqingqayo nabasajonge ukuhluma, kodwa okona kungamandla kukufundiswa ukulondoloza imali ngendlela ukuze ube ngusomashishini oqavileyo. Izolo ibilusuku lokuwonga aba bafundi esele benze lukhulu kwawabo amashishini ngoncedo lwalenkqubo. Benze uEnkosi benezibambathiso zokusebenzisa amava abawafumene kule nkqubo, bekhuthaza ukuba iqhubeke le nkqubo loxa bevula amathuba amatsha omsebenzi.
#Crossingthebridgenews
#EntshonaKoloni
#SamoraMachel_Eyadini
LENYUKE LAYOKUMA KWISHUMI ELINESIXHENXE INANI LAMATYOTYOMBE ATSHATYALALISWE NGUMLILO IZOLO
Basabambelele esimangeni abahlali bendawo yoogobityholo nebizwa ngokuba kuseYadini, emveni kokuba izindlu zabo zitshabalele emlilweni emin'emaqanda izolo. Iingxelo ezisuka komnye wabahlali nolilungu lesikhokelo ekuhlaleni u-Faku, ukungqinile ukuba kutshe kwangqungqa amatyotyombe alishumi elinesixhenxe ewonke(17). Usebesebe weentetha uthi unobangela wokutsha kwezizindlu yintombi ekhuphe iimpahla ezindala ngaphandle ngelinge lokuzitshisa, engaziwayo ngabahlali yeyokuba utshise iimpahla wabe eyokukha imbotyi phi na sele eshiya umlilo ungajongangwa mntu wada wanwena utshisa izindlu eziliqela.
Kudliwanondlebe sifumene amaxhoba alomlilo eseyindindi bambi besele neempahla abazinxibe esiqwini kuphela nanjengoko befumene umnxeba besesemsebenzini bengenako nokuhlangula impahla yendlu. Noxa umenzi eyityhiniphi babulela ukusebenzisana kwabahlali ekucimeni lomlilo nanjengoko kungekho namnye obikwa njengomfi okanye ingxwelerha ngenxa yalomlilo.
#Kwelinye_icala
iCrossingthebridgenews ibambisene nabaseki bephulo i-ResourceBank, neliphulo eliqokelela iimpahla, ifenitshala nokutya kwabo banesisa, namhlanje baqalisile ukuqokelela ngeminqweno yokuhlangula abo bangamaxhoba bazive befudumele nanjengoko ubusika bunkqonkqoza. Wena unomdla wokunikela ngoko ufikelela kuko, Nceda usichwethe kwezi nombolo
#068 518 1556 - Zizipho
#073 861 1424- Phumza
#074 386 1584- Axolile
#Crosssingthebridgenews
#eNtshonaKoloni
#BrownsFarm_Philippi
WENZ'UTYELELO KUMMANDLLA WASE PHILIPPI USODOLOPHU WESIXEKO SASE KAPA U-MNU GEORDIN HILL-LEWIS.
U-Sodolophu wesiXeko saseKapa nolilungu lombutho ophetheyo kweli leentlanzi i-DA, umnu. uGeordin Hill-Lewis, wenze utyelelo kulengingqi ngentsasa yanamhlanje, nalapho ebesisitatanyiswa kumsitho wokuphehlelela ngokusesikweni inkqubo ebizwa njenge P.E.P (Presidential Economic Programme). Lenkqubo ingokugxotha inxele likakhethsekile ngokudala amathuba engqesho kwiingingqi eziliqela kwesisixeko saseKapa ukuqala kwa Langa,Gugulethu,Nyanga ukuzokuthi ga nge Philippi.
Kudliwanondlebe alenze neentatheli uSodolophu, uphefumle wenjenje " Singurhulumente we-Ntshonakoloni size ngokuzophehlelela ngokusesikweni lenkqubo, esele iqashe amakhulu amane anamashumi amahlanu (450 residents) wabahlali abangqonge iilokishi, befumana inkxaso yezezimali kuRhulumente ka zwelonke. Lenkqubo isivumela siqeshe abahlali bezilokishi ukuba ibekwangabo abajonge immontlalo yengingqi zabo, kumacala ohlukeneyo ukuqala kugutyulo lwempuphuma yelindle, Ukhuseleko lwabo bazise iinkonzo ezisuka kumaspala xa sukube bezokulungiza iindlela, iimibane, ne mibhobho ehambisa ilindle."
Esaleka ngelithi " iPhulo lika Beatification elingococeko lwendawo ekuxelengwa kuyo iPhilippi Village lilo elingundoqo, ndinemihlali xa ndibona amanina egcwele kulenkqubo kuba ngabo abanesakhono sokugcina ucoceko lwalendawo."
Engalibelanga ukugxeka kabukhali izenzo ezifiphaza impucuko ezingingqini zethu, ezo zokonaliswa kweezakhiwo ezingundoqo,i ziseko zophuhliso nezilulutho eluntwini. Egxininisa ukuba abahlali mabazilumle kwizenzo ezinje kuba ziqhwalelisa uphuhliso lwesisiXeko sihle kangaka. uSonwabile Ngcwangu uth: " Nanjengoko kukho umba ongumceli mngeni xakusiziwa namathuba engqesho lowo we-(Ageism)ukuqeshwa ngokweminyaka, singu P.E.D.I sibelikhubalo nethemba kwabo bazifumene bengumpha ochutywe jwii walahlwa kuba ixesha likagilikankqo iCOVID19 nethe yashiya unintsi lud