Ezitshisayo

Ezitshisayo Ziphakwa zitshisa indaba zase kasi. We give news as it happens. Our townships our lives, our stories
(5)

SIKUGUBHULULA  NOKUBA PHANTSI KOLWANDLE.  PART 2! NGEBALI LAMAWELE. TOYITOYI NO TOYITOYANA. Bathi abadukanga bona bonwab...
28/02/2025

SIKUGUBHULULA NOKUBA PHANTSI KOLWANDLE.

PART 2!
NGEBALI LAMAWELE. TOYITOYI NO TOYITOYANA.
Bathi abadukanga bona bonwabile sihleli nezithandani zethu sonwabile.


Molo Admin sithi masibuyele kuwe silikhaya ngalomba walamawele u Toyitoyi no Toyitoyana

sibulele intsebenziswano kodwa Admin bakhona abalandeli abangasiqhubanga kakuhle abathi inoba sawakhubekisa la mawele.

La mawele onwabile apho akhoyo njengoko ubona ezi photo anezinqanda mathe lamawele Admin asenzanganto thina qha lamawele aginywe libhayi kuba athanda ubumnandi.
Sisawacenga ke u Mama wabo no Tata wabo bakhathazeke khakhulu ngabo Mababuye

28/02/2025

Hi bhuti wam bendicela undipostele marn, ndikhangela container endinoyiRenta for pheka erankin it can be rank yase mfuleni or eSite C natsi number yam 0678216039 enkosi..

Molo admini Hopefully Uyaphila NDICELA usincede torho Molweni Bethuna Bendicela nisukhangelise brother wam Asazi noba La...
28/02/2025

Molo admini Hopefully Uyaphila NDICELA usincede torho Molweni Bethuna Bendicela nisukhangelise brother wam Asazi noba Lahlrkile kodwa Yii 3 days Ngoku engabuyi endlin Since ngolwesithathu and Akayi nasemsebenzin akangomntu odukayo. LIKRWALA. UHLALA strand Greenfield. Ne fown Yakhe Icimile Asinamkhondo Oko besithi usentombini Ngoko
0612372709 Inumber. ndiyanicela bethuna. ASIYAZI KWALONTOMBI

28/02/2025

hi adzi ndicela ubuzisa ngomntu ochole i card le grant lika Sassa kunye ne ID ebhalwe Thembisa xalabile oyifumene Cela aze andibambe kule number 0646654995

Ndisukozicela kwamakhelwane kaloku nina anidibani nokufunda into ende. Natsho πŸ˜‚πŸ˜‚.Nidlule ngabo eKomani ngoba eCofimvaba ...
28/02/2025

Ndisukozicela kwamakhelwane kaloku nina anidibani nokufunda into ende. Natsho πŸ˜‚πŸ˜‚.

Nidlule ngabo eKomani ngoba eCofimvaba abukho ngomso

Logama amaKapa engxamele ukuzobeka umntu wabo nobedume ngokuba ngungqondongqondo kulwaphulo mthetho, uYanga Bara Nyalarha, bona abahlali baseCofimvaba nalapho kuzongcwatyelwa khona ubuti wonotaxi, bahleli ngoloyiko besoyikisela ubomi babo.

Ngalentseni umasipala wale dolophu, Intsika Yethu, ukhuphe ixwebhu nalapho esithi, ngosuku lwangoMgqibele zonke indawo ezithengisa utywala kule dolophu kufuneka zivale.

Uthi oku kukuzama ukukhusela abahlale bale dolophu, nje ngoko kulindeleke kube ngu qhusaaa kule dolophu xa kungcwatywa loka Nyalarha.

Umngcwabo wakhe kulindeleke ubanjelwe kwikhaya lakhe kwilali yaku Maya.

Ukanti sekuvakele ukuba zonke indawo ezilalisa abantu (B&B) kule dolophu zigcwele kuquka nezisezilalini.

UNyalarha usweleke kwiveki ephelileyo emva kokuvuthululwa ngamapolisa ngembumbulu ngethuba bekudubulana amapolisa kunye nonqevu abasixhenxe.

Isithandathu sonqevu kuquka no Nyalarha sawunabela uqaqaqa ngaphakathi kwimoto ezimbini ebabebaleka ngazo. Logama omnye wafunyanwa seketyiwe imilebe zizilo zamanzi ngaphakathi emlanjeni.

Kuvakala ukuba imoto ebabebaleka ngayo yaphulukana nendlela yayongena emlanje apho, eGcuwa kwindawo yaku Ndabakazi

Umasipala uthi ukhuseleko lwabantu bakhe lubalulekile kuye yhilento evala zonke ivenkile.

Ukanti kusukela ngoLwesine oko bekujikeleza imiyalezo kucelwa abantu bahlale ezindlini ukuqala namhlanje (Lwesihlanu). Kweminye imiyalezo kuthiwa abahlobo baka Nyalarha bagrogrise ngokumphindezelela emapoliseni. Kodwa okwangoku akukabikho bungqina balonto.

AmaKapa kulindeleke aqale ukugaleleka namhlanje kule dolophu. Kuvakala ukuba itaxi zika Nyalarha zikhutshiwe zonke ukuba zilayishe bonke abantu abafuna ukuya esingcwabeni sakhe kwaye akukho ntlawulo ilindelekileyo.

Ukanti umyalezo ubujikeleza kumakhasi onxibelelwano uthi, umntu okhwele kwezi taxi uzofumana isikipa sakhe esinobuso buka buti (ngabula bono taxi base Cofimvaba), kwaye ukutya endleleni kumahala de kujikwe.

NgoLwsithathu bekubanjwe inkonzo yesikhumbuzo ka Nyalarha kwindawo yase Site C eKapa.

Izithethi bezilapho zimtyibeke njenge lunga uNyalarha besithi indawo yakhe ebeyihoyile kwaye enikela nasezikolweni.

UNyalarha nozalwe ngonyaka ka 1992, usweleke sele enabantwana ababalelwa ku 15, abashiya ngasemva. Umama wakhe kunye no Dade wabo nabo basaphila utata yena akasekho usweleke ngonyaka ka 2022, ngethuba uNyalarha ebeseluvalelweni, nalapho ebejongene nezityholo zokubulawa kwabantu abayi 18, kunye nezinye zokuba neziyobisi, ubusela kuquka nokuba nemipu engekho mthethweni. Uye waphuma kunyaka opheleliyo emva kokusweleka kwamangqina aphambili ze akhoyo acele ukurhoxa ekungqineni.

Ebene taxi kwa Codeta eKhayelitsha eKapa, kwaye uchazwe njengosihlalo wo taxi base Cofimvaba emva kokuzonyula kodwa zange abe sasihlala esosihlalo njengoko wathi wadutyulwa emizuzwini nje ezonyule kwintlanganiso eyayibanjelwe kwiholo lase Cofimvaba edolophini neyayigcwele ime ngembambo ngabaqhubi be taxi.

Nangona engusihlalo we taxi eComfivaba umbutho we taxi kule dolophu awukhangeleki ngathi uyinxalenye yokuququzelela isingcwabo sika buti.

MaKapa kuthiwa ayikho iafter tears ngomso umasipala uzivale zonke indawo ezithengisa utywala eCofimvaba.
28/02/2025

MaKapa kuthiwa ayikho iafter tears ngomso umasipala uzivale zonke indawo ezithengisa utywala eCofimvaba.

KUFUNISWA NGOLU BABALO WASE SITE C  Hello admin slicela ukhangeliswa lomfana nguLubabalo uhlala esite c kwistrato sase s...
28/02/2025

KUFUNISWA NGOLU BABALO WASE SITE C

Hello admin slicela ukhangeliswa lomfana nguLubabalo uhlala esite c kwistrato sase shop 20 the last time we saw him ebephuma endlin past9 friday night ngelithi uyolala asimazi ke noba uye wolala ehokini yakhe or not ngoba Saturday morning siye sayomjonga kwakhe kuba besizoya somewhere safika engekho we assumed ba inoba uye eplaza but nasunday nothing nayizolo akaphangelanga akakekho nanamhlanje which is tuesday akekho and akazi mntu apha please ndcela onomkhondo afownele le number 0634149265

KUFUNISWA NGO ZUZIWE MBEKI WAKU GATYANE  Family yakwaMbeki icela ukhangeliswa uZuziwe Mbeki wakuGatyane wagqityelwa ngoN...
28/02/2025

KUFUNISWA NGO ZUZIWE MBEKI WAKU GATYANE

Family yakwaMbeki icela ukhangeliswa uZuziwe Mbeki wakuGatyane wagqityelwa ngoNovember esiya eKomani nomhlobo wakhe,itshomi leyo yakhe ifumaneke eKapa ithi yamshiya eMall eKomani.Niyacelwa bantu bakuthi ombonileyo afounele kuleminxeba 0780557014/0603115856

28/02/2025

KHANIFOWNELE IZIHLOBO ZENU BETHUNA

Molo Adzi. Abantu mabakhangele izihlobo zabo eziphangela kulamacala ase Elsies/Goodwood and N1 kukho Quantum yaseKhayelitsha engene yaphelela kwi Yard pha kweza Roborts zase6. Around Elsies river

28/02/2025

BETTER LIFE NGAKWA SHELL

molo admin,there's someone osando linyazwa ebetter life kfuphi nakwa shell if konomtu ono brother ongabuyanga bangazo fanisa,we couldnt take pictures cause akasa phili....ngumntu osemtsha and akaka gqibi ne hour elapha

28/02/2025

KWENZEKA NTONI eSITE C??

Sifumene lembalelwano ingezantsi:
Admin khobaleke mhlobam krobe Site C khobaleke mhlobam ingathi ukhona unotexi or umhlali owileyo pha kula Site C Taxi Renk. Qhaa andibonanga kakuhle.

28/02/2025

SITE C Khayelitsha kwenzekani BALANDELI?


ADZILELE khanibaleke nize apha Site C iyashuba ndaba iza uzova konke apha izithonga ngathi kudilika mgodi kubi.

GENUINE CLOTHING Co IZANI BALANDELI. OOMATHENGA THENGISA N**I MPAHLA. Ningathi asinixelelanga busika bungenile. Sizanibo...
27/02/2025

GENUINE CLOTHING Co IZANI BALANDELI. OOMATHENGA THENGISA N**I MPAHLA.

Ningathi asinixelelanga busika bungenile. Sizanibonisa kungekudala LIVE wazo.

+27 81 277 2302 contact sifakeni order

IMOTO KABANI LE?Ezitshisayo Ukuba ukhona umntu  olahlekwe yimoto imiswe phambi kwesekile eMfuleni ngase New Taxi rank an...
27/02/2025

IMOTO KABANI LE?
Ezitshisayo

Ukuba ukhona umntu olahlekwe yimoto imiswe phambi kwesekile eMfuleni ngase New Taxi rank and isaduma akhomntu kuyo. Isizathu soba ndicinge idantshiwe ime phakathi endleleni and iyaduma

TOYITOYI NO TOYITOYANA. NIYAKHUNJULWA NGABAZALI BUYANI NGOKU EKHAYA.  Hi Admin Sicela usincede silikhaya ngo Bhuti  beth...
27/02/2025

TOYITOYI NO TOYITOYANA. NIYAKHUNJULWA NGABAZALI BUYANI NGOKU EKHAYA.


Hi Admin Sicela usincede silikhaya ngo Bhuti bethu abangamawele u Toyitoyi no Toyitoyana ngabaku Centane e Qina e Mantetyeni baneminyaka bengasalibeki eKhaya inoba singcwabe kade kakathathu bengezi asiyazi ingxaki ukuba iphi xa befakelwe imali yobuya ababuyi bacima ii fowni bayitye lomali sabagqibela bese Bhayi kumhlaba wase Addo asiyazi noba baselapho na kuba bayahambahamba. bayakhunjulwa likhaya lonke siyabacenga iziduko ngo Jola,Qengeba,Mphankomo balunge kakhulu ababantu asiyazi sabenzan bathembisa oko ngobuya kodwa dololo yiminyaka
Kuthwa ngu Tar- Lafisto no Tar-Notiko iziqhulo zabo.

Address

Khayelitsha
Cape Town
8000

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Ezitshisayo posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Contact The Business

Send a message to Ezitshisayo:

Videos

Share

Category